Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IJW LIBRARY

Sebenzisa IJW Library—KwiAndroid

Sebenzisa IJW Library—KwiAndroid

Wamkelekile kwiJW Library. Le app yenzelwe ukusinceda sifunde iBhayibhile. Ungazibonela izinto ezikule app kuludwe loncwadi. Ukuze uvule uludwe loncwadi, hambisa umnwe wakho ukusuka ekhohlo ukuya ekunene kweskrini okanye ucofe iMenu kwicala elingasentla ekhohlo.

 IBhayibhile

Indawo ethi Bible ikunceda ukwazi ukufaka ezinye iinguqulelo zeBhayibhile nokuzifunda. Ukuze uyifunde, cofa incwadi yeBhayibhile nesahluko. Njengoko ufunda, unokubona imibhalo esemazantsi, iimbekiselo zezibhalo nezinye iinguqulelo zeBhayibhile ezisekunene.

Ukuze ujonge esinye isibhalo, vula uludwe loncwadi, ucofe kuBible ukuze ubuyele kwiincwadi zeBhayibhile.

 Uncwadi

Indawo ethi Publications ikunceda ubone izinto ezibhaliweyo, ezirekhodiweyo neevidiyo. Njengoko ufunda, usenokujonga nezibhalo ezibonisiweyo. Cofa kwisibhalo esivelileyo ukuze ubone ivesi ekunene. Cofa ilinki esekunene ukuze ufumane loo vesi eBhayibhileni.

Ukuze ujonge enye incwadi, vula uludwe loncwadi, ucofe uPublications ukuze ubuyele kuludwe lweencwadi.

 Itekisi Yosuku

Ukuze ubone itekisi yosuku, vula uludwe loncwadi, ucofe uDaily Text.

 Kwiwebhsayithi

Icandelo elithi Online olukuludwe loncwadi lineelinki zokungena kwiwebhsayithi yethu

 Fumana Izinto Ezintsha

Fumana izinto ezintsha kwiJW Library ngokuqhubeka uyihlaziya.

Kulungile ukusebenzisa inkqubo entsha yeAndroid ekwisixhobo sakho. Jonga le linki ilandelayo ukuze ufumane iinkcazelo engakumbi: https://support.google.com/nexus/answer/4457705.

Ukuze kube lula, isixhobo sakho unokusenza sizihlaziye izinto ngokuzenzekelayo. Jonga le linki ilandelayo ukuze ufumane iinkcazelo engakumbi: https://support.google.com/googleplay/answer/113412.