Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

5. Iziprofeto Ezisele Zizalisekile

5. Iziprofeto Ezisele Zizalisekile

Izizathu Zokuyikholelwa IBhayibhile

5. Iziprofeto Ezisele Zizalisekile

Khawucinge ngomntu owenza uqikelelo lwemozulu osoloko echaza imozulu ngendlela echanileyo. Ukuba uthi imvula iza kuna, ngaba ubuya kuphatha iambrela xa uhamba?

IBHAYIBHILE izele ziziprofeto. * Ingxelo yayo icacile. Iziprofeto zeBhayibhile zisoloko zichanile.

Iinkcukacha ezicacileyo. Iziprofeto zeBhayibhile zidla ngokuchaza iinkcukacha ezicacileyo yaye zizaliseka ngokupheleleyo. Ezi idla ngokuba ziziprofeto eziphathelele izinto ezibaluleke kakhulu yaye inzaliseko yazo yahluka ngokupheleleyo koko kwakulindelekile kubantu ababephila ngexesha lokubhalwa kwazo.

Umzekelo obalaseleyo. IBhabhiloni yamandulo eyayakhiwe ngobuchule phezu koMlambo umEfrate, ibizwa ngokuba “sisazulu sezopolitiko, ezonqulo namasiko eMpuma yamandulo.” Malunga nowama-732 B.C.E., umprofeti uIsaya waprofeta ngentlekele eyayiza kwenzeka—ukuwa kweBhabhiloni. UIsaya wachaza iinkcukacha ezicacileyo: Esi sixeko sasiza koyiswa ngumlawuli ogama ‘linguKoreshi,’ amanzi omEfrate ayeza ‘koma,’ yaye amasango esixeko ayengayi ‘kuvalwa.’ (Isaya 44:27–45:3) Malunga neminyaka engama-200 kamva, ngo-Oktobha 5, 539 B.C.E., esi siprofeto sazaliseka ngokupheleleyo. Umbhali-mbali ongumGrike uHerodotus (owayephila kwinkulungwane yesihlanu ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo) wayingqina indlela eyawa ngayo iBhabhiloni. *

Ukuchaza iinkcukacha ngenkalipho. UIsaya uprofeta nangenye into ekhwankqisayo ngokuphathelele iBhabhiloni: “Ayisoze imiwe.” (Isaya 13:19, 20) Ukuprofeta ngokuphanziswa kwesixeko esikhulu esasiliziko lezorhwebo kwakufuna inkalipho ngokwenene. Ubunokulindela ukuba isixeko esinjalo sasiya kuphinda sakhiwe emva kokuba sitshatyalalisiwe. Nangona iBhabhiloni yaqhubeka ikho kangangethuba elithile emva kokoyiswa kwayo, amazwi kaIsaya azaliseka ekugqibeleni. Namhlanje, kuloo ndawo yayikuyo iBhabhiloni yamandulo “kukho intlango etshisayo nezele uthuli,” litsho njalo iphephancwadi iSmithsonian.

Esi siprofeto sikaIsaya simangalisa gqitha. Xa sizekelisa ngesixeko sezi mini, kufana nje nokuxela kwangaphambili ukuba isixeko esifana neNew York okanye iLondon, siya kutshatyalaliswa kwiminyaka engama-200 ukususela ngoku uze uyigxininise into yokuba akusayi kuze kuphinde kubekho bemi apho. Kakade ke, eyona nto ihlab’ umxhelo kukuba isiprofeto sikaIsaya sazaliseka! *

Kolu ngcelele lwamanqaku, siye sahlolisisa obunye bobungqina obuye bakhokelela abantu abazizigidi ekukholelweni ukuba iBhayibhile yincwadi enokuthenjwa. Bayayithemba ukuba inokubakhokela ebomini. Kutheni ungafundi okungakumbi ngeBhayibhile ukuze ubone enoba nawe unokuyithemba kusini na?

[Imibhalo esemazantsi]

^ isiqe. 4 Uqikelelo lwemozulu luchaza into esenokwenzeka. Iziprofeto zeBhayibhile ziphefumlelwe nguThixo, onako ukwenza izinto zibe njengoko efuna.

^ isiqe. 6 Ukuze ufumane iinkcukacha ezingakumbi ngokuphathelele ukuzaliseka kwesiprofeto sikaIsaya, funda iphepha 27-29 kwincwadana enemifanekiso ethi Incwadi Yabantu Bonke, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

^ isiqe. 8 Ukuze ufumane eminye imizekelo yeziprofeto zeBhayibhile nokuzaliseka kwazo, funda iphepha 117-33 kwincwadi ethi IBhayibhileNgaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

[Imifanekiso ekwiphepha 9]

IBhayibhile yaprofeta ukuba umlawuli ogama linguKoreshi uya koyisa iBhabhiloni enamandla