Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUFUMANA ULONWABO

Ukuba Sempilweni Nokulungela Zonke Iimeko

Ukuba Sempilweni Nokulungela Zonke Iimeko

UKUBA NESIGULO ESINGANYANGEKIYO OKANYE ISIPHENE KUNOKUYITSHINTSHA KAKHULU INDLELA UMNTU EBEPHILA NGAYO. Emva kokuba inesiphene, enye indoda eyayisempilweni, u-Ulf, yathi: “Ndakhathazeka kakhulu. Ndaphelelwa ngamandla, saphela nesibindi. . . Kwakungasekho yam.”

Into eyenzeka ku-Ulf isenza sibone ukuba akakho umntu onokuthi akasoze agule. Sekunjalo, zikho izinto esinokuzenza ukuze singakhawulezi sigule. Kuza kwenzeka ntoni ke xa sihlutshwa yimpilo? Ngaba loo nto ithetha ukuba soze siphinde sonwabe? Njengoko siza kufunda, siza kubona ukuba loo nto ayiluphelisi ulonwabo. Kodwa okokuqala, makhe sifunde ngezinto ezibangela ukuba sibe sempilweni.

YIBA “NGCATHU NGEMIKHWA.” (1 Timoti 3:2, 11) Ukuziqhelisa ukutya nokusela kakhulu kuyingozi empilweni, kutya nemali. “Musa ukuba phakathi kwabasela iwayini kakhulu, phakathi kwabadli benyama abangamadla-kudla. Kuba inxila nedla-kudla baya kuhlwempuzeka.”—IMizekeliso 23:20, 21.

SUKUWUMOSHA UMZIMBA WAKHO. “Masizihlambulule kuko konke ukudyobheka kwenyama nokomoya.” (2 Korinte 7:1) Xa abantu behlafuna okanye betshaya icuba naxa besela kakhulu okanye besebenzisa kakubi iziyobisi, bamosha imizimba yabo. Ngokomzekelo, iU.S. Centers for Disease Control and Prevention ithi ukutshaya “kubangela umntu abe nezifo, abe nesiphene, kwaye kumosha phantse onke amalungu omzimba.”

YAZI UKUBA UMZIMBA NOBOMI BAKHO ZIZIPHO EZIXABISEKILEYO. “Ngaye [uThixo] sinobomi siyashukuma yaye sikho.” (IZenzo 17:28) Xa sisithanda esi sipho, siya kukulumkela ukuzibeka engozini ngokungeyomfuneko, enoba kusemsebenzini okanye siyaqhuba, kwaye siya kukulumkela nokukhetha uhlobo lokuzonwabisa oluyingozi. Awunakuzibeka engozini yokuba nesiphene ngenxa nje yolonwabo lokwexeshana!

SUKUCINGA NGEZINTO EZIKHATHAZAYO. Ingqondo nomzimba ziyasebenzisana. Zama ukuphepha izinto ezikwenza ungonwabi ezinjengokuzixhalabisa ngezinto ezingenamsebenzi, ukungakwazi ukuwubamba umsindo, umona nezinye izinto. INdumiso 37:8 ithi: “Wuyeke umsindo uyishiye ingqumbo.” Sifunda nokuba: “Musani ukuxhalela ingomso, kuba ingomso liya kuba namaxhala alo.”—Mateyu 6:34.

ZAMA UKUCINGA NGEZINTO EZONWABISAYO. IMizekeliso 14:30 ithi: “Intliziyo ezolileyo ibubomi kumzimba wenyama.” IBhayibhile iphinda ithi: “Intliziyo evuyayo iyaphilisa.” (IMizekeliso 17:22) Nabesayensi bathetha into efanayo. Ugqirha waseScotland wathi: “Ukuba wonwabile awuguli njengabantu abangonwabanga.”

ZAMA UKUZILUNGELA IIMEKO. NjengoUlf ekuthethwe ngaye ekuqaleni, kusenokufuneka sinyamezele izilingo ezingapheliyo, size sikhangele iindlela esinokuphila ngazo nezo zilingo. Abanye baye baphelelwa lithemba, nto leyo eyenze izinto zaya zisiba mbi. IMizekeliso 24:10 ithi: “Ngaba uzibonakalise udimazekile ngomhla wokubandezeleka? Uya kuphelelwa ngamandla.”

Emva kokuba beqale baphelelwa lithemba, abanye baye babe bhetele. Baye bayamkele imeko abakuyo. Bafumana indlela abanokuphila ngayo naloo meko. Kwaba njalo naku-Ulf. Uthi emva kokuba ethandazile waza wacingisisa ngezinto ezikhuthazayo azifunde eBhayibhileni, “endaweni yokubona iingxaki, wabona izinto ezonwabisayo.” Njengabanye abaye bafumana izilingo ezinzima, wafunda izifundo ezibalulekileyo ngokuba novelwano, nto leyo eyamenza waxelela abantu ngomyalezo othuthuzelayo oseBhayibhileni.

Enye indoda eyeva iintlungu nguSteve. Xa wayeneminyaka eyi-15, wawa emthini, wenzakala ukusuka entanyeni ukwehla. Wathi xa ena-18, iingalo zaqalisa ukusebenza. Waya eyunivesithi, apho wafika wasebenzisa iziyobisi, wasela, waziphatha kakubi ngesondo. Wayengasenathemba de wafunda iBhayibhile, eyamenza wayitshintsha indlela abujonga ngayo ubomi waza wayeka nezinto ezimbi awayezenza. Wathi, “Kangangexesha elide ndandizibona kungekho yam, kodwa yaphela tu loo nto. Ngoku ndiseluxolweni, ndonwabile kwaye ndanelisekile.”

Izinto ezathethwa nguSteve noUlf zisikhumbuza amazwi akwiNdumiso 19:7, 8 athi: “Umthetho kaYehova ugqibelele, ubuyisa umphefumlo. . . . Imiyalelo evela kuYehova ithe tye, iyibangela ibe nemihlali intliziyo; umyalelo kaYehova uhlambulukile, uwenza akhanye emehlo.”