Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

AMAZWE NABANTU

Ukutyelela EHonduras

Ukutyelela EHonduras

IGAMA elithi Honduras lithetha “ubunzulu” ngeSpanish. Kusenokwenzeka ukuba uChristopher Columbus wasebenzisa eli gama xa wayebhekisa kumanzi akunxweme lweli lizwe. Abanye bathi yalifumana njalo iHonduras igama layo.

AmaHonduras ngabantu abakuxabise kakhulu ukuthembana entsatsheni nokwenza izinto kunye. Ngokomzekelo, izigqibo ezibalulekileyo zentsapho ezifana nezinto ezimele zithengwe ekhayeni kunye nemfundo yabantwana zidla ngokwenziwa yindoda nomfazi.

Uninzi lwamaHonduras ngamamestizo, uhlanga olungumxube wabelungu nabemi bomthonyama. Basekho nabemi bomthonyama abangangxengwanga njengamaChortí. Iingcambu zookhokho bamanye amaHonduras njengamaGarifuna zikwamanye amazwe.

Imvumi engumGarifuna ibetha igubu

Ookhokho bamaGarifuna yayiziinzalelwane zaseAfrika namaNdiya aseCarib awayehlala kwisiqithi saseSt. Vincent. AmaGarifuna afika kwiziqithi zaseIslas de la Bahía (iziQithi zaseBay) malunga nonyaka ka-1797, aza kamva ahlala kuNxweme lweCaribbean, ekuMbindi weMerika. Ukusuka apho amaGarifuna aye anwenwela nakwezinye iindawo ezikuMbindi noMntla Merika.

AmaGarifuna akuthanda gqitha ukubetha amagubu nokungqungqa. Anesinxibo esinemibalabala egqamileyo, ibe ayakuthanda ukubalisa iintsomi kunye nokutya okufana ne-ereba (ikeyiki enkulu esicaba eyenziwe ngengcambu yecassava).

EHonduras kukho amabandla amaNgqina kaYehova ayi-400. Iintlanganiso zibakho ngesiGarifuna, isiMiskito, isiNgesi, iNtetho yezandla yaseHonduras, iSpanish kunye nesiTshayina esenziwe lula.

Iereba, ikeyiki enkulu esicaba eyenziwe ngengcambu yecassava