Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Bazinikela Ngokuvumayo—ETaiwan

Bazinikela Ngokuvumayo—ETaiwan

UKUZA kutsho kule minyaka mihlanu idlulileyo, uChoong Keon nomkakhe uJulie, abaneminyaka emalunga neyi-30, bebengoovulindlela eSydney, eOstreliya. UChoong Keon uthi: “Sasisenza umsebenzi wesingxungxo siphila ubomi obutofotofo. Apho sasihlala khona imozulu yayintle, siphila ubomi obumnandi. Sasikuthanda ukuba kufuphi nezalamane nabahlobo bethu.” Nakuba kunjalo, isazela sabo sasibahlupha. Ngoba? Babesazi ukuba iimeko zabo zazibavumela ukuba benze okungakumbi enkonzweni kaYehova, kodwa babemathidala ukwenza utshintsho olufunekayo.

Kwindibano eyayingo-2009, beva intetho eyabachukumisayo. Isithethi sawajolisa amazwi aso kwabo babenokwandisa ubulungiseleli babo. Sathi: “Khawucinge ngoku: Umqhubi unokuyijika imoto yakhe iye ngasekunene okanye ngasekhohlo kuphela xa ihamba. Naye ke uYesu walathisa indlela esinokubandisa ngayo ubulungiseleli bethu, kodwa kuphela xa sikubo—xa sisenza imigudu yokwenene ukuze sibandise.” * Yaba ngathi la mazwi abhekiswa kwesi sibini. Kwakuloo ndibano, kwenziwa udliwano-ndlebe nesinye isibini esingabathunywa bevangeli eTaiwan. Sabalisa ngovuyo esalufumana entsimini saza sabethelela nokuba kwakusafuneka abavakalisi abangakumbi. Nalapha, uChoong Keon noJulie bavakalelwa ngathi la mazwi abhekiswa kubo.

UJulie uthi: “Emva kwaloo ndibano, sathandaza kuYehova ukuba asinike isibindi sokufudukela eTaiwan.” Wongezelela athi: “Kodwa sasisoyika. Yayingathi siza kutsibela enzulwini yamanzi okwesihlandlo sokuqala.” Isibhalo esabanceda “batsiba” yiNtshumayeli 11:4, ethi: “Olinda umoya akayi kuyihlwayela imbewu; nokhangela amafu akayi kuvuna.” UChoong Keon uthi: “Sagqiba kwelokuba siyeke ‘ukulinda nokukhangela,’ kunoko siqalise ‘ukuhlwayela nokuvuna.’” Bathandaza—ngokuphindaphindiweyo—bafunda amabali obomi abathunywa bevangeli, bathumelelana iiemail nabo  sebefudukele eTaiwan, bathengisa iimoto zabo nefanitshala, baza bagaleleka eTaiwan kwiinyanga ezintathu emva koko.

UKUFUMANA UVUYO LOKUSHUMAYELA

Bangaphezu kwe-100 abazalwana noodade abasuka kwamanye amazwe nabakhonza kwimimandla yaseTaiwan efuna abashumayeli boBukumkani abangakumbi. Basuka eBritani, eFransi, eJapan, eKhanada, eKorea, eOstreliya, eSpeyini naseUnited States, ibe bakubudala obahlukahlukeneyo, ukususela kwiminyaka eyi-21 ukuya kutsho kweyi-73. Phakathi kwabo kukho oodade abangatshatanga abangaphezu kwabayi-50. Yintoni encede aba bazalwana noodade banenzondelelo bawenza ngokuphumelelayo lo msebenzi wabo kwilizwe lasemzini? Makhe sive.

ULaura

ULaura, udade ongatshatanga waseKhanada, unguvulindlela kwintshona yeTaiwan. Kodwa ukuza kuthi ga kwiminyaka emalunga neshumi edluleyo, wayengakuthandi kwaphela ukushumayela. Uthi wayengachithi xesha lininzi entsimini ngoko wayengenamava. Kwathi kusenjalo, wamenywa ngabahlobo bakhe baseKhanada ukuba aye kushumayela nabo eMexico kangangenyanga. Uthi: “Ndandiqala ukuchitha ixesha elininzi entsimini, ibe kwakumnandi!”

Loo mava amnandi amenza wacinga ngokukhonza kwibandla elithetha olunye ulwimi kwapha eKhanada. Wafunda isiTshayina, wakhonza neqela lesiTshayina, wazibekela usukelo lokufudukela eTaiwan, waza wafudukela apho ngoSeptemba 2008. ULaura uthi: “Ndathatha unyaka ukuze ndiqhele le ndawo, kodwa ngoku andiziboni ndibuyela eKhanada.” Uvakalelwa njani ngomsebenzi wokushumayela? Uthi: “Ndiwunandipha kakhulu ngoku. Ayikho into eyanelisa ngaphezu kokubona indlela izifundo zeBhayibhile ezibutshintsha ngayo ubomi bazo njengoko zifunda ngoYehova. Ukukhonza eTaiwan kundinike ithuba lokungcamla olo vuyo izihlandlo eziliqela.”

 UKUJAMELANA NOKUNGALWAZI KAKUHLE ULWIMI

UBrian noMichelle

UBrian noMichelle, isibini esisele siyigabhule iminyaka eyi-30 nesisuka eUnited States, safudukela eTaiwan malunga neminyaka esibhozo edluleyo. Saqala savakalelwa kukuba asinagalelo kumsebenzi wokushumayela. Kodwa umthunywa wevangeli onamava wabaxelela ukuba: “Nokuba ukwazi nje ukunika umntu iphecana, umele ukhumbule ukuba kusenokwenzeka ukuba loo mntu uyaqala ukufumana isigidimi esingoYehova. Ngoko sele unegalelo elibalulekileyo kubulungiseleli!” Loo mazwi akhuthazayo abanceda kakhulu uBrian noMichelle abanikezela. Omnye umzalwana wabaxelela oku: “Ukuze ungaphoxeki, sukujonga inkqubela yakho imihla ngemihla, kodwa yijonge indibano ngendibano.” Benza inkqubela, ibe bangoovulindlela abaphumelelayo namhlanje.

Yintoni enokukushukumisela ukuba ufunde ulwimi lwasemzini? Zama ukutyelela ilizwe ongathanda ukukhonza kulo. Yiya kwiintlanganiso, unxulumane nabazalwana noodade basekuhlaleni, uze uye nabo kumsebenzi wokushumayela. UBrian uthi: “Emva kokuba ubonile ukuba abantu basabela kakuhle kwisigidimi soBukumkani, ubone nothando lwabazalwana noodade, uya kunqwenela ukukhonza kwelo lizwe.”

KUTHEKANI NGOMSEBENZI WEMPANGELO?

UKristin noMichelle

Abaliqela kwabo bafudukele kwiindawo ezifuna uncedo eTaiwan bebezixhasa ngokufundisa isiNgesi ukuze baqhubeke bengoovulindlela. UKristin noMichelle bathengisa iintlanzi. UKristin uthi: “Zange khe ndiwenze lo msebenzi, kodwa ke undinceda ndihlale kweli lizwe.” Ekuhambeni kwexesha, uKristin wafumana abantu ababethenga kuye qho. Lo msebenzi umnceda akwazi ukuzinyamekela yena nomfazi wakhe, aze kwangaxeshanye abe nexesha elaneleyo lokwenza owona msebenzi bawuzeleyo—ukuba ngoovulindlela, beloba abantu.

“KUNANDIPHE UKUFUNDA”

UWilliam noJennifer, isibini esisuka eUnited States, safika eTaiwan kwiminyaka esixhenxe edluleyo. UWilliam uthi: “Ukufunda ulwimi, ukukhonza njengoovulindlela, ukunyamekela ibandla, nokwenza imali eza kwanela intsapho, bekudina maxa wambi.” Yintoni ebancede baphumelela baza bahlala bevuya? Bazama ukuzibekela usukelo olusengqiqweni. Ngokomzekelo, zange babe nolindelo olukhulu xa babefunda isiTshayina, nto leyo eyabenza abaphoxeka kakhulu xa babengenzi inkqubela ekhawulezileyo.

UWilliam noJennifer

UWilliam ukhumbula ukuba omnye umveleli ohambahambayo wakha wathi kuye, “Kunandiphe ukufunda, ungangxami.” Ngamany’ amazwi, emva kokuzibekela usukelo, kufuneka sinandiphe amanqanaba esiwahambayo ukuya kufika kulo. Ukusebenzisa elo cebiso kwabanceda uWilliam nomkakhe babhetyebhetye, baphulaphula isiluleko sabazalwana basekuhlaleni abanembopheleleko, baza balungisa indlela yabo yokwenza izinto ukuze bashumayele ngokuphumelelayo kule ndawo yabo intsha. Wongezelela athi, “Kusincede sazipha nexesha lokubuka ubuhle bendalo kwesi siqithi sishumayela kuso.”

NjengoWilliam noJennifer, uMegan, udade onguvulindlela ongatshatanga waseUnited States, unandipha inkonzo yakhe, ngoxa ezama ukufikelela usukelo lokuthetha kakuhle isiTshayina. Ngeempela-veki udibana neqela labavakalisi abashumayela kwintsimi emnandi—izibuko laseKaohsiung, elona likhulu eTaiwan. UMegan uye washumayela iindaba ezilungileyo ezikhepheni nakubalobi abasuka eBangladesh, eIndiya, eIndonesia, kwiPhilippines, eThailand naseVanuatu. Uthi: “Ekubeni abalobi besiba sezibukweni kangangexesha elincinane, siye siqalise isifundo seBhayibhile ngoko nangoko. Ukuze ndibafikelele bonke, ndidla ngokufunda nabane  okanye abahlanu ngexesha elinye.” Uqhuba njani nokufunda isiTshayina? Uthi: “Bendinqwenela kona ukukhawuleza ndisifunde, kodwa ndiye ndicinge ngamazwi endakha ndawaxelelwa ngomnye umzalwana: ‘Yenza konke okusemandleni akho, enye nenye uyishiyele kuYehova.’”

UMegan

UBOMI OBUKHUSELEKILEYO, OBULULA NOBONWABISAYO

Ngaphambi kokuba uCathy, waseBritani, afudukele phesheya waphanda ngesabelo esasiza kufanela udade ongatshatanga. Wathetha noYehova ngezinto ezimxhalabisayo waza wabhalela amasebe aliqela, ebuza ngeengozi ezinokwehlela udade ongatshatanga. Emva koko wacingisisa nzulu ngeempendulo awazifumana kula masebe waza wagqiba kwelokuba yiTaiwan eya kumlungela.

Ngo-2004, uCathy wafudukela eTaiwan eneminyaka eyi-31, apho aphila ubomi obulula. Uthi: “Ndabuza abazalwana noodade ngeendawo endinokuthenga kuzo iziqhamo nemifuno ngamaxabiso aphantsi. Amacebiso abo andinceda andakhawuleza ndiphelelwe yimali.” Yintoni emnceda aqhubeke ephila ubomi obulula? UCathy uthi: “Ndithandaza kuYehova ukuba andincede ndanele kukutya okulula endikutyayo neempahla ezingabizi mali ininzi. Ndivakalelwa kukuba uYehova undinceda ngokundifundisa ngezinto eziyimfuneko ndize ndaneliseke nakuba ndingenayo yonke into endiyifunayo.” Wongezelela athi: “Ndiyabunandipha ubomi obulula kuba bundinceda ndinikele ingqalelo kwizinto zokomoya.”

UCathy

Noko ke, ubomi bukaCathy abululanga nje kuphela, buyavuyisa. Uthi: “Ndikwazi ukushumayela kwindawo enabantu abaninzi abanomdla kwiindaba ezilungileyo. Akho nto imnandi njengaleyo!” Ukufika kwakhe eTaiwan, kwakukho amabandla nje amabini esiTshayina kwisixeko awaqalisa kuso ukuba nguvulindlela, kodwa ngoku asixhenxe. UCathy uthi: “Ukulubona ngamehlo am ulwando olunje, nokuba nenxaxheba ekuvuneni kwenza ubomi bam bemihla ngemihla bube mnandi!”

“BABEDINGA NAM LO”

UChoong Keon noJulie ekuthethwe ngabo ekuqaleni, baqhuba njani ngoku kwisabelo sabo? Ekuqaleni uChoong Keon wayecinga ukuba ukungasazi kwakhe kakuhle isiTshayina, kwakumenza angabi luncedo kangako ebandleni. Kodwa abazalwana basekuhlaleni babevakalelwa ngenye indlela. Uthi: “Xa ibandla lethu lohlulwa langamabandla amabini, ndanikwa iimbopheleleko ezingakumbi njengesicaka solungiselelo. Ndatsho ndaziva ukuba ndikhonza kwindawo efuna abavakalisi abangakumbi.” Encumile uthi: “Ndandivuya nyhani, kuba babedinga nam lo!” Namhlanje ungumdala. UJulie wongezelela athi: “Sanelisekile kuba kukho esikufezileyo, ibe sonwabe ngendlela esingazange sonwaba ngayo ngaphambili. Seza apha size kunceda, kodwa sivakalelwa ukuba sithi abancediweyo. Siyambulela uYehova ngokusivumela ukuba sikhonze apha!”

Kumazwe amaninzi, kusafuneka abasebenzi abangakumbi bokuvuna. Ngaba ugqibezela isikolo, ibe uzibuza ngento oza kuyenza ngobomi bakho? Ngaba awutshatanga ibe unomnqweno wokwenza okungakumbi kwintlangano kaYehova? Ngaba ungathanda ukuba intsapho yakho ibe namava amnandi ekukhonzeni uYehova? Ngaba sowusidl’ umhlala phantsi, ibe unamava amaninzi obomi onokunceda ngawo abanye? Unokuqiniseka ukuba uYehova uya kukusikelela ukuba wandisa ubulungiseleli bakho ngokukhonza apho kufuneka abavakalisi boBukumkani abangakumbi.