Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ibhinqa elilumkileyo liyasimamela isazela salo

OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

Ukukhupha Isisu

Ukukhupha Isisu

Nyaka ngamnye abantwana ababulawa ngabom bengekazalwa balodlula lee inani labantu abahlala kwamanye amazwe.

Ngaba sisigqibo somntu okanye ingxaki isekuziphatheni?

OKUTHETHWA NGABANTU

Amabhinqa akhupha isisu ngenxa yezizathu ezahlukahlukeneyo; ukungabi namali, iingxaki anazo nabantu athandana nabo, kuba efuna kungabikho nto iwaphazamisayo esikolweni okanye emsebenzini okanye kuba engafuni ukukhulisa abantwana ewodwa. Abanye bathi ukukhupha isisu kukuziphatha kakubi, nto leyo ebangela ukuba bangamthembi umntu okhulelweyo.

OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

KuThixo ubomi, ingakumbi obomntu, bungcwele. (Genesis 9:6; INdumiso 36:9) Lo mgaqo uyasebenza nakumntwana osesesibelekweni, ndawo leyo uThixo awayenzela ukuba ibe likhusi emntwaneni ongekazalwa. Umbhali weBhayibhile wathi: “Wandibiyela esiswini sikama. Amehlo akho andibona ndiseyimbumba, yaye zonke iinxalenye zam zazibhalwe phantsi encwadini yakho, ngokubhekisele kwiimini ezayilwa ngazo.”INdumiso 139:13, 16.

Indlela uThixo abujonga ngayo ubomi bomntwana ongekazalwa siyibona kumthetho awawunika amaSirayeli nakwisazela asiphe sona. Lo mthetho wawusithi umntu owenzakalise umfazi omithiyo kwaza kwafa umntwana wayemele abulawe. (Eksodus 21:22, 23) Kodwa, abagwebi babemele bahlolisise izizathu zokufa kwaloo mntwana.Numeri 35:22-24, 31.

Abantu banikwe isazela. Xa ibhinqa limamela isazela salo okanye umntu wangaphakathi ngokuhlonela ubomi bomntwana ongekazalwa, isazela salo siyalinceda. * Ukuba liyasicinezela, sinokulifaka engxakini okanye siligwebe. (Roma 2:14, 15) Uhlolisiso lubonisa ukuba amabhinqa akhuphe isisu, aba sesichengeni sokuhlala ekhathazekile aze abe nedepression.

Kuthekani ukuba ninexhala lokukhulisa umntwana, ingakumbi xa beningamlindelanga? Khawuve oko uThixo akuthembisa abo banyanisekileyo kuye: “Kulowo unyanisekileyo uya kwenza ngokunyaniseka; uya kuqhubana nendoda [okanye ibhinqa] engenasiphoso, eyomeleleyo ngokungenasiphoso.” (INdumiso 18:25) Sifunda nokuba: “UYehova ngumthandi wokusesikweni, yaye akayi kubashiya abanyanisekileyo bakhe.”—INdumiso 37:28.

‘Isazela sabo siyakungqina oko, yaye iingcamango zabo ziyabamangalela okanye zibangxengxezele.’Roma 2:15.

Kuthiwani ke ukuba ukhe wakhupha isisu?

OKUTHETHWA NGABANTU

URuth, okhulisa abantwana eyedwa uthi: “Ndandisele ndinabantwana abathathu, ngoko kwakuza kuba nzima ukukhulisa abane. Kodwa emva kokuba ndikhuphe isisu, ndaziva ukuba ndenze eyona nto yakha yambi.” * Ngaba wayenze into uThixo awayengenakumxolela ngayo?

OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE

UYesu Kristu wasibonisa oko kucingwa nguThixo xa wathi: “Ndize kubizela enguqukweni, kungekhona abantu abangamalungisa, kodwa aboni.” (Luka 5:32) Ukuba sizisola ngokunyanisekileyo ngento esiyenzileyo, siguquke size sicele uThixo asixolele, ukulungele ukusixolela, nokuba senze izono ezinzulu. (Isaya 1:18) INdumiso 51:17 ithi: “Intliziyo eyaphukileyo netyumkileyo, Thixo, akuyi kuyidela.”

Umntu oye wasicoca isazela sakhe, waza wazithoba kuThixo ngomthandazo, umnika noxolo lwengqondo. AmaFilipi 4:6, 7 athi: “Ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo, yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo.” * Emva kokuba efunde iBhayibhile waza wathandaza kuThixo, uRuth waba noxolo lwengqondo. Wafunda ukuba uThixo ‘uxolela ngokwenyaniso.’—INdumiso 130:4.

[UThixo] akenzanga kuthi kanye ngokwezono zethu; engasiziseli noko kusifaneleyo ngokweziphoso zethu.”INdumiso 103:10.

^ isiqe. 8 Umama okhupha isisu akanakuzithethelela ngokuthi impilo yakhe ibiza kuba sengozini. Ukuba abantu abatshatileyo kufuneka bakhethe ukuba kufuneka kuphile bani phakathi komama nomntwana, isigqibo sesabo. Kaloku, kwezinye iindawo ezihambele phambili kwezonyango, inqabile imeko enjalo.

^ isiqe. 12 Igama litshintshiwe.

^ isiqe. 14 Ithemba lovuko nalo linokufak’ isandla ekubeni umntu abe noxolo lwengqondo. Funda inqaku elithi “Imibuzo Evela Kubafundi” kwiMboniselo ka-Aprili 15, 2009, ethetha ngemigaqo yeBhayibhile kumbuzo othi, ‘Ngaba likho ithemba lovuko ngosana olufa lusesibelekweni?’