Yiya kwinkcazelo

Yintoni Irhamncwa Elineentloko Ezisixhenxe ElikwiSityhilelo Isahluko 13?

Yintoni Irhamncwa Elineentloko Ezisixhenxe ElikwiSityhilelo Isahluko 13?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Irhamncwa elineentloko ezisixhenxe elichazwe kwiSityhilelo 13:1 limela inkqubo yezopolitiko yehlabathi lonke.

  • Linegunya, amandla netrone, nto ezo ezibonisa ukuba yinkqubo yezopolitiko.​—ISityhilelo 13:2.

  • Lilawula “phezu kwezizwe nabantu neelwimi neentlanga zonke,” ngenxa yoko likhulu kunorhulumente welizwe nje elinye.​—ISityhilelo 13:7.

  • Lineempawu ezifana nezo zamarhamncwa amane achazwe kuDaniyeli 7:2-8, njengehlosi, iinyawo ezinjengezebhere, umlomo onjengowengonyama neempondo ezilishumi. Amarhamncwa akwisiprofeto sikaDaniyeli achazwa njengookumkani abathile okanye iinkokeli zezopolitiko, ezilawula ngokulandelelana. (Daniyeli 7:17, 23) Ngenxa yoko, irhamncwa elikwiSityhilelo isahluko 13 lifanekisela inkqubo yezopolitiko elawula ehlabathini lonke.

  • “Liphuma elwandle,” okanye, ebantwini abaphithizelayo abavela kubo oorhulumente babantu.​—ISityhilelo 13:1; Isaya 17:12, 13.

  • IBhayibhile ithi inani, okanye igama leli rhamncwa​—666​—“linani lomntu.” (ISityhilelo 13:17, 18) La mazwi abonisa ukuba irhamncwa leSityhilelo isahluko 13 lifuzisela umntu, kungekhona umoya okanye idemon.

Nangona abantu abalawulayo bevumelana ngezinto ezimbalwa, bayamanyana ukuze bakhusele igunya labo kunokuba bazithobe kulawulo loBukumkani bukaThixo. (INdumiso 2:2) Baya kumanyana ukuze balwe nomkhosi kaThixo okhokelwa nguYesu Kristu eArmagedon, kodwa le mfazwe iya kuphelela ekubeni batshatyalaliswe.​—ISityhilelo 16:14, 16; 19:19, 20.

‘Iimpondo ezilishumi neentloko ezisixhenxe’

EBhayibhileni amanani athile ayafuzisela. Ngokomzekelo, ishumi nesixhenxe zifuzisela ukuphelela kwento. Into esinceda sikwazi oko kuthethwa ‘ziimpondo ezilishumi neentloko ezisixhenxe’ zerhamncwa leSityhilelo isahluko 13, ‘ngumfanekiso werhamncwa’ ochazwa kamva kwiSityhilelo​—irhamncwa elibomvu elineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi. (ISityhilelo 13:1, 14, 15; 17:3) IBhayibhile ithi, iintloko ezisixhenxe zeli rhamncwa libomvu zithetha “ookumkani abasixhenxe,” okanye oorhulumente.​—ISityhilelo 17:9, 10.

Ngokufanayo, iintloko ezisixhenxe zerhamncwa elikwiSityhilelo 13:1 zifuzisela oorhulumente abasixhenxe: amagunya ezopolitiko ebelawula ukutyhubela imbali naye akhokela ekucinezeleni abantu bakaThixo—iYiputa, iAsiriya, iBhabhiloni, amaMedi namaPersi, iGrisi, iRoma kunye namaNgesi namaMerika. Ukuba sithi iimpondo ezilishumi zifuzisela onke amazwe azimeleyo, amancinane namakhulu, ngoko ke isithsaba esikwiphondo ngalinye sibonisa ukuba igunya ngalinye lilawula ngaxeshanye negunya lezopolitiko elilawulayo ngelo xesha.