Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ungathandaza Njani Ukuze Uviwe NguThixo?

Ungathandaza Njani Ukuze Uviwe NguThixo?

UYehova uThixo “umamela imithandazo.” (INdumiso 65:2) Singathetha naye kungakhathaliseki ukuba siphi, nini nokuba sithethela ngaphakathi okanye ngaphandle. UYehova ufuna simbize “Tata” ibe ungoyena Tata ubogqitha bonke. (Mateyu 6:9) Kuba esithanda, uyasifundisa indlela esingathandaza ngayo ukuze siviwe nguye.

THANDAZA KUYEHOVA EGAMENI LIKAYESU

“Ukuba nicela nantoni na kuTata egameni lam, uza kuninika.”​—Yohane 16:23.

Amazwi kaYesu abonisa ngokucacileyo ukuba uYehova ufuna sithandaze kuye, singasebenzisi imifanekiso, singathandazi kwiingcwele, kwiingelosi okanye kwizinyanya, kodwa simele sithandaze egameni likaYesu. Le nto ithetha ukuba xa sithandaza, sifanele sichaze ukuba ezi zinto sizicelayo sizicela egameni likaYesu. Xa sisenza loo nto, sibonisa ukuba siyayiqonda into yokuba uYehova umamela imithandazo ngenxa yento esayenzelwa nguYesu. Kangangokuba uYesu wathi, “Akukho mntu uya kuTata engayi ngam.”—Yohane 14:6.

THETHA OKO KUSENTLIZIYWENI YAKHO

“Mxeleleni zonke izinto ezisentliziyweni yenu.”​—INdumiso 62:8.

Xa sithandaza kuYehova, sifanele sithethe ngendlela esithetha ngayo notata osithandayo. Endaweni yokufunda izinto ezisencwadini, okanye siphinda-phinde izinto ebesizinkqayile, sifanele sithandaze kuye ngokuzithoba size sithethe izinto ezisentliziyweni.

THANDAZA NGOKUVUMELANA NOKUTHANDA KUKATHIXO

“Uyasiva xa sicela nantoni na evumelana nokuthanda kwakhe.”​—1 Yohane 5:14.

EBhayibhileni, uYehova uThixo uyasixelela izinto aza kusenzela zona, nezinto afuna thina simenzele zona. Ukuze uThixo ayamkele imithandazo yethu, sifanele sithandaze ngokuvumelana “nokuthanda kwakhe.” Eyona nto iza kusinceda sikwazi ukuyenza loo nto kukufunda iBhayibhile size simazi kakuhle uThixo. Xa sisenza ngolo hlobo, imithandazo yethu iza kumvuyisa.

ZIINTONI ESINOKUZITHANDAZELA?

Thandazela Izinto Ozidingayo. Singacela izinto esizidinga yonke imihla ezinjengokutya, impahla, nendawo yokuhlala. Kanti singacela nobulumko obuza kusinceda sikwazi ukwenza izigqibo ezifanelekileyo, namandla okumelana neengxaki esinazo. Sithandazele ukholo, sicele uncedo lukaThixo nokuxolelwa.—Luka 11:3, 4, 13; Yakobi 1:5, 17.

Celela Abantu Uncedo KuThixo. Abazali ababathandayo abantwana babo bavuya kakhulu xa abantwana babo besondelelene. Nathi ke singabantwana bakaYehova, ibe ufuna sithandane size sikhathalelane. Sifanele sithandazele nabantu esitshate nabo, abantwana bethu, abantu esizalana nabo, kunye nabahlobo bethu. UYakobi wasikhuthaza wathi ‘masithandazelane.’—Yakobi 5:16.

Bulela UThixo. UThixo nguMdali wethu, ibe iBhayibhile ithi ngaye: Wenza “izinto ezintle, eninika iimvula ezivela ezulwini nezivuno, eninika ukutya okwaneleyo aze aqinisekise ukuba niyonwaba.” (IZenzo 14:17) Xa sicinga ngazo zonke izinto uThixo aye wasenzela zona, siza kutsho sikwazi ukumbulela ngokusuka entliziyweni kwimithandazo esiyenzayo. Enye into, simele simbonise uThixo ukuba siyambulela ngezi zinto ngokuthi simthobele.—Kolose 3:15.

YIBA NOMONDE UZE UNGAYEKI UKUTHANDAZA

Ngamanye amaxesha, sisenokukhathazeka xa imithandazo yethu ingaphendulwa msinya. Ngaba loo nto ithetha ukuba uThixo akasikhathalelanga? Hayi! Jonga le mizekelo ebonisa ukuba sifanele siqhubeke sithandaza.

USteve ebesithethe ngaye kwinqaku lokuqala uthi, “Ukuba ndandingazange ndiqhubeke ndithandaza, ngendaphelelwa lithemba lokuba ndingaze ndiphinde ndonwabe ebomini.” Yintoni eyamncedayo? Waqalisa ukufunda iBhayibhile waza wabona indlela ekubaluleke ngayo ukungayeki ukuthandaza. Uthi, “Ndiye ndithandaze kuThixo ndimbulela ngokundipha abahlobo abandithandayo nabasoloko bendixhasa. Ngoku ndonwabe kakhulu.”

Usamkhumbula uJenny owayeziva engabalulekanga ukuba angade aviwe nguThixo? Uthi, “Xa ndiziva ndingabalulekanga kakhulu, ndiye ndithandaze kuThixo ndimcele ukuba andincede ndiqonde ukuba kutheni ndiziva ngale ndlela.” Ngaba le nto iyamnceda uJenny? Uthi, “Ukuthetha noThixo kundinceda ndizijonge ngendlela yena andijonga ngayo, nditsho ndibone ukuba noba ndiziva ndingabalulekanga kangakanani, kuThixo ndibalulekile. Enye into, ukuthandaza kundincede andatyhafa.” Iphumele entwenini yonke le nto? Ngoku uJenny uthi: “Ukuthandaza kundenze ndabona ukuba uYehova nguThixo okhathalayo, noMhlobo onothando. Ndibone nokuba uza kusoloko endinceda, ukuba nje ndiqhubeka ndisenza izinto azithandayo.”

UIsabel uthi xa ebona unyana wakhe ehlala evuya nangona eneziphene, “Ndiye ndibone ukuba nyhani imithandazo yam iphenduliwe.”

Usamkhumbula yena uIsabel? Xa wayekhulelwe, ugqirha wakhe wamxelela ukuba umntwana wakhe uza kuzalwa enezinto angakwaziyo ukuzenza. Waba buhlungu kakhulu, abantu besithi makavele asikhuphe isisu. Uthi, “Ndandiziva ngathi ndizovele ndisweleke ngenxa yentlungu endandikuyo.” Wenza ntoni ke? Uthi, “Ndathandaza kuThixo ndingancami, ndimcela ukuba andincede.” Ethubeni, wazala unyana wakhe uGerard, ewe ke nyhani wayenezinto angakwaziyo ukuzenza. Kodwa ngaba uIsabel uziva ngathi uThixo akazange ayiphendule imithandazo yakhe? Hayi! Kodwa uyiphendule njani? Uthi: “Xa ndibona unyana wam oneminyaka eyi-14 ehlala evuya nangona eneziphene, ndiye ndibone ukuba nyhani uYehova uThixo uyiphendule imithandazo yam. Unyana wam wonwabile, ibe ndiyabona ukuba usesona sipho sihle ndakha ndasiphiwa nguThixo.”

Izinto ezithethwa ngaba bantu bachaziweyo ngaphezulu zisikhumbuza amazwi omdumisi xa wathi: “Uza kusiva isicelo sabalulamileyo Yehova. Uza kuzomeleza iintliziyo zabo uze ubahoye.” (INdumiso 10:17) Sinezizathu ezininzi ezisenza singayeki ukuthandaza kuThixo wethu osithandayo!

EBhayibhileni, kukho imithandazo emininzi eyenziwa nguYesu. Omnye wawufundisa abafundi bakhe ibe waziwa ngabantu abaninzi. Sifunda ntoni kuwo?