Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UMBUZO 17

IBhayibhile Inokuyinceda Njani Intsapho Yakho?

ABAYENI/OOTATA

“Ngendlela efanayo, abayeni bafanele babathande abafazi babo njengokuba beyithanda imizimba yabo. Umyeni omthandayo umfazi wakhe uyazithanda. Kuba akukho mntu owakha wawucaphukela umzimba wakhe; kodwa uyawondla aze awuthande . . . Ngamnye wenu makamthande umfazi wakhe, kanye njengokuba ezithanda.”

Efese 5:​28, 29, 33

“Botata, sanukubacaphukisa abantwana benu, kodwa qhubekani nibakhulisa ngokubaqeqesha nangokubafundisa ngendlela kaYehova.”

Efese 6:4

ABAFAZI

“Umfazi umele amhloniphe kakhulu umyeni wakhe.”

Efese 5:​33

“Nina bafazi, wathobeleni amadoda enu, njengoko iNkosi ilindele loo nto.”

Kolose 3:​18

ABANTWANA

“Bantwana, bathobeleni abazali benu ngokwendlela eyamkelekileyo eNkosini, kuba nenza ubulungisa xa nisenza loo nto. Umyalelo othi, ‘hlonipha utata wakho nomama wakho,’ ngumyalelo wokuqala onesithembiso esithi: ‘Ukuze zikuhambele kakuhle izinto uze uphile ixesha elide emhlabeni.’ ”

Efese 6:​1-3

“Nina bantwana, bathobeleni abazali benu kuyo yonke into, kuba iNkosi iyayithanda loo nto.”

Kolose 3:​20