Yiya kwinkcazelo

Senza Isigqibo Sokuphila Ngezinto Ezimbalwa

Senza Isigqibo Sokuphila Ngezinto Ezimbalwa

 UMadián noMarcela baseMedellín, eColombia, babephila ubomi obutofotofo, benayo yonke into ababeyidinga. UMadián wayebhatalwa imali entle, benento yonke endlini yabo. Kodwa kukho into eyenzekayo eyabenza bacinga ngeyona nto imele ize kuqala ebomini babo njengabakhonzi bakaYehova uThixo. Bathi: “Ngo-2006 saya kwindibano ekhethekileyo eyayinomxholo othi ‘Gcina Iliso Lakho Lingenakumbi.’ Iintetho ezininzi zasikhuthaza ukuba siphile ngezinto ezimbalwa ukuze sizinikele ekukhonzeni uThixo. Ukubuya kwethu kuloo ndibano sabona ukuba asiyenzi tu loo nto. Sasithenga izinto esingazidingiyo qho naxa singenamali saza sanamatyala amakhulu.”

 Iintetho zale ndibano zabavusa emaqandeni, batsho babona ukuba bamele baphile ngezinto ezimbalwa. Bathi: “Saqala sayeka ukuthenga izinto ezininzi. Safudukela kwindlu encinci, sathengisa imoto yethu, sathenga isikuta.” Bayeka ukuya kwiimall ukuze bangaziboni sebethenga. Ixesha elininzi, baqalisa ukuncokola ngeBhayibhile nabamelwane babo. Baba ngabahlobo noovulindlela abakhethekileyo ababefundisa abantu ngoYehova ixesha elininzi. a

 Emva koko, uMadián noMarcela benza isigqibo sokushumayela ngaphezu kokuba babeshumayela, bafudukela kwibandla elikwilali encinci elalidinga abavakalisi. Wayeka umsebenzi ukuze bafuduke. Umphathi wakhe zange ayive kakuhle into yokuba ayeke umsebenzi obhatala kakuhle kangaka. Ezama ukumenza ayiqonde, uMadián wambuza: “Ubhatalwa imali eninzi, wonwabile ke?” Umphathi wavuma ukuba akonwabanga kuba wayeneengxaki ezininzi awayengakwazi ukuzilungisa. UMadián wathi kuye: “Eyona nto ibalulekileyo asiyomali esiyifumanayo, kodwa yinto esenza sonwabe. Mna nenkosikazi yam siyonwaba xa sifundisa abantu ngoThixo. Sifuna ukwenza lo msebenzi ukuze sonwabe kakhulu.”

 UMadián noMarcela bonwabe kakhulu ngoku kuba ukukhonza uYehova yeyona nto ibalulekileyo ebomini babo. Kule minyaka iyi-13, bebekhonza kumabandla adinga abavakalisi akumntla-ntshona weColombia. Ngoku bangoovulindlela abakhethekileyo.

a Oovulindlela abakhethekileyo bakhethwa yiofisi yesebe yamaNgqina KaYehova ukuba bashumayele iindaba ezilungileyo kwiindawo ezithile. Bafumana imali encinci ukuze bathenge izinto abazidingayo.