Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iphulo Elicetywe Kakuhle Lithwala Isiqhamo

Iphulo Elicetywe Kakuhle Lithwala Isiqhamo

UMaría Isabel ngumvakalisi oselula onenzondelelo ohlala kwisixeko saseSan Bernardo, eChile, ilizwe elikuMzantsi Merika. Kowabo baziinzalelwane zohlanga lwaMapuche. Iyonke intsapho yakowabo ibisoloko isenza iinzame zokuseka ibandla elitsha lolwimi lwabo, isiMapudungun.

Xa kwachazwa ukuba iSikhumbuzo sokufa kukaKristu siza kuqhutywa nangesiMapudungun yaye kushicilelwe izimemo ezingama-2 000 zolo lwimi, oko kwenza uMaría wacingisisa. Wayeza kwenzani? Wakhumbula amava abanye abantwana abangamaNgqina abaye baphumelela ngoxa beshumayela kwabanye abantwana besikolo nakootitshala. Wachazela abazali bakhe, baza bathi makeze necebo aza kuzisasaza ngayo esikolweni ezo zimemo. Weza naliphi icebo?

Okokuqala, wacela kootitshala imvume yokubeka isimemo kanye kwisango lokungena esikolweni. Bavuma yaye bamncoma ngaloo nto. Ngenye intsasa, xa inqununu yesikolo yayisenza izaziso yasibhengeza eso simemo!

Emva koko, uMaría Isabel wacela ukutyelela zonke iiklasi. Akuvunyelwa ngutitshala, wabuza enoba bakho kusini na abantwana abangaMapuche. Uthi: “Ndandicinga ukuba baza kuba li-10 okanye i-15 abafundi bolu hlanga kwisikolo sonke, kodwa baba baninzi gqitha—ndaphetha sele ndikhupha izimemo ezili-150!”

“LALILINDELE UMNTU OMDALA”

Elinye ibhinqa elabona esi simemo kwisango lesikolo, labuza umniniso lifuna ukuqonda ngeso siganeko. Unokuzicingela indlela elalimangaliswe ngayo xa lathunyelwa kwintombazana eneminyaka elishumi! Etsho ngoncumo uMaría Isabel uthi: “Lalilindele umntu omdala.” Emva kokulinika isimemo nenkcazelo emfutshane, uMaría Isabel wacela iadresi yalo ukuze yena nabazali bakhe bakwazi ukulityelela balichazele ngoBukumkani bukaThixo. Olunjani uvuyo ababanalo abavakalisi abangama-20 abathetha isiMapudungun xa bebona elo bhinqa nabanye abantu abanomdla abangama-26 beze kweso sikhumbuzo. Ngoku elo qela sele lilibandla elizimeleyo nelikhulayo!

Enoba ungakanani na, unako ukwenza into efanayo ngokumema abanye abafundi okanye abasebenzi ukuze babekho kwiSikhumbuzo, kwintetho yesidlangalala, okanye kwindibano yesithili. Kutheni ungazenzeli uphando kwiincwadi zethu ukuze ufunde amava anokukunceda ukwazi ukwenza oku? Unokuthandazela nomoya oyingcwele kaYehova ukuze ukuncede ube nesibindi sokuthetha ngaye. (Luka 11:13) Ukuba wenjenjalo, uya kumangaliswa uze uvuyiswe kukubona isiqhamo esihle semigudu yakho.