Yiya kwinkcazelo

ESINGAPORE

Babanjwe Ngenxa Yendlela Abakhonza Ngayo

Babanjwe Ngenxa Yendlela Abakhonza Ngayo

Urhulumente waseSingapore unyanzelisa abantu ukuba baye emkhosini ibe uyalinyhasha ilungelo labo lokungayi ngenxa yesazela. Abafana abangamaNgqina KaYehova abangavumiyo ukuya emkhosini ngenxa yesazela bagwetywa kabini iinyanga ezithi xa zizonke zibeyi-39.

Xa umfana esiba neminyaka eyi-18 kufuneka abe kumkhosi waseSingapore. Ukuba akafuni ngenxa yesazela, uvalelwa kwinkampu yomkhosi kangangeenyanga eziyi-15. Emva kokuba ziphelile ezo nyanga, uyakhululwa enkampini, ayalelwe ngoko nangoko ukuba anxibe iyunifomu yamajoni ukuze aye kuqeqeshwa. Ukuba akavumanga, uphinda agwetywe iminyaka emibini.

ISingapore Ayivumi Ukuhambisana Nemithetho YeZizwe Ezimanyeneyo

Umbutho weZizwe Ezimanyeneyo watsho kwakudala kumazwe aphantsi kwawo ukuba afanele “ayiqonde into yokuba xa abantu bengavumi ukuya emkhosini ngenxa yesazela basebenzisa ilungelo labo lokucinga, elokungenzi izinto ezingavumelani nesazela nelokukhonza, ibe lo mthetho uyakhuselwa yiUniversal Declaration of Human Rights.” Nangona iSingapore ibikulo mbutho ukususela ngo-1965, ithe ayihambisani nesigqibo sawo kulo mba. Kwileta yangoAprili 24, 2002, eyayisiya kwiKomishoni Yamalungelo Abantu yeZizwe Ezimanyeneyo, igosa likarhulumente waseSingapore lathi, “xa izinto abazikholelwayo nabazenzayo abantu zingahambisani nomthetho welizwe wokhuseleko, ngumthetho welizwe wokhuseleko ekumele kuviwe ngawo.” Liqinisekile, eli gosa labhala lathi, “Asihambisani nomthetho wamanye amazwe ovumela abantu ukuba bangayi emkhosini ngenxa yezazela zabo.”

Izinto Ezenzekileyo

  1. NgoMatshi 16, 2018

    Kubanjwa amaNgqina KaYehova asibhozo ngenxa yokuba engavumi ukuya emkhosini ngenxa yezazela zawo.

  2. NgoNovemba 2013

    AmaNgqina ayi-18 avalelwa ngenxa yokungavumi ukuya emkhosini ngenxa yezazela zawo.

  3. NgoAprili 24, 2002

    Igosa likaRhulumente lichaza ukuba iSingapore ayilamkeli ilungelo labantu lokungavumi ukuya emkhosini ngenxa yezazela zabo.

  4. NgoFebruwari 1995

    AmaNgqina KaYehova aseSingapore abanjwa aze aphathwe kakubi ngakumbi kunakuqala.

  5. NgoAgasti 8, 1994

    INkundla Ephakamileyo yaseSingapore ikhaba isibheno samaNgqina KaYehova.

  6. NgoJanuwari 12, 1972

    URhulumente waseSingapore ucima amaNgqina KaYehova njengentlangano ebhalisiweyo.