Yiya kwinkcazelo

Ukubukwa Kwesebe LaseJamani

Ukubukwa Kwesebe LaseJamani

AmaNgqina kaYehova aneeofisi zamasebe eziyi-15 eziprintayo ehlabathini lonke. Elinye isebe liseJamani kwidolophu yaseSteinfels.

NgoMeyi 23-25, 2014, eli sebe lamema abamelwane, oosomashishini kuquka nezidwesha zalapho ukuze zize kubuka. Umxholo waloo mini wawusithi “Iminyaka Eyi-30 ESelters,” njengokuba lalivulwa eli sebe ngoAprili 21, 1984.

Babengaphezu kwabayi-3 000 abantu abeza kubuka eli sebe. Usodolophu oneminyaka ephantse ibe yi-30 esebenza kule ngingqi wathi: “Ndisoloko ndikuvuyela ukutyelela isebe lamaNgqina kaYehova.” Woleka ngelithi: “Iyothusa indlela ekwakhawuleza ngayo ukwandiswa eli sebe laseSteinfels ukususela ngo-1979 ukuya kutsho ngo-1984.”

Iimbalasane Zale Mini

Omnye umboniso wawunomxholo othi: “Abantu BakaYehova KuMbindi WeYurophu.” Iindwendwe zabona imbali yeminyaka eyi-120 edlulileyo yamaNgqina akulo mmandla. Sithethanje, lo mboniso wembali unako ukuwubona kweli sebe.

Omnye umboniso wawuneeBhayibhile zakudala kunye nezibalulekileyo. Ezi Bhayibhile ziquka eyokuqala yesiJamani eyagqitywa ngo-1534 kunye neBhayibhile yePolyglot kaElias Hutter eguqulelwe kwiilwimi eziyi-12. Ukongezelela, kwakukho nezinye izixhobo ezazinceda abo babekho bayiqonde kakuhle indlela yokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile namhlanje.

Iindwendwe zaboniswa indlela abaphila ngayo abasebenzi abangaphezu kwabayi-1 000 beli sebe. Iindwendwe zaqala zaboniswa amagumbi okulala. Zafumana nento esiwa phantsi kwempumlo zaza zahambahamba kuloo yadi ineentyatyambo eziyimibalabala. Olunye undwendwe lwathi: “Intle into esiyibon’ apha.”

Emva koko iindwendwe zaya kubuka oomatshini bokuprinta, neSebe Lenkonzo. Zazibonela indlela iiBhayibhile eziprintwa, zidityaniswe zize zithunyelwe ngayo kumazwe angaphezu kwayi-50. Enye indoda yathi: “Kanti amaNgqina asebenza kangaka! Akukho lizwe lingenazo iimpapasho zawo. Andazi nokuba ayenza njani yonke le nto engabhatalwa.”

Iindwendwe zisebenzisa i-jw.org

Eyona nto yabangel’ umdla ngumboniso wewebhsayithi yamaNgqina kaYehova i-jw.org. Abantu abadala nabancinane babebukele iividiyo kuyo yaye befunda neempendulo zemibuzo yabo.

Iindwendwe zemka zinoncumo lukabhlankethi ngenxa yale nkcazelo intsha yomsebenzi owenziwa ngamaNgqina kaYehova kuwo onke amazwe. Enye indoda yathi: “Zininzi izinto ebendizikrokrela ngani. Ingathi kuza kufuneka ndizikis’ ukucinga.” Ebudeni bolu khenketho, elinye ibhinqa laphindaphinda amazwi athi: “Kungona ndiqalayo ukuwazi amaNgqina!”

a La manani ngaka-2014

b La manani ngaka-2014

c La manani ngaka-2014