Yiya kwinkcazelo

MEYI 15, 2023
Rwanda

Imvula Yenze Kwakho Izikhukula Kwadilika Nomhlaba ENtshona Rwanda

Imvula Yenze Kwakho Izikhukula Kwadilika Nomhlaba ENtshona Rwanda

Iimvula ezinamandla nge-2 nange-3 kaMeyi 2023, zenze kwakho izikhukula kwadilika nomhlaba eNtshona Rwanda. Ngenxa yaloo nto, kuye kwasweleka abantu abangaphezu kwabayi-130 ibe abaninzi kakhulu kuye kwafuneka bashiye amakhaya abo. Ezi zikhukula zimoshe izityalo, amakhaya, iibhulorho, neendlela.

Izinto Ezenzeke Kubazalwana Noodade

  • Akukho nomnye umzalwana okanye udade oye wonzakala okanye wasweleka

  • Kuye kwadilika amakhaya ayi-51

  • Amakhaya ayi-43 amoshakele kakhulu

  • IiHolo ZoBukumkani ezimbini zimoshakele kancinci

Indlela Abancedwe Ngayo

  • Kuye kwamiselwa iiKomiti Zokunceda eziyi-3 ukuze zilungiselele indlela abaza kuncedwa ngayo ngezinto abazidingayo abo behlelwe yintlekele

  • Abazalwana abakwiKomiti Yesebe, abaveleli besiphaluka, nabadala basekuhlaleni bakhuthaza abantu bakwezi ndawo zehlelwe yintlekele besebenzisa iBhayibhile

Sithandazela ukuba uYehova aqhubeke ebaxhasa abazalwana noodade wethu baseRwanda ‘abasentlungwini.’​—INdumiso 46:1.