Yiya kwinkcazelo

NgabaNizama Ukusindiswa Ngokungena Kwindlu Ngendlu?

NgabaNizama Ukusindiswa Ngokungena Kwindlu Ngendlu?

Hayi. Lo msebenzi siwenza rhoqo, kodwa asikholelwa ekubeni uza kusisindisa (Efese 2:8) Ngoba?

Khawucinge ngalo mzekelo: Masithi ndoda ithile esisinhanha ithembisa ukuba iza kunika wonk’ umntu isipho esibizayo ozakuya endaweni ethile ngexesha elithile. Ukuba nhyani uyayikholelwa le ndoda, ngaba ubunokuyenza loo nto? Ngaphandle kwamathandabuzo! Mhlawumbi usenokuxelela abahlobo kunye nosapho lwakho ngale nyhweba, ukuze nabo bayifumane. Sekunjalo, ubungazukusifumana eso sipho kuba uyithobele le ndoda kodwa usifumana kuba ithande ukukunika.

Ngokufanayo, amaNgqina kaYehova ayasikholelwa isithembiso sikaThixo sokuba abo bathobelayo baza kufumana ubomi obungunaphakade. (Roma 6:23) Sichazela abanye ngesi sithembiso sinethemba lokuba nabo baza kuyifumana le nhyweba ivela kuThixo. Kodwa asikholelwa ekubeni siyasindiswa kuba nje sishumayela. (Roma 1:17; 3:28) Xa sithetha inyani, akukho mntu unokuze akufanelekele ukufumana isipho esingako sivela kuThixo. ‘Wasisindisa ngenxa yenceba anayo, kungekhona ngezinto ezilungileyo esizenzayo.’—Tito 3:5, iContemporary English Version.