Yiya kwinkcazelo

JUNI 5, 2019
EMZANTSI AFRIKA

UMzantsi Afrika Umelane Nemvula Enkulu Kunye Nezikhukula

UMzantsi Afrika Umelane Nemvula Enkulu Kunye Nezikhukula

Ekupheleni kuka-Aprili 2019, eMzantsi Afrika kwanetha imvula enkulu. Iye yanetha ixesha elide. Loo nto ibangele ukuba kubekho izikhukula kunye nodaka kwezinye indawo eziseThekwini, KwaZulu-Natal. Iindaba zithi kusweleke abantu abamalunga nabayi-70.

Isebe laseMzantsi Afrika lithi akukho bazalwana noodade abaye bonzakala okanye babulawa yiloo mvula. Kodwa amakhaya weentsapho eziyi-19 onakaliswe zizikhukula naludaka. Ezo zikhukula zimoshe neeHolo Zobukumkani ezintathu.

IKomiti Yokunceda Ngexesha Lentlekele iye yancedisana nesebe lokwakha ukuze bajonge ukuba mangaphi amakhaya abazalwana aye amoshakala. Xa bebona ukuba amakhaya abazalwana awakhuselekanga, baye basiwe kwezinye iindawo abanokukhabe behlala kuzo.

Siqinisekile ukuba uYehova, uza kuqhubeka ebaxhasa abazalwana noodade bethu abaseMzantsi Afrika abehlelwe zezi ntlekele.​—INdumiso 34:19.