Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UDLIWANO-NDLEBE | NOGQR. GENE HWANG

Uchwepheshe Wezibalo Ubalisa Ngokholo Lwakhe

Uchwepheshe Wezibalo Ubalisa Ngokholo Lwakhe

UGqr. Gene Hwang, owazalwa ngo-1950 kwilizwe laseTaiwan eTainan wayenguprofesa wezibalo kwiYunivesithi iChung Cheng eTaiwan. Wayesakuba nguprofesa kwiYunivesithi iCornell eMerika, apho wayefundisa kwaye esenza uphando ngezibalo. Iziphumo zophando lwakhe bezisetyenziswa kakhulu kwezezibalo, ibe nangoku usabandakanyekile. Eselula, wayekholelwa ukuba ubomi bazivelela. Kodwa kamva wabona ngenye indlela. UVukani! ukhe wambuza ngomsebenzi nangeenkolelo zakhe.

Ziziphi izinto owazifundayo ngoxa wawuselula?

Isikolo sam sasifundisa ngokuzivelela kwezinto, kodwa akho mntu wandichazelayo ukuba baqala njani ubomi. Xa abazali bam baba kwinkolo yamaTshayina iTaoists , ndandidla ngokumamela imithetho yale cawa ndize ndibuze nemibuzo emininzi. Kodwa zimbalwa iimpendulo ezandanelisayo.

Kwakutheni ukuze ube nguchwepheshe wezibalo?

Xa ndandisekumabanga aphantsi, ndamangaliswa ndaza ndaba nomdla kwizibalo. Umdla wam wakhula nangakumbi xa ndaya eyunivesithi. Kum, ubungqina obucacileyo bezibalo bubangel’ umdla.

Kwakutheni ukuze ube nomdla eBhayibhileni?

UJinghuei unkosikazi wam, waqalisa ukufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova ngo-1978, ibe nam ndandikhe ndincokole nawo. Ngelo xesha sasihlala eMerika. UJinghuei wayefumene isidanga kwisayensi, ibe mna ngelo xesha ndandikwiYunivesithi iPurdue yaseIndiana ndisenza izibalo.

Wawunaziphi iingcinga ngeBhayibhile?

Yayindimangalisa ingxelo ethetha ngendlela umhlaba olungiswe ngayo ukuze kuphile abantu. Ngokwahlukileyo kumabali amandulo, izihlandlo ezintandathu zokudala ezichazwe kwiGenesis, zibonakala zingqamana nendlela umhlaba oyiyo. * Sekunjalo, kangangeminyaka ndandingakholelwa ukuba ukho uMdali.

Yintoni eyayisenza kube nzima ukukholelwa kumdali?

Ukukholelwa kuMdali kwakuya kuthetha ukungaluhoyi unqulo endafundiswa lona ndisengumntwana

Oku kwakuchaphazela nendlela endandifundiswe ngayo. Ukukholelwa kuMdali kwakuya kuthetha ukungaluhoyi unqulo endafundiswa lona ndisengumntwana, ngenxa yokuba iTaoism yayingafundisi ngobukho bukaThixo okanye uMdali.

Ekuhambeni kwexesha, wabona ngenye indlela. Kwakutheni?

Okukhona ndicinga ngokuzivelela kwezinto, kokukhona ndaqinisekayo ukuba isidalwa sokuqala simele ukuba sasintsokothile. Ngokomzekelo, sasifanele sikwazi ukwanda, nto leyo eyayifuna inkcazelo yemizila yemfuza nobuchule bokuphindaphinda loo nkcazelo. Nkqu neseli ephilayo ifuna ubuchule bokwenza kubekho enye iseli, nto leyo eyenza loo seli ikhule kwaye ifumane amandla. Kwenzeka njani ukuba into engaphiliyo isuke ibe khona? Njengochwepheshe wezibalo, ndandingenakuyamkela loo nto.

Yintoni eyakwenza wazifundisisa kakuhle iimfundiso zamaNgqina kaYehova?

Ndandikhe ndifunde namaNgqina siphinde siyeke. Ngo-1995, xa ndandityelele eTaiwan, ndagula ibe ndandifuna ukuncedwa. Ngoxa eseMerika, unkosikazi wam wafowunela amaNgqina kaYehova aseTaiwan. Kuba iibhedi zazinqabile, la maNgqina andifumana ndingaphandle esibhedlele ndiphelelwe ngamandla. Elinye lawo landithatha landisa kwihotele ukuze ndiphumle. Wayemane esiya kundijonga ibe kamva wandisa ekliniki ukuze ndifumane unyango.

Inkathalo enjalo yandichukumisa, ibe yandenza ndacinga ngendlela aqhubeka ebonisa ububele ngayo amaNgqina kaYehova kwintsapho yam nakwezinye iimeko. Ukholo lwabo lubenze bohluka. Ngoko ndaphinda ndaqalisa ukufunda iBhayibhile kunye nabo. Kunyaka olandelayo ndabhaptizwa.

Ngaba ukwazi kwakho ngeBhayibhile kuyaphikisana nezinto owawuzifunde esikolweni?

Tu ke ngoku! Kwiminyaka edluleyo ndikhe ndanceda oososayensi abafunde ngendlela esebenza ngayo imizila yemfuza (DNA) ngezibalo. Ukufunda ngemfuza kusenza siqonde ngendlela ekwenzeke ngayo ukuze ubomi bubekhona—ibe olo lwazi lundenza ndimangaliseke ngenxa yobulumko boMdali.

Khawusenzele umzekelo wobu bulumko uthetha ngabo.

Khawucinge ngemveliso. Ezinye izidalwa, njengeeamoeba, azinankunzi okanye ithokazi. Inzala yezi amoeba ayixhomekekanga kwinkunzi nethokazi ngenxa yokuba zenza ikopi, ize naloo kopi yenze ezinye. Kwelinye icala, uninzi lwezidalwa luzala ngokudibana kwenkunzi nethokazi. Kutheni ukuvela kwenzala kumangalisa nje?

Kutheni inkqubo yokuvelisa ngeekopi eyenzeke kangangexesha elide—isuke itshintshe kuze kubekho inkqubo yokudibana kwenkunzi nethokazi? Ukuze le nkqubo yenzeke kwakufuneka inxalenye kwicala lenkunzi nenye kwicala lethokazi, zize zidibane nto leyo eyenza izazi ngendalo zibhideke ngenxa yokuntsokotha kwale nto. Ngokwembono yam, ukuzalwa kwezinto eziphilayo kubonisa indlela esebenza ngayo ingqondo kaThixo.

^ isiqe. 11 Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngezihlandlo zokudala, jonga incwadana ethi, Ngaba Izinto Eziphilayo Zadalwa? epapashwe ngamaNgqina kaYehova. Iyafumaneka naku-www.mr1310.com/xh.