Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 5

Imisebenzi KaThixo Emangalisayo

Imisebenzi KaThixo Emangalisayo

(INdumiso 139)

  1. 1. Thixo uyandigocagoca,

    Xa ndilala kwanaxa ndivuka.

    Iingcinga zam ziphambi kwakho zonke,

    Uyawazi amazwi,

    kwaneendlela zam.

    Ndibunjwe ekusithekeni,

    Ndiyimveku engazi nento le.

    Kodwa Thixo, wena ubundibona.

    Ndiyayithanda

    imisebenzi yakho.

    Unolwazi olungenasiphelo,

    Nobulumko obukhulu gqitha.

    Andoyiki kwanasebumnyameni,

    Kuba wena uyandisindisa.

    Andinakuzifihla kuwe,

    Thixo wethu ubona yonk’ into.

    Amehl’ akho abona engcwabeni,

    Abona kwanasenzulwini

    yolwandle.