Yiya kwinkcazelo

Yintoni IMithetho Elishumi KaThixo?

Yintoni IMithetho Elishumi KaThixo?

IBhayibhile iyaphendula

IMithetho Elishumi yimiyalelo uThixo awayinika amaSirayeli akudala. Le mithetho ikwabizwa ngokuba ngaMazwi Alishumi, ekuthiwa yiʽaseʹreth had·deva·rimʹ ngesiHebhere. La mazwi afumaneka kathathu kwiincwadi ezintlanu zokuqala zeTestamente endala ezibizwa ngokuba yiTorah. (Eksodus 34:28; Duteronomi 4:13; 10:4) NgesiGrike la mazwi ayebizwa ngokuthi deʹka loʹgous, apho la magama aphela ebizwa ngokuba “Decalogue.”

UThixo wabhala iMithetho Elishumi kumacwecwe amatye amabini waza wawanika umprofeti wakhe uMoses kwiNtaba yeSinayi. (Eksodus 24:12-18) Imithetho Elishumi ibhalwe kwiEksodus 20:1-17 nakwiDuteronomi 5:6-21.

 IMithetho Elishumi

  1. Khonza uYehova uThixo kuphela.​—Eksodus 20:3.

  2. Ungakhonzi izithixo okanye imifanekiso.​—Eksodus 20:4-6.

  3. Uze ungaliphathi njengelingento yanto igama likaThixo.​—Eksodus 20:7.

  4. Yikhumbule iSabatha.​—Eksodus 20:8-11.

  5. Thobela abazali bakho.​—Eksodus 20:12.

  6. Uze ungabulali.​—Eksodus 20:13.

  7. Uze ungakrexezi.​—Eksodus 20:14.

  8. Uze ungebi.​—Eksodus 20:15.

  9. Uze ungangqini ubuxoki.​—Eksodus 20:16.

  10. Uze ungabawi.​—Eksodus 20:17.

 Kutheni ingafani indlela elandelaniswe ngayo le Mithetho Ilishumi?

IBhayibhile ayiniki manani ngendlela efanele ilandelelane ngayo le mithetho. Ngenxa yoko, ayifani indlela elandelelaniswe ngayo. Le ndlela ilandalelaniswe ngayo ngasentla yeyona ixhaphakileyo. Kodwa abanye abayilandelelanisi ngale ndlela. Umahluko uba kumthetho wokuqala, owesibini nowokugqibela. a

 Yayenzelwe ntoni le Mithetho iLishumi?

IMithetho Elishumi yayifumaneka kuMthetho kaMoses. UMthetho kaMoses yayimiyalelo engaphezu kwe-600 ibe wawuneminqophiso okanye izivumelwano, eziphakathi kukaThixo nabantu bakwaSirayeli bakudala. (Eksodus 34:27) UThixo wathembisa abantu bakwaSirayeli ukuba babeza kuphumelela ukuba bayawuthobela uMthetho kaMoses. (Duteronomi 28:1-14) Eyona nto lo Mthetho wawuwenzelwe yona, kukunceda amaSirayeli amlungele uMesiya othenjisiweyo.—Galati 3:24

 Ingaba amaKrisu afanele aphile ngayo IMithetho Elishumi?

Hayi. UThixo wanika uMthetho wakhe, kuquka neMithetho Elishumi, kumaSirayeli akudala kuphela. (Duteronomi 5:2, 3; INdumiso 147:19, 20) UMthetho kaMoses wawungenzelwanga amaKristu, ibe kwanamaKristu angamaYuda “ayekhululwe kuwo uMthetho.” (Roma 7:6) b UMthetho kaMoses wathathelwa indawo “ngumthetho kaKristu,” kuquka konke oko uYesu wakuyalela abalandeli bakhe ukuba bakwenze.​—Galati 6:2; Mateyu 28:19, 20.

 Ngaba iMithetho Elishumi ibalulekile namhlanje?

Ewe. Kuba iMithetho Elishumi ibonisa indlela uThixo acinga ngayo, singancedakala xa siyifunda. (2 Timoti 3:16, 17) IMithetho Elishumi isuka kwimigaqo enokuthenjwa nengaphelelwa lixesha. (INdumiso 111:7, 8) Kangangokuba, uninzi lwale migaqo ziimfundiso ezifumaneka kwiTestamente Entsha.​—Jonga “ Imigaqo esuka kwiMithetho Elishumi ekwiTestamente Entsha.”

UYesu wafundisa ukuba wonke uMthetho kaMoses, kuquka neMithetho Elishumi, wawusuka kwimiyalelo emibini ebalulekileyo. Wathi: “‘Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela nangomphefumlo wakho uphela nangengqondo yakho iphela.’ Lo ngowona myalelo mkhulu nowokuqala. Owesibini, njengawo, ngulo, ‘Uze umthande ummelwane wakho njengawe siqu.’ Kule miyalelo yomibini kuxhomekeke uMthetho uphela.” (Mateyu 22:34-40) Nangona amaKristu kunganyanzelekanga ukuba aphile ngoMthetho kaMoses, ayalelwa ukuba amthande uThixo nabantu bonke.​—Yohane 13:34; 1 Yohane 4:20, 21.

  Imigaqo esuka kwiMithetho Elishumi ekhoyo kwiTestamente Entsha.

Umgaqo

Umbhalo OkwiTestamente Entsha

Khonza uYehova uThixo kuphela

ISityhilelo 22:8, 9

Ungakhonzi izithixo okanye imifanekiso

1 Korinte 10:14

Lihlonele igama likaThixo

Mateyu 6:9

Hlala umkhonza uThixo

Hebhere 10:24, 25

Thobela abazali bakho

Efese 6:1, 2

Uze ungabulali

1 Yohane 3:15

Uze ungakrexezi

Hebhere 13:4

Uze ungebi

Efese 4:28

Uze ungangqini ubuxoki

Efese 4:25

Uze ungabawi

Luka 12:15

a AmaYuda ayilandelelanisa “ngokwenza iEksodus 20:2 ‘umthetho’ wokuqala, ize ivesi 3-6 bayidibanise yonke ibe ngumthetho wesibini.” (The Jewish Encyclopedia) Kwelinye icala, amaKatolika adibanisa iEksodus 20:1-6, ibe ngumthetho omnye. Ngoko umthetho othi ungaliphathi njengelingento yanto igama likaThixo uba ngowesibini. Ukuze le mithetho iphelele, bahlula umthetho othi unganqweneli umfazi wommelwane wakho nayo nantoni na yommelwane wakho ize ibe yimithetho emibini

b AmaRoma 7:7 asebenzisa umthetho okwiMithetho Elishumi othi ’ngabawi’, loo nto ibonisa ukuba iMithetho Elishumi iyafumaneka kuMthetho kaMoses.