Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Wenzelwa Ububele NgumKristu

Wenzelwa Ububele NgumKristu

UTATA kaJohn waba liNgqina LikaYehova ngasekupheleni kweminyaka yoo-1950 kwidolophana yaseGujarat, eIndiya. UJohn, abantakwabo ababini, oodadewabo abathathu nomama wakhe, bazixelela ukuba soze bayeke ukuba ngamaRoma Katolika ibe loo nto yabenza bamchasa utata wakhe.

Ngenye imini, uJohn wathunywa ngutata wakhe ukuba ase imvulophu komnye umzalwana. Kodwa ngaloo ntsasa, uJohn wazisika umnwe ezama ukuvula umgqomo. Efuna ukuthumeka kutata wakhe, wazibopha loo mnwe wophayo waza wahamba esisa imvulophu.

Xa efika kuloo ndlu athunywe kuyo, inkosikazi yalo mzalwana, nayo eyayiliNgqina yayithatha loo mvulophu. Yabona ukuba wonzakele, yaza yayokuthatha amabhandeji yambopha. Emva koko lo dade wamenzela iti, encokola naye ngeBhayibhile.

Ngoku uJohn wayesele eqalisa ukuyeka ukuwacaphukela amaNgqina, wambuza izinto ezimbini lo dade ababengavani ngazo notata wakhe—ukuba uYesu nguThixo na nokuba ngaba amaKristu amele anqule uMariya. Lo dade wamphendula ngeBhayibhile uJohn ethetha naye isiGujarati sakowabo, waza wamnika incwadana ethi, “Ezi Ndaba Zilungileyo Zobukumkani.”

Kamva, xa wayezifundela le ncwadana, kwakungathi uyaqala ukuyiva iBhayibhile. Waya kumfundisi wakhe waza wambuza kwala mibuzo mibini. Enomsindo lo mfundisi wamgibisela ngeBhayibhile esithi: “Ungenwe nguSathana! Ndibonise ukuba itsho phi iBhayibhile ukuba uYesu akangoThixo. Itsho phi ukuba masingamnquli uMariya. Ndibonise!” Othuswe yindlela umfundisi awayenomsindo ngayo, wathi, “Andiphinde ndilibeke kule cawa yakho.” Zange aphinde aye nyhani!

UJohn waqalisa ukufunda namaNgqina waza naye waba lilo, wakhonza uYehova. Ekuhambeni kwexesha, nabanye kwintsapho yakowabo baba ngawo. Nangoku isabonakala indawo awayesikeke kuyo emnweni uJohn kwiminyaka ephantse ibeyi-60 eyadlulayo. Usabukhumbula kakuhle ububele awabenzelwa ngula mKristu obamenza watsho wafuna ukukhonza uYehova.—2 Kor. 6:4, 6.