Yiya kwinkcazelo

Ngaba Akukho Nto Imbi Xa AmaKristu Ecwangcisa?

Ngaba Akukho Nto Imbi Xa AmaKristu Ecwangcisa?

Impendulo esuka eBhayibhileni

UYesu akazange axelele abalandeli bakhe ukuba babe nabantwana okanye bangabi nabo. Nabafundi bakaYesu abazange bakwenze oku. Ayikho indawo eBhayibhileni egxeka abantu abathintela inzala. Kulo mba, simele sisebenzise umgaqo okwabaseRoma 14:12 othi: “Ngamnye wethu uya kuziphendulela kuThixo.

Ngoko izibini ezitshatileyo zimele zizikhethele ukuba ziyafuna kusini na ukuba nabantwana. Zimele zizikhethele nokuba zifuna ukuba nabantwana abangaphi yaye nini. Ukuba indoda nomfazi wayo bayacwangcisa sisigqibo sabo eso, logama nje bengazi kuqhomfa. Akukho mntu umele abagwebe.—Roma 14:4, 10-13.