UMBUZO 17
IBhayibhile Inokuyinceda Njani Intsapho Yakho?
ABAYENI/OOTATA
“Ngendlela efanayo, abayeni bafanele babathande abafazi babo njengokuba beyithanda imizimba yabo. Umyeni omthandayo umfazi wakhe uyazithanda. Kuba akukho mntu owakha wawucaphukela umzimba wakhe; kodwa uyawondla aze awuthande . . . Ngamnye wenu makamthande umfazi wakhe, kanye njengokuba ezithanda.”
“Botata, sanukubacaphukisa abantwana benu, kodwa qhubekani nibakhulisa ngokubaqeqesha nangokubafundisa ngendlela kaYehova.”
ABAFAZI
“Umfazi umele amhloniphe kakhulu umyeni wakhe.”
“Nina bafazi, wathobeleni amadoda enu, njengoko iNkosi ilindele loo nto.”
ABANTWANA
“Bantwana, bathobeleni abazali benu ngokwendlela eyamkelekileyo eNkosini, kuba nenza ubulungisa xa nisenza loo nto. Umyalelo othi, ‘hlonipha utata wakho nomama wakho,’ ngumyalelo wokuqala onesithembiso esithi: ‘Ukuze zikuhambele kakuhle izinto uze uphile ixesha elide emhlabeni.’ ”
“Nina bantwana, bathobeleni abazali benu kuyo yonke into, kuba iNkosi iyayithanda loo nto.”