Yiya kwinkcazelo

Incwadana Ecacisa Iindawo EziseBhayibhileni

Incwadana Ecacisa Iindawo EziseBhayibhileni

Incwadana ethi “Khawubone Eli Lizwe Lihle” icacisa ngokunzulu ngeendawo ekuthethwa ngazo eBhayibhileni ibe unokuyisebenzisa kufundisiso lwakho lobuqu. Zininzi iindawo okanye izixeko ethetha ngazo iBhayibhile. Kufundo lwakho lweBhayibhile kuza kuba lula ukuzibona upha nawe. Kuza kuba lula ukuzenzela umfanekiso ngqondweni wendawo ofunda ngayo uze uyazi nokuba iphi kwimaphu. Icacisa indlela edibana ngayo into eyenzekayo nendawo eyayisenzeka kuyo.

Le ncwadana ineemaphu nemizobo enemibala enceda ekucaciseni ngeendawo eziseBhayibhileni. Uya kulonwabela ufundisiso lwakho lobuqu ngale ncwadana kuba kukho imizobo ecacisayo naleyo izotywe ngekhompyutha kunye nezinye izinto ezininzi.

Le ncwadana icacisa iindawo eziseBhayibhileni iza kukunceda

  • uyazi indlela eyahanjwa nguAbraham, uIsake noYakobi

  • uyibone yonke indlela eyahanjwa ngamaSirayeli esuka eYiputa esiya kwiLizwe Lesithembiso

  • ubone ukuba wayehleli kude kangakanani uSirayeli kwiintshaba zakhe

  • ubone indlela awayihambayo uYesu xa wayeshumayela

  • ubone nobukhulu bezikumkani ekuthethwa ngazo eBhayibhileni njengeBhabhiloni, iGrisi neRoma

Le ncwadana efumaneka simahla ungayisebenzisa kwi-Watchtower ONLINE LIBRARY.