Yiya kwinkcazelo

Yintoni Ipasika?

Yintoni Ipasika?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Ipasika ngumbhiyozo wamaYuda kuba uThixo wakhulula amaSirayeli ebukhobokeni eYiputa ngo-1513 B.C.E. UThixo wayalela amaSirayeli ukuba akhumbule esi sihlandlo sikhethekileyo nyaka ngamnye ngosuku lwe-14 ngenyanga yamaYuda uAbib, eyabizwa kamva ngokuba nguNisan.​—Eksodus 12:42; Levitikus 23:5.

Kutheni ibizwa ngokuba yiPasika?

Igama elithi iPasika libhekisela kwixesha laxa uThixo wasindisa amazibulo amaSirayeli ekubulaweni eYiputa. (Eksodus 12:27; 13:15) Ngaphambi kokuba uThixo azise le ndyikitya yokufa, waxelela amaSirayeli ukuba atshize emigubasini yeminyango igazi lemvu okanye lebhokhwe exheliweyo. (Eksodus 12:21, 22) UThixo wayeza kubona lo mqondiso aze ‘adlule’ kulo mizi aze asinde amazibulo ngaloo ndlela.​—Eksodus 12:7, 13.

Yayikhunjulwa njani iPasika ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile?

UThixo wawayalela amaSirayeli ngendlela awayefanele ayikhumbule ngayo iPasika yokuqala.  a Indlela eyayifanele yenziwe ngayo iPasika echazwe eBhayibhileni ilapha ngezantsi.

  • Umbingelelo: Iintsapho zazikhetha imvu (okanye ibhokhwe) ngosuku lweshumi lwenyanga uAbib (ngoNisan), zize ziyixhele ngosuku lwe-14. KwiPasika yokuqala, amaYuda atshiza igazi emigubasini nakumphezulu womnyango wendlu, osa isilwanyana sonke emlilweni aza asitya.​—Eksodus 12:3-9.

  • Isidlo: Ukongezelela kwimvu (okanye ibhokhwe), amaSirayeli atya amaqebengwane angenagwele nemifuno ekrakra njengenxalenye yesidlo sePasika.​—Eksodus 12:8.

  • Umthendeleko: AmaSirayeli abhiyozela Umthendeleko Wamaqebengwana Angenagwele kangangeentsuku ezisixhenxe emva kwePasika, ebudeni belo xesha babengawatyi amaqebengwane.​—Eksodus 12:17-20; 2 Kronike 30:21.

  • Imfundo: Abazali babesebenzisa ixesha lePasika ukuze bafundise abantwana babo ngoYehova uThixo.​—Eksodus 12:25-27.

  • Uhambo: Kamva, amaSirayeli ayesiya eYerusalem ukuze aye kubhiyozela iPasika.​—Duteronomi 16:5-7; Luka 2:41.

  • Ezinye izinto ezazisenziwa: Ngexesha likaYesu, kwakubakho iwayini kuze kuculwe xa kubhiyozelwa iPasika.​—Mateyu 26:19, 30; Luka 22:15-18.

Ubuxoki ngePasika

Ubuxoki: AmaSirayeli ayitya iPasika ngoNisan 15.

Inyaniso: UThixo wayalela amaSirayeli ukuba axhele imvu emva nje kokutshona kwelanga ngoNisan 14 aze ayitye kwangobo busuku. (Eksodus 12:6, 8) KumaSirayeli usuku lwaluqala ekutshoneni kwelanga luze luphele emva kokutshona kwelanga. (Leviticus 23:32) Ngenxa yoko, amaSirayeli axhela imvu aza atya isidlo sePasika ekuqaleni koNisan 14.

Ubuxoki: AmaKristu afanele abhiyozele iPasika.

Inyaniso: Emva kokuba uYesu ebhiyozele iPasika ngoNisan 14, 33 C.E., wathi makukhunjulwe into entsha: Isidlo SeNkosi Sangokuhlwa. (Luka 22:19, 20; 1 Korinte 11:20) Esi sidlo sathatha indawo yePasika, ekubeni kwakukhunjulwa ukuzincama kukaYesu imvana yePasika. (1 Korinte 5:7) Idini lentlawulelo likaYesu likhulu kunePasika kuba likhulula abantu bonke kubukhoboka besono nokufa.​—Mateyu 20:28; Hebhere 9:15.

a Ekuhambeni kwexesha, kwafuneka kwenziwe utshintsho. Ngokomzekelo, amaSirayeli ayenza ‘engxamile’ iPasika yokuqala kuba kwakufuneka elungiselele ukushiya iYiputa. (Eksodus 12:11) Sekunjalo, akufika kwiLizwe Lesithembiso, kwakungaseyomfuneko ukuba amaSirayeli ayibhiyozele engxamile iPasika.