Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 3

Ngaba Iindaba Ezilungileyo Zivela KuThixo Ngokwenene?

Ngaba Iindaba Ezilungileyo Zivela KuThixo Ngokwenene?

1. Ngubani uMbhali weBhayibhile?

Iindaba ezilungileyo zokuba abantu baya kuphila ngonaphakade emhlabeni zibhalwe eBhayibhileni. (INdumiso 37:29) IBhayibhile ineencwadi ezingama-66. UThixo wasebenzisa amadoda amalunga nama-40 ukubhala ezi ncwadi. Ezokuqala ezintlanu zabhalwa nguMoses kwiminyaka emalunga nengama-3 500 eyadlulayo. Eyokugqibela yabhalwa ngumpostile uYohane kwiminyaka engaphezu kweli-1 900 eyadlulayo. Aba babhali beBhayibhile babebhala iingcamango zikabani? UThixo wanxibelelana nabo ngomoya wakhe oyingcwele. (2 Samuweli 23:2) Babebhala iingcinga zikaThixo, kungekhona ezabo. Ngenxa yoko nguYehova owabhala iBhayibhile.​—Funda eyesi-2 kuTimoti 3:16; 2 Petros 1:20, 21.

Bukela ividiyo ethi Ngubani UMbhali WeBhayibhile?

2. Sinokuqiniseka njani ukuba iBhayibhile ichanile?

Siyazi ukuba iBhayibhile ivela kuThixo kuba iye yaprofeta ngekamva ngendlela echanileyo nangokweenkcukacha. Akakho umntu onokuyenza loo nto. (Yoshuwa 23:14) NguThixo uSomandla kuphela onokulibona kusengaphambili ikamva loluntu.​—Funda uIsaya 42:9; 46:10.

Sinokulindela ukuba incwadi evela kuThixo yahluke kwezinye, ibe kunjalo. Kusasazwa iibhiliyoni zeBhayibhile ngamakhulu-khulu elwimi. Nangona yabhalwa kudala, iBhayibhile iyavisisana nenzululwazi. Kwakhona, aba babhali bayo bangama-40 abaphikisani. * Ngaphezu koko, iBhayibhile ibethelela indlela uThixo anothando ngayo yaye isenamandla okuguqula ubomi babantu. Ezi zibakala zibangela ukuba izigidi zabantu ziqiniseke ukuba iBhayibhile liLizwi likaThixo.​—Funda eyoku-1 yabaseTesalonika 2:13.

Bukela ividiyo ethi Sinokuqiniseka Njani Ukuba IBhayibhile Ithetha Inyani?

3. Ithetha ngantoni iBhayibhile?

Eyona nto ithetha ngayo ziindaba ezilungileyo zokuba uThixo unenjongo entle ngoluntu. IZibhalo zicacisa indlela elalahleka ngayo ilungelo loluntu lokuphila kumhlaba oyiparadesi kwakude kudala kwimbali yoluntu nendlela eya kubuyiselwa ngayo loo paradesi.​—Funda iSityhilelo 21:4, 5.

ILizwi likaThixo linemithetho, imigaqo namacebiso. Ukongezelela, iBhayibhile inengxelo yendlela uThixo awayeqhubana ngayo nabantu​—ingxelo ebonisa ubuntu bukaThixo. Ngaloo ndlela iBhayibhile inokukunceda umazi uThixo. Ichaza indlela onokuba ngumhlobo wakhe ngayo.​—Funda INdumiso 19:7, 11; Yakobi 2:23; 4:8.

4. Unokuyiqonda njani iBhayibhile?

Le ncwadana inemifanekiso iza kukunceda uyazi iBhayibhile ngokuyisebenzisa kanye ngendlela awayeyisebenzisa ngayo uYesu. Wayesoloko esebenzisa iBhayibhile yaye ecacisa ‘intsingiselo yeZibhalo.’—Funda uLuka 24:27, 45.

Zimbalwa izinto ezimangalisa njengeendaba ezilungileyo ezivela kuThixo. Kodwa abanye abantu abayikhathalelanga yaye abanye iyabakruqula. Ungadimazeki. Ithemba lokuzuza ubomi obungunaphakade lixhomekeke ekwazini uThixo.​—Funda uYohane 17:3.

 

^ isiqe. 3 Funda incwadana enemifanekiso ethi Incwadi Yabantu Bonke.