Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukuphumeza Imbopheleleko Yokuba Ngumzali

Ukuphumeza Imbopheleleko Yokuba Ngumzali

Ngaba usakhumbula xa wawuqala ukufunqula usana lwakho emva kokuzalwa kwalo?

Mhlawumbi wakhawuleza waqonda ukuba lo asingomdlalo, kuseza kuqengqeleka iminyaka umntwana efuna uncedo. Wakhawuleza wabubona ubukhulu bembopheleleko onayo.

NAKUBA kukudala imbopheleleko yokuba ngumzali ingekho lula, sele inzima ngokukhethekileyo namhlanje. Ngoba? Kaloku ihlabathi liye lantsonkotha ngakumbi kunaxa wawungumntwana. Ezinye zeengxaki zokuziphatha abajamelana nazo abantwana—xa besebenzisa i-Intanethi, ngokomzekelo—bezikade zingekho.

Unokumnceda njani umntwana ajamelane nemigibe yokuziphatha yeli hlabathi? Nazi iindlela ezintathu onokumnceda ngazo.

1 Yichaze phandle imilinganiselo yakho.

Njengokuba abantwana bekhula, bangxixhwa ngenkcazelo ephosakeleyo ngokuziphatha. Obu buxoki buye bubonakale nangakumbi xa abantwana bengaphezu kweminyaka elishumi ubudala. Kodwa ke, uphando lubonisa ukuba abantwana abafikisayo bakhetha ukuphulaphula abazali babo ngaphezu koontanga xa besenza izigqibo ezibalulekileyo.

Into onokuyenza. KuSirayeli wamandulo, abazali babekhuthazwa ukuhlala bethetha nabantwana babo ukuze babethelele imilinganiselo yobulungisa. (Duteronomi 6:6, 7) Yiloo nto omele uyenze nakowakho. Ngokomzekelo, ukuba uphila ngemilinganiselo yeBhayibhile, mchazele isizathu sokuba ucinga ukuba yeyona ndlela ibhetele.

 2 Mncede ayiqonde imiphumo.

IBhayibhile ithi: “Loo nto ayihlwayelayo umntu, uya kuvuna kwayona.” (Galati 6:7) Lo mgaqo wenza nemiphumo ibonakala phantse kuyo yonke into ebomini. Cinga ngoxa wawusakhula. Inkoliso yezinto osazikhumbulayo owafundayo kuzo zezo wafumana imiphumo yezenzo zakho.

Into onokuyenza. Mxelele ngabantu bokwenene abaye bafumana imiphumo ebuhlungu ngenxa yokukhetha kwabo ikhondo elibi okanye ngezinto ezintle eziye zazuzwa ngabo bakhetha ikhondo elihle. (Luka 17:31, 32; Hebhere 13:7) Sukumkhusela umntwana wakho kwimiphumo emibi yeempazamo zakhe. Ngokomzekelo, masithi ngokungakhathali, unyana wakho waphula into yokudlala yomnye umntwana. Unokumxelela ukuba anikise ngeyakhe kuloo mntwana. Akayi kukhawuleza asilibale eso sifundo sokuhlonela izinto zabanye.

3 Mncede abe nobuntu obuhle.

IBhayibhile ithi: “Abantwana babonakalisa eyona nto bayiyo ngezinto abazenzayo; ubabona apho xa benyanisekile naxa belungile.” (IMizekeliso 20:11, Good News Translation) Njengokuba abantwana bekhula, buya bucaca ubuntu babo. Okubuhlungu kukuba, abanye baveza imikhwa emibi. (INdumiso 58:3) Kodwa ke abanye baba nezimilo, bezakhela igama elihle. Ngokomzekelo, xa wayebhalela ibandla ngokuphathelele ityendyana uTimoti, umpostile uPawulos wathi: “Andinamntu wumbi onokuninyamekela njengaye.”—Filipi 2:20.

Into onokuyenza. Ukongezelela ekubetheleleni imiphumo, njengokuba kuchaziwe ngaphambili, nceda umntwana acinge ngeempawu anqwenela ukwaziwa ngazo. Xa bevavanywa, abaselula banokufunda ukwenza izigqibo ezilungileyo ngokuzibuza le mibuzo:

IBhayibhile inentaphane yemizekelo yokwenene yamadoda namabhinqa, aziwa ngokulunga nokungalungi ngenxa yezenzo zawo. (1 Korinte 10:11; Yakobi 5:10, 11) Sebenzisa le mizekelo ukunceda umntwana wakho azabalazele ukuba neempawu ezintle.

Iimpapasho zamaNgqina kaYehova zinokukunceda ubone indlela onokuyisebenzisa ngayo imigaqo yeBhayibhile kwintsapho yakho, nendlela onokubanceda ngayo abantwana bakho benze okufanayo.