Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 65

Qhubela Phambili!

Qhubela Phambili!

(Hebhere 6:1)

  1. 1. Qhubela phambili elukholweni!

    UThixo ufuna sikhul’ ekumkhonzeni.

    Phucula inkonzo yakho kuThixo.

    Wosikelelwa nguye.

    Masizinikele sivuya.

    Njengayo iNkosi uYesu.

    Thembela ngoThixo akomeleze,

    Umele inyaniso.

  2. 2. Qhubela phambili ushumayele!

    Yazisa ngobomi obungunaphakade.

    Dumisa uThixo unemihlali,

    Ngokuya kwindlu ngendlu.

    Iintshaba ziyasoyikisa,

    Noko ke sikhonza ngehlombe.

    Imini kaThixo iyasondela,

    Ngoko ke shumayela.

  3. 3. Qhubela phambili ubabuyele

    Bonke abanomdla,

    ukuze basindiswe.

    Umoya kaThixo wokukhokela,

    Ze ube neziqhamo.

    Bonisa uthando kubantu,

    Ubuyele kwabo banomdla.

    Bancede ukuze yonke imihla,

    Bafunde inyaniso.