Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova Awongwa Ngenxa Yokunceda Amabanjwa

AmaNgqina KaYehova Awongwa Ngenxa Yokunceda Amabanjwa

AmaNgqina kaYehova asithoba aseOstreliya awongwa kuxatyiswa ukuphatha kwawo kakuhle amabanjwa enye yeentolongo ezinkulu yeembacu eOstreliya. Ezi mbasa azifumana kwiNtolongo Yeembacu eyathiywa ngoJohn Curtin owayeyinkulumbuso kwelo, ekufutshane neDerby, kwiNtshona yeOstreliya. a

Veki nganye, amaNgqina ayetyelela la mabanjwa aze ancokole nawo, eshumayela kuwo ngamazwi athuthuzelayo nanik’ ithemba asuka eBhayibhileni. UChristopher Riddoch, ojongene nezentlalo nezonqulo kule ntolongo wathi: “Ikhawuleze yabonakala imiphumo yokutyelela kwamaNgqina.” Uthi yahlukile indlela amabanjwa azenza ngayo izinto ibe ayonwaba emva kotyelelo lwamaNgqina, nto leyo ebangela siwancome kuba “anomdla kwimpilo-ntle yabanye abantu.”

Kwakhona uMnu. Riddoch wathi la maNgqina aye awongwa ngaloo ndlela kuboniswa umbulelo “ngokuphucula kwawo ubomi bamabanjwa.” Wongezelela athi amaNgqina “alulutho kwiintsapho, emabandleni nakukholo lwawo.”

a Kule ndawo kunokuhlala abantu abayi-1 500.