Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukujamelana Neengxaki Zokuyeka Ukuya Exesheni

Ukujamelana Neengxaki Zokuyeka Ukuya Exesheni

“Intliziyo yam yayivele ibe buhlungu ndingenziwanga nto. Ndandikhala ndide ndicinge ukuba ndishiywa ziingqondo.”—URondro * oneminyaka eyi-50.

Uvuka ekuseni indlu yakho ithe saa. Awuziboni izinto zakho. Izinto ebekukade kulula ukuzenza ngoku zinzima, awusazi isizathu.”—UHanta oneminyaka eyi-55.

LA MABHINQA ayengaguli. Kunoko kwakusenzeka utshintsho emizimbeni yawo, ayeyeka ukuya exesheni nokufumana abantwana. Ukuba ulibhinqa, ngaba sele uza kuyeka? Ngaba sele uyekile? Enoba ukweyiphi imeko kwezi, xa wena nabo ubathandayo nisazi konke okwenzekayo xa umntu eyeka ukuya exesheni, uya kukwazi ukujamelana neengxaki osenokudibana nazo.

Ukuyeka Ukuya Exesheni

Ukuyeka ukuya exesheni kuthetha ixesha laxa sele uza kuyeka naxa sele uyekile. *

Amabhinqa amaninzi aqalisa ukuyeka xa ekwiminyaka ephakathi kweyi-40 neyi-49, ukanti amanye xa ekwiminyaka ephakathi kweyi-60 neyi-69. Kwezinye iimeko ukuya exesheni kuyeka kancinci kancinci. Ngenxa yokutshintshatshintsha okwenzeka emzimbeni webhinqa, lisenokungayi exesheni kwezinye iinyanga, lophe ngamaxesha angaqhelekanga okanye lophe kakhulu. Iqaqobana lamabhinqa livele liyeke.

IMenopause Guidebook ithi: “Ibhinqa ngalinye liyeka ngendlela yalo ukuya exesheni. Eyona nto idla ngokukhathaza kukuba nesifuthufuthu esigqithiseleyo (hot flush), esisenokulandelwa kukugodola.” Oku kusenokukwenza ungalali kakuhle, uze utyhafe. Kuthatha ixesha elingakanani? Ngokutsho kweThe Menopause Book, “amanye amabhinqa aba nesi sifuthufuthu kangangonyaka okanye emibini xa  eyeka ukuya exesheni. Kwamanye sibakho kangangeminyaka, bambalwa kakhulu esibakho ngamaxesha athile ubomi babo bonke.” *

Ngenxa yolu tshintsho, ibhinqa lisenokuba noxinezeleko, uthi ubuligqibele lonwabile ulibone seliqumbile, nto leyo ebangela ukuba likhale, lingakwazi ukunikel’ ingqalelo okanye lilibale msinya. Nokuba kunjalo, iThe Menopause Book ithi, “ayinakufane yenzeke into yokuba ibhinqa elinye libe nazo zonke ezi zinto.” Amanye aba neengxaki ezimbalwa okanye zingabikho kwaphela.

Unokujamelana Njani Nale Meko?

Ukutshintsha indlela yokuphila kunokuzinciphisa ezi ngxaki. Ngokomzekelo, abo batshayayo banokuliyeka icuba. Amanye amabhinqa aye ancedwa kukutshintsha indlela atya ngayo, njengokungayi kakhulu okanye bade bayeke ezinxilisayo, izinto ezinecaffeine nokutya okunezinongo okanye okuneswekile eninzi, zinto ezo ezinokubangela isifuthufuthu esigqithiseleyo. Kubalulekile ukutya kakuhle.

Nokujima kungakunceda ekwehliseni ezi ngxaki. Ngokomzekelo, kunokukunciphisa ukuphuthelwa kuze kukuncede usoloko wonwabile, komeleze amathambo kuze kuphucule nempilo yakho. *

Thetha Ngengxaki Yakho

URondro ocatshulwe ngasentla uthi: “Sukufela ngaphakathi, ukuba uzityand’ igila kubantu obathandayo kuya kubanceda nabo bangamangali xa bebona nantoni na eyenzekayo kuwe.” Basenokuba nomonde kuba beyiqonda ingxaki yakho. Eyoku-1 kwabaseKorinte 13:4 ithi: “Uthando lunomonde yaye lunobubele.”—IGood News Translation.

Amanye amabhinqa aquka lawo asentlungwini yokuba engazukuba nabantwana ancedwa kukuthandaza. IBhayibhile iyasiqinisekisa: ‘UThixo usithuthuzela kuyo yonke imbandezelo yethu.’ (2 Korinte 1:4) Enye into ethuthuzelayo kukwazi ukuba iingxaki ezibangelwa kukuyeka ukuya exesheni ziyadlula. Emva kwazo, amabhinqa aqhubeka eyikhathalele impilo yawo anokuphinda abe semandleni aze anandiphe eminye iminyaka emininzi.

^ isiqe. 2 Amagama atshintshiwe.

^ isiqe. 6 Oogqirha bathi kunokuthiwa ibhinqa liyekile ukuya exesheni xa lingayanga iinyanga eziyi-12 zilandelelana.

^ isiqe. 8 Zikho nezinye izigulo ezifana nesifo sedlala lengqula, ukosuleleka zizifo ezithile namanye amayeza anokubangela isifuthufuthu esingaqhelekanga. Kuya kuba bubulumko ukuqiniseka ukuba asibangelwa yenye yezo zinto ngaphambi kokuba uthi sibangelwa kukuyeka ukuya exesheni.

^ isiqe. 12 Oogqirha banceda izigulane zabo eziyekayo ukuya exesheni ngokuzinika amayeza ahlukahlukeneyo afana nalawo anceda iihormones, iipilisi ezinezondlo ezifumaneka ekutyeni neziphelisa uxinezeleko. UVukani! akancomeli uhlobo oluthile lonyango.