Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 INQAKU ELINGUMXHOLO

Istres—Amacebiso Anokukunceda Kuso

Istres—Amacebiso Anokukunceda Kuso

“Kwakungathi ndingqisha endawen’ enye. Ndandisebenza iiyure eziyi-16 ngosuku ndingafane ndiphumle nangeempela-veki. Oku kwakundihlupha kuba ndandisimka ndize ndibuye intombazana yam ilele. Istres sasindigulisa.”UKari, eFinland.

LE NGXAKI kaKari iqhelekile. Umbutho onceda abantu abagula ngengqondo eUnited Kingdom uthi, eBritani umqeshwa omnye kwabahlanu uguliswa sistres, yaye omnye kwabane ude alile emsebenzini ngenxa yestres. Iipilisi zokwehlisa istres zithengwe gqitha ngonyaka uqoqosho belulubi ngawo.

Ustreswa yintoni?

  • Ixhala lemali okanye ezinye iingxaki

  • Ukuxakeka

  • Ukungavani kwakho nomntu othile

  • Intlungu exhelayo obukhe wakuyo

Sikwenza ntoni istres?

  • Siyakugulisa

  • Sikwenza ube nomoya ophantsi

  • Sikwenza ungakwazi ukulala

  • Sikwenza udandatheke

  • Sikumoshela ubuhlobo nabantu

 Xa unestres umzimba wakho usebenza ngendlela emangalisayo. Istres sikwenza uphefumlele phezulu, nentliziyo ibethe ngamandla. Iiseli zegazi neglucose esemzimbeni ziyaphindaphindeka. Oku kubangela ukuba umzimba wakho ukwazi ukulwa nestres. Sakuba siphelile, umzimba ubuyela kwimeko yesiqhelo. Kodwa ukuba asipheli, sinokukugulisa, usoloko unxubile okanye uneqwakaza. Ngoko ukufunda indlela yokulwa nestres kubalulekile emzimbeni nasengqondweni yakho.

Ukumelana Nestres

Istres asisoloko siyingozi. Oogqirha bengqondo baseMerika bathi: “Istres emntwini sifana nesixhobo somculo ivayolin: ukuba idlalelwa phantsi kakhulu loo mculo unokozelisa; kodwa xa idlalwa ngamandla umculo unokukruqula, neentambo zide ziqhawuke. Ngokufanayo istres siyafuneka emzimbeni, kodwa xa siqatsele sisenokukubulala. Ngoko eyona nto ibalulekileyo yindlela yokumelana naso.”

Enye into esimele siyazi ngestres kukuba asibafumani ngendlela efanayo abantu. Ngoko into ekustresayo wena isenokungamstresi omnye umntu. Sukuba siqatsele istres xa into oqhele ukuyenza ikubangela ungakhululeki.

Abanye abantu baye basebenzise utywala, iziyobisi okanye icuba ukuze “balwe” nestres. Bambi batya kakhulu okanye bahlale nje phambi kweTV okanye kwekhompyutha—zinto ezo ezibangela ukuba istres siqatsele kunokuba siphele. Ngoko yintoni enokusinceda sikwazi ukumelana nestres?

Abantu abaninzi bancedwe yiBhayibhile. Ngaba ubulumko bayo bunokukunceda? Ukuze siphendule lo mbuzo, makhe sijonge ezi zinto zine zidla ngokubangela istres.

 1 IXHALA

Sonke asiqinisekanga ngobomi. Nayo iBhayibhile ithi, ‘sonke sehlelwa lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.’ (INtshumayeli 9:11) Ungalehlisa njani ixhala? Khawuzame la macebiso.

  • Thetha nomntu omthembayo kowenu okanye umhlobo ngento ekuxhalabisayo. Uphando luthi, xa uye wathetha nomntu omthandayo ngento ekwenza ixhala awude ugule sistres. Yinyani into yokuba, “iqabane lokwenyaniso lithanda ngamaxesha onke, yaye lingumzalwana ozalelwe ixesha lokubandezeleka.”IMizekeliso 17:17.

  • Sukusoloko ucinga ngezinto ezimbi, kuba ezo ngcinga zinokukubangela ixhala. Ibe loo nto uyixhaleleyo isenokungenzeki! Yiloo nto iBhayibhile isithi: “Musani ukuxhalela ingomso, kuba ingomso liya kuba namaxhala alo.”Mateyu 6:34.

  • Umthandazo uya kukunika amandla. Eyoku-1 kaPetros 5:7 ithi: “Liphoseni [kuThixo] lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.” UThixo ubonisa ukuba usikhathalele ngokusinika uxolo lwengqondo nangokusiqinisekisa ukuba ‘akayi kuze abashiye’ abo bacela kuye uncedo ngomthandazo.Hebhere 13:5; Filipi 4:6, 7.

2 UKUXAKEKA

Ukuya nokubuya emsebenzini, ukufunda, ukuhoya abantwana nabazali abolupheleyo, zonke ezi zinto zinokwenza istres. Kodwa kwezi zinto ayikho engabalulekanga. (1 Timoti 5:8) Ngoko ke, yintoni enokukunceda ukuze zingakustresi?

  • Ziphe ixesha lokuphumla. IBhayibhile ithi: “Kulunge ngakumbi ukuzalisa isandla ngokuphumla kunokuzalisa izandla zozibini ngomsebenzi onzima ngokusukelana nomoya.”INtshumayeli 4:6.

  • Qala ngokwenza izinto ezibalulekileyo, yaye ungazixakekisi ngezinto ezingeyomfuneko. (Filipi 1:10) Zama ukunciphisa iindleko zakho kunye nexesha olichitha emsebenzini.Luka 21:34, 35.

UKari ebesikhe sathetha ngaye ngaphambili waye wacingisisa ngendlela aphila ngayo. Uthi: “Ndaye ndaqonda ukuba bendiphilela isiqu sam.” Ngoko, walithengisa ishishini lakhe waza wafumana umsebenzi owawuzakumenza abe nexesha lentsapho. Uthi “Imali asisenayo njengakuqala, kodwa mna nomfazi wam istres asisenaso kuba ngoku sichitha ixesha kunye njengentsapho nabahlobo. Ukuba kunye nentsapho kubaluleke ukodlula ishishini.”

 3 UKUNGAVANI KWAKHO NOMNTU OTHILE

Ukungavani nomntu othile ingakumbi emsebenzini kubangela istres. Ukuba unaloo ngxaki, la macebiso alandelayo anokukunceda.

  • Ukuba umntu uyakucaphukisa, zola. Sukucima umlilo ngepetroli. IMizekeliso 15:1 ithi: “Impendulo, xa inobulali, isusa umsindo, kodwa ilizwi elibangela intlungu linyusa umsindo.”

  • Le ngxaki ninayo zama ukuba niyithethe ngembeko ninodwa, xa usenza njalo uyakuba uyamhlonela loo mntu.Mateyu 5:23-25.

  • Zam’ ukuqonda lento inixabanisayo. Ukuyiqonda kuza kukwenza ‘ungakhawulezi ukucaphuka’ ngoba kaloku uzibeke endaweni yakhe. (IMizekeliso 19:11) Kwakhona, oko kuya kukunceda uyibone le ngxaki lomntu anayo ngawe.

  • Zama ukuxolela. Ukuxolela akuyonto entle kuphela, kodwa kuyanceda nasempilweni. Uhlolisiso olwenziwayo ngo-2001 lubonisa ukuba, “ukungaxoleli” kunyuse izinga lesifo sentliziyo, nehighblood. Kodwa ukuxolela kona kubangele ukuba istres singabikho.Kolose 3:13.

4 INTLUNGU EXHELAYO OBUKHE WAKUYO

UNieng ohlala eKhambodiya wehlelwa zizinto ezibuhlungu ngokulandelelanayo. Ngo-1974 wonzakaliswa yibhombu eyaqhushumba kwisikhululo senqwelo-moya. Kunyaka olandelayo, kwafa abantwana bakhe ababini, umama kunye nomyeni wakhe. Ngo-2000, umzi wakhe watsha nqunqe ngumlilo kwaza kwasweleka nomyeni wakhe wesibini kwiminyaka emithathu eyalandelayo. Ngeloo xesha, waye wafuna ukuzibulala.

“Kulunge ngakumbi ukuzalisa isandla ngokuphumla kunokuzalisa izandla zozibini ngomsebenzi onzima”

Sekunjalo, kukho into eyamncedayo uNieng. NjengoKari uNieng wancedwa yiBhayibhile nasekuchitheni ixesha efundisa abanye ngayo. Ibali lakhe lisikhumbuza uhlolisiso olwenziwa eBritani ngo-2008. Olu hlolisiso lwalusithi, “enye indlela yokunyamezela xa unestres, kukunceda . . . abanye abantu”—nto leyo eyathethwa kudala yiBhayibhile.IZenzo 20:35.

Kwakhona uNieng wafumana ithemba ngekamva elingazukuba nazo iingxaki neentlungu ezikhoyo ngoku. Ikamva eliza kuba “nobuninzi boxolo” emhlabeni wonke.INdumiso 72:7, 8.

Ithemba elinje nobulumko bokumelana neengxaki zobomi azinakuthelekiswa nanto, ibe zifumaneka eBhayibhileni. Izigidi zabantu sezincediwe yile ncwadi emangalisayo. Nawe inokukunceda.