Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

IParadesi

IParadesi

Yintoni IParadesi?

OKO ABANTU BAKUTSHOYO

Abanye bathi iParadesi yindawo nje yasentsomini. Abanye bakholelwa ukuba iParadesi yigadi entle ekwilizwe lasentsomini apho abantu abalungileyo bephila ngonaphakade, behleli ngoxolo nangolonwabo.

OKO IBHAYIBHILE IKUTSHOYO

Igama elithi “Paradesi” liye lasetyenziswa ukubhekisela kumyezo wase-Eden, ikhaya labazali bethu bokuqala. (Genesis 2:7-15) IBhayibhile ithi lo myezo wawuyindawo yokoqobo ekwakuhlala kuyo uAdam noEva, kungekho kugula nakufa. (Genesis 1:27, 28) Ngenxa yokungathobeli kwabo uThixo, loo ndoda nomfazi wayo bagxothwa kwelo khaya. Noko ke, iziprofeto ezininzi zeBhayibhile zithi abantu baza kuphinda baphile eParadesi.

KUTHENI UFANELE UBE NOMDLA KWIPARADESI?

Ukuba uThixo uyabathanda abantu, sifanele silindele ukuba abavuze ngobomi kwindawo entle njengeParadesi abo baye bamkhonza ngokunyaniseka. Kwakhona, sifanele silindele ukuba uThixo abaxelele ukuba bafanele benze ntoni ukuze bathandwe nguye. IBhayibhile ifundisa ukuba uya kuthandwa nguThixo ukuba ufunda ngaye uze uyithobele imiyalelo yakhe.—Yohane 17:3; 1 Yohane 5:3.

“UYehova uThixo watyala umyezo e-Eden, . . . waza wambeka khona umntu abembumbile.”Genesis 2:8.

 Iphi iParadesi?

OKO ABANTU BAKUTSHOYO

Abanye abantu bakholelwa ukuba iParadesi isezulwini, ngoxa abanye besithi iza kuba semhlabeni.

OKO IBHAYIBHILE IKUTSHOYO

IParadesi awayehlala kuyo uAdam noEva yayilaph’ emhlabeni. Kuyacaca ukuba uThixo wayefuna abantu bahlale emhlabeni ngonaphakade. IBhayibhile ithi uThixo wawudala lo mhlaba ukuze uhlale ngonaphakade. (INdumiso 104:5) Iphinda ithi: “Wona ke amazulu, ngamazulu kaYehova, kodwa umhlaba uwunike oonyana babantu.”—INdumiso 115:16.

Akumangalisi ke ngoko ukuba iBhayibhile isithembise ukuba iParadesi iseza kufika. EParadesi, uThixo uza kubasikelela abantu ngobomi obungunaphakade. Apho kuya kubakho uxolo nemvisiswano. Intlungu neenkxwaleko ziya kube zingekho. Abantu baya kunandipha zonke izinto ezintle ezisemhlabeni.—Isaya 65:21-23.

“Intente kaThixo iphakathi koluntu, . . .  kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona.”ISityhilelo 21:3, 4.

Kuza kuhlala bani eParadesi?

OKO ABANTU BAKUTSHOYO

Iinkonzo ezininzi zifundisa ukuba ngabantu abalungileyo kuphela abaza kuphila eParadesi. Kodwa ke abantu abaninzi bakuchaza ngeendlela ezahlukahlukeneyo “ukulunga”. Abanye bathi kufuneka nje uye ecaweni uze uthandaze.

OKO IBHAYIBHILE IKUTSHOYO

IBhayibhile ithi “amalungisa” aya kuhlala eParadesi. Kodwa umntu kufuneka enze ntoni ukuze uThixo athi ulungile? Asingomntu nje oya ecaweni kodwa abe engakwenzi ukuthanda kukaThixo. IBhayibhile ithi: “Ngaba uYehova lo uyoliswa yiminikelo etshiswayo nemibingelelo na njengoko kunjalo ngokuthotyelwa kwelizwi likaYehova? Khangela! Ukuthobela kulunge ngakumbi kunombingelelo.” (1 Samuweli 15:22) Ngoko ke, “amalungisa” aza kuhlala eParadesi ngonaphakade ngabo bathobela imithetho kaThixo ebhalwe eBhayibhileni.

OKO UNOKUKWENZA

Ukuthobela imithetho kaThixo akuphelelanga nje ekuyeni ecaweni. Izinto ozenza imihla ngemihla zinokumvuyisa okanye zimcaphukise uThixo. Unokukwazi ukumkholisa uThixo ukuba ufunda iBhayibhile. Kulula ukuvuyisa uThixo. IBhayibhile ithi “ayinzima imiyalelo yakhe.” (1 Yohane 5:3) Ukuba uyamthobela, uThixo uza kukuvuza ngobomi eParadesi.

“Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.”INdumiso 37:29.