Yiya kwinkcazelo

UThixo Uthanda Ndiphile Ubomi Obunjani?

UThixo Uthanda Ndiphile Ubomi Obunjani?

Impendulo yeBhayibhile

UThixo uthanda ukuba umazi kakuhle, usondele kuye, umthande uze umkhonze ngentliziyo epheleleyo. (Mateyu 22:37, 38; Yakobi 4:8) Unokufunda indlela ongakwenza ngayo ukuthanda kukaThixo kubomi neemfundiso zikaYesu. (Yohane 7:16, 17) UYesu wayengathethi ngokuthanda kukaThixo nje kuphela, wayekwenza. Wathi injongo yakhe ebomini ‘yayikukwenza ukuthanda kwalowo wamthumayo.’—Yohane 6:38.

Ngaba kufuneka ndifumane imibono namaphupha akhethekileyo ukuze ndazi ukuba uThixo ufuna ndenze ntoni?

Akunjalo, kuba yonke into uThixo afuna abantu bayenze iseBhayibhileni. Inayo yonke into ekufuneka uyenze ukuze ‘uwuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.’ (2 Timoti 3:16, 17) UThixo ufuna usebenzise iBhayibhile ‘ngamandla akho engqiqo’ ukuze ufunde ukuba ufuna wenze ntoni.—Roma 12:1, 2; Efese 5:17.

Ngaba Ndingakwenza Ukuthanda KukaThixo?

Ewe, ungakwenza, kuba iBhayibhile ithi: “Akukho nzima ukwenza imiyalelo kaThixo.” (1 Yohane 5:3, iEasy-to-Read Version) Oku akuthethi kuthi imiyalelo kaThixo isoloko ilula. Kodwa uya kuzuza okuninzi kunemigudu ekufuneka uyenzile. UYesu wathi: “Banoyolo abo balivayo ilizwi likaThixo baze balithobele!”—Luka 11:28, iGood News Translation.