Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 3

Nguwe Olithemba Namandla Ethu

Nguwe Olithemba Namandla Ethu

(IMizekeliso 14:26)

  1. 1. Yehova Thixo usinike

    ithemba lobomi.

    Liyasivuyisa Tata

    sazisa nabanye.

    Kodwa amaxhala obomi

    abangela soyike

    Nethemba ebesinalo

    alikho kangako.

    (CHORUS)

    Nguwe olithemba,

    namandla ethu.

    Usinika yonke into.

    Xa sishumayela,

    asoyiki nto

    kuba sithembele ngawe.

  2. 2. Sincede singakulibali

    osenzela kona,

    Ungumthuthuzeli wethu

    kwiingxaki zobomi.

    Liyasikhuthaza kakhulu

    ithemba esinalo,

    Sitsho sibe nesibindi

    sokuthetha ngawe.

    (CHORUS)

    Nguwe olithemba,

    namandla ethu.

    Usinika yonke into.

    Xa sishumayela,

    asoyiki nto

    kuba sithembele ngawe.