Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 106

Sifuna Ukubathanda Abantu

Sifuna Ukubathanda Abantu

(1 Korinte 13:1-8)

  1. 1. Sithandaza kuThixo wethu,

    Sicela ukuba nothando.

    Lubalulekile uthando,

    Kuba lusenza simanyane.

    Sisenokuba zizilumko,

    Kodwa kufuneka uthando.

    Sithanda ngamazwi nezenzo,

    Ukuze sikholis’ uThixo.

  2. 2. Uthando lufuna ukupha,

    Luyabakhathalel’ abanye.

    Alucingi zinto ezimbi,

    Luyabaxolela abanye.

    Lusinceda sinyamezele,

    Lukwathwala izinto zonke.

    Masiluvumele loyise,

    Aluze luphele uthando.