Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 UKUNCEDA IINTSAPHO | ABAFIKISAYO

Ukuba Nesimilo Xa Usebenzisa Ifowuni

Ukuba Nesimilo Xa Usebenzisa Ifowuni

INGXAKI

Uhleli netshomi yakho niyancokola, kusuke kungene isms efowunini yakho. Ufanele wenze ntoni?

  1. Uyifunde ngoxa nincokola.

  2. Uthi “uxolo ndicela ukufunda le sms.”

  3. Uqhubeke uthetha netshomi yakho ungayihoyi le sms.

Inomsebenzi na into oyenzayo xa kungena isms? Ewe inawo!

OKO UMELE UKWAZI

Ukubhalela isms omnye umhlobo ngoxa uhleli nomnye kufana nokudlala umdlalo owuthandayo kodwa ube ungawudlali ngendlela yawo. Usenokuthi, ‘Kodwa ziitshomi zam zombini nje.’ Sifuneka xa kulapho ke isimilo. Phofu loo nto ayithethi ukuba ufanele ngoku ube nocwangco gqitha ude uzenze mdala. Kodwa ke nantsi inyani: Ukuba awunasimilo kwiitshomi zakho, kungekudala uya kuzibona sowungenazo.

Ngoba kutheni? Kaloku abantu abakuthandi ukungaxatyiswa. Intwazana enguBeth * ithi, “Ndiyadikwa xa ndithi ndincokola netshomi yam ibe imane ijongana nefowuni yayo ngokungathi kukho le nto ibhetele iyilindeleyo!” Ucinga ukuba uBeth uza kuyinyamezela ixesha elingakanani loo nto?

Khawucinge ngendlela wena oyisebenzisa ngayo ifowuni, uze ujonge ezaa ndlela zintathu sithethe ngazo ekuqaleni. Ukhetha eyiphi wena? Mhlawumbi uyabona ukuba u-A ayisosimilo. Kodwa uthini ngo-B no-C? Ngaba kuwe kukrwada ukuphazamisa incoko kuba nje ufuna ukujonga isms? Okanye ubona kukrwada ukungayihoyi isms kuba uncokola?

Njengokuba ubona, akululanga ukuba nesimilo. Kodwa iBhayibhile inganceda, kuba ithi: “Kanye njengoko nifuna abantu benze kuni, yenzani ngendlela efanayo kubo.” (Luka 6:31) Unokulisebenzisa eli cebiso leBhayibhile xa usebenzisa ifowuni. Njani?

 OKO UNOKUKWENZA

Khetha amaxesha afanelekileyo okubhala isms. Umfana onguRichard uthi, “Ngamanye amaxesha kuye kungene isms ezinzulwini zobusuku. Ayibalulekanga nakangako, qha iphazamisana nobuthongo bam!” Khawuzibuze, ‘Ngaba ndiyababhalela abantu isms ngexesha ekusenokwenzeka ukuba balele ngalo?’—Umgaqo weBhayibhile: INtshumayeli 3:1.

Thetha kamnandi. Incoko yakhiwa ngamazwi, isandi selizwi, imbonakalo yobuso nezimbo zomzimba. Kodwa ke ezo zinto aziveli xa kubhalwa phantsi. Ngoko ke, ungayinonga njani into oyibhalayo? UJasmine ucebisa ngokuthi: “Bhala amazwi amnandi. Njengokuthi ‘Unjani namhlanje?’ ‘Ndiyacela’ nokuthi ‘Enkosi.’”—Umgaqo weBhayibhile: Kolose 4:6.

Yiba nobulumko. Phinda ubuyele ekuqaleni kweli nqaku phantsi komxholo othi “Ingxaki.” Ukuba ubulindele isms ebalulekileyo, kungafuneka uqhawule incoko ucele ukuya kuyihoya. Kodwa amaxesha amaninzi, isms inokujongwa ngelinye ixesha. Intombazana uAmy eneminyaka eyi-17 ithi, “Ifowuni ayibaleki, uza kuyifumana isekhona xa itshomi yakho igqibile ukuncokola, kodwa ungathi ugqiba ukubhala isms ibe itshomi yakho sele ingekho.” Unokwenza okufanayo naxa uhleli nabahlobo, mhlawumbi nisepatini. UJane intombi eneminyaka eyi-18 uthi, “Sukusoloko ucofana nefowuni xa uhleli nabantu ngoba loo nto inokubenza bacinge ukuba udikiwe ngabo.”

Cinga ngaphambi kokuba ucofe iqhosha lokuthumela isms. Ngaba le sms uza kuyithumela ayizukuqondwa ngenye indlela na? Ngaba imifanekiso oyithumela nesms ibonisa le nto kanye uyibhalileyo? UAmber oneminyaka eyi-21 uthi, “Ukuba uyadlala beka ubuso obuncumileyo. Abantu bayakhathazeka ibe bangade baxabane kuba bengayiqondanga loo nto ithunyelweyo efowunini mhlawumbi bekudlalwa.”—Umgaqo weBhayibhile: IMizekeliso 12:18.

Yinyani into yokuba, ibalulekile indlela oyisebenzisa ngayo ifowuni!

Into omawucinge ngayo: Ukuba nesimilo kuhambisana nothando. Unokulubonakalisa njani uthando? IBhayibhile ithi: “Uthando luzeka kade umsindo yaye lunobubele. Uthando alunakhwele, alugwagwisi, alukhukhumali, aluziphathi ngokungandilisekanga, alufuni ezalo izilangazelelo, alucaphuki.” (1 Korinte 13:4, 5) Kwezi mpawu zothando, luluphi wena ekufuneka uphucule kulo?

^ isiqe. 11 Amanye amagama atshintshiwe.