Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

4. Ichanile Ngokwenzululwazi

4. Ichanile Ngokwenzululwazi

Izizathu Zokuyikholelwa IBhayibhile

4. Ichanile Ngokwenzululwazi

Ininzi inkqubela eyenziwe zizazinzulu kweli xesha lethu. Ngenxa yoko, iingcamango ezindala zithatyathelw’ indawo zezintsha. Into eyayifudula igqalwa njengenyaniso ngaphambili namhlanje yintsomi nje. Iincwadi zenzululwazi zihlaziywa lonke ixesha.

IBHAYIBHILE asiyoncwadi yenzululwazi. Kodwa kwimibandela ephathelele inzululwazi, iBhayibhile iphuma phambili ngezinto ezithethayo nangezo ingazithethiyo.

Ayinazingcamango zingavumelaniyo nenzululwazi. Kukho iinkolelo ezininzi eziphosakeleyo ezazixhaphakile kumaxesha amandulo. Enye yazo yayikukuba umhlaba usicaba ukanti yakha yakho neyokuba kukho izinto ezithile eziwuxhasileyo. Ngaphambi kokuba izazinzulu zazi ngokwasulela kwezifo nendlela yokuzithintela, oogqirha babesebenzisa iindlela ezazingeloncedo konke konke, eneneni ezinye zazo zazikhokelela ekufeni. Kodwa kwizahluko zeBhayibhile ezingaphezu kwe-1 100 soze ufumane nanye imbono enjalo engavumelaniyo nenzululwazi okanye eyingozi.

Iimbono ezixhaswa yinzululwazi. Kwiminyaka emalunga nama-3 500 eyadlulayo, iBhayibhile yathi umhlaba uxhonywe “kokungento.” (Yobhi 26:7) Kwinkulungwane yesibhozo ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, uIsaya wathetha ‘ngesazinge okanye ingqukuva yomhlaba.’ (Isaya 40:22) Umhlaba osisazinge, ekungekho nto ubonakala uxhonywe kuyo—ngaba leyo asiyonkcaza yezazinzulu yamvanje?

UMthetho kaMoses, owabhalwa malunga nowe-1500 B.C.E., (ofumaneka kwiincwadi zokuqala ezintlanu zeBhayibhile) wawunemiyalelo esengqiqweni yokuba umntu ogula sisifo esithile ufanele ahlaliswe yedwa, kwakukho nephathelele indlela yokuphatha isidumbu nokugqunyelelwa kwelindle.—Levitikus 13:1-5; Numeri 19:1-13; Duteronomi 23:13, 14.

Ngoncedo lweeteleskopu ezinamandla, izazinzulu ziye zafikelela kwisigqibo sokuba ummandla wendalo “wabakho” ngequbuliso. Ezinye izazinzulu aziyiginyi ncam le ngcamango. Omnye unjingalwazi wathi: “Ummandla wendalo onesiqalo ufanele ukuba unomntu owawenzayo; yayinokwenzeka njani into yokuba ummandla wendalo usuke nje uzivelele?” Ukanti, kude kudala ngaphambi kokuba kubekho iiteleskopu, indinyana yokuqala ngqa yeBhayibhile yathi: “Ekuqaleni uThixo wadala amazulu nomhlaba.”—Genesis 1:1.

Nakuba iBhayibhile iyincwadi endala nethetha ngemibandela eyahlukahlukeneyo, kwizinto eziquletheyo akukho nanye engavumelaniyo nenzululwazi. Ngaba incwadi enjalo asimele sifune ukuyifunda? *

[Umbhalo osemazantsi]

^ isiqe. 9 Ukuze ufumane imizekelo engakumbi ephathelele ukuchana kweBhayibhile ngokwenzululwazi, funda iphepha 18-21 kwincwadana enemifanekiso ethi, Incwadi Yabantu Bonke, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

[Umfanekiso okwiphepha 8]

IBhayibhile yatsho kude kudala ukuba umhlaba usisazinge yaye uxhonywe “kokungento”

[Inkcazelo]

U.S. Fish & Wildlife Service, Washington, D.C./NASA