IZenzo Zabapostile 20:1-38

  • UPawulos eMakedoni naseGrisi (1-6)

  • Kuvuswa uYutiko eTrowa (7-12)

  • Ukusuka eTrowa ukuya eMileto (13-16)

  • UPawulos udibana nabadala base-Efese (17-38)

    • Kushunyayelwa kwindlu ngendlu (20)

    • “Kuvuyisa ngakumbi ukupha” (35)

20  Emva kokuba siphelile eso siphithiphithi, uPawulos wabiza abafundi, wabakhuthaza, waza wacela indlela, waya eMakedoni.  Emva kokuba ehambe zonke ezo ndawo, ekhuthaze nabantu balapho, waya eGrisi.  Wahlala iinyanga ezintathu apho, kodwa xa amaYuda+ aceba ukumbulala xa esiya eSiriya ngesikhephe, wagqiba ekubeni ahambe ngaseMakedoni.  Wayekhatshwa nguSopatro unyana kaPayiro waseBhereya, uAristarko+ noSekundo baseTesalonika, uGayo waseDerbhe, uTimoti+ noTikiko+ noTrofimo+ bephondo laseAsiya.  La madoda ahamba phambili aza asilinda eTrowa;  kodwa sahamba ngesikhephe sisuka eFilipi emva kweentsuku zeTheko Lezonka Ezingenagwele,+ yaye emva kweentsuku ezintlanu sawafumana eTrowa. Sahlala iintsuku ezisixhenxe apho.  Ngosuku lokuqala kuloo veki, xa sasidibene siza kutya, uPawulos wathetha nabo, kuba wayeza kuhamba ngemini elandelayo. Wayitsala intetho yakhe kwade kwasezinzulwini zobusuku.  Kwigumbi eliphezulu apho sasidibene khona kwakukho izibane ezininzi.  Omnye umfana ekuthiwa nguYutiko wayehleli efestileni. Wabiwa bubuthongo uPawulos esathetha, waya kuwa esuka kumgangatho wesithathu, wafa. 10  Kodwa uPawulos wehla, waziphosa kuye, wamanga+ waza wathi: “Sanukungxola kuba uyaphila.”+ 11  Emva koko wenyuka wayokutya. Wancokola de kwathi qheke ukusa, emva koko wemka. 12  Bahamba naye ephila loo mfana yaye babethuthuzeleke kakhulu. 13  Emva koko sahamba phambili ngesikhephe sisiya eAsos, kodwa yena uPawulos waya ngeenyawo. Apho sasiza kudibana naye size simkhwelise kuba wayethe masenze loo nto. 14  Ukudibana kwethu eAsos, samkhwelisa saya eMitilene. 15  Ngemini elandelayo semka apho saya ngaseKhiyo, kodwa ngemini elandelayo saya eSamos, saza ngemini elandelayo safika eMileto. 16  UPawulos wayegqibe kwelokuba angagqithi e-Efese,+ ukuze angachithi xesha kwiphondo laseAsiya, kuba wayengxamele ukufika eYerusalem+ ngomhla weTheko LePentekoste ukuba kwakunokwenzeka. 17  Kodwa xa wayeseMileto wathi makuyokubizwa abadala bebandla lase-Efese. 18  Ukufika kwabo wathi kubo: “Niyazi kakuhle indlela endaziphatha ngayo ngokuya ndandikunye nani, ukususela kwimini yokuqala endafika ngayo kwiphondo laseAsiya,+ 19  ndilikhoboka leNkosi elithobekileyo,*+ ndilila iinyembezi, ndifumana intshutshiso ngenxa yamaYuda awayeceba ukundibulala, 20  kodwa zange ndinifihlele nantoni na enokuninceda. Ndanifundisa phambi kwabantu+ nakwindlu ngendlu.+ 21  Ndashumayela ngokucokisekileyo kumaYuda nakumaGrike ndisithi mawaguqukele+ kuThixo aze akholwe kwiNkosi yethu uYesu.+ 22  Ngoku umoya kaThixo uthi mandiye eYerusalem, nangona ndingazi ukuba kuza kwenzeka ntoni kum apho. 23  Into endiyaziyo kukuba kuzo zonke izixeko ebendihamba kuzo, umoya oyingcwele ubusoloko undixelela ukuba ndilindelwe yijele nazizinto ezibuhlungu.+ 24  Kodwa ke andibujongi njengento ebalulekileyo ubomi bam. Eyona nto ndiyifunayo kukuwugqiba umsebenzi wokushumayela endawuthunywa+ yiNkosi uYesu, ndizishumayele ngokucokisekileyo iindaba ezilungileyo zobubele* bukaThixo. 25  “Jongani ke, nonke nina endiye ndashumayela kubo ngoBukumkani bukaThixo, soze niphinde nindibone. 26  Ngoko ndifuna nibe ngamangqina am okuba ndimsulwa egazini labantu bonke,+ 27  kuba andinifihlelanga nto, ndinixelele yonke injongo kaThixo.+ 28  Zigadeni,+ nigade nomhlambi enibekwe ngumoya oyingcwele ukuba nibe ngabadala*+ bawo, ukuze nilaluse ibandla likaThixo+ awalithenga ngegazi loNyana wakhe.+ 29  Ndiyazi ukuba emva kokuba ndimkile, kuza kufika iingcuka ezikhohlakeleyo,*+ yaye azizukuwuphatha kakuhle umhlambi. 30  Amanye amadoda kwalapha kuni, aza kuqalisa ukuthetha izinto ezigqwethekileyo kuba efuna abafundi balandele wona.+ 31  “Ngoko ke hlalani nithe qwa, nikhumbule ukuba ndichithe iminyaka emithathu+ ubusuku nemini, ndinicenga ngeenyembezi. 32  Ngoku ndinishiyela ezandleni zikaThixo yaye ndinishiya neendaba ezingobubele bakhe,* ezinokunakha zize zininike ilifa phakathi kwabo bonke abangcwele.+ 33  Akakho umntu endiye ndafuna isilivere, igolide okanye iimpahla zakhe.+ 34  Nani niyazi ukuba ndiye ndazisebenzela ngokwam izinto ezidingwa ndim+ nangabo bakunye nam. 35  Ndiye ndanibonisa ngandlela zonke ukuba nimele nisebenze nzima+ ukuze nincede abo badinga uncedo, yaye nimele nihlale niwakhumbula amazwi eNkosi uYesu athi: ‘Kuvuyisa kakhulu ukupha+ kunokuphiwa.’” 36  Emva kokuba ethethe ezi zinto, waguqa nabo bonke, wathandaza. 37  Balila kakhulu, bamanga* uPawulos baza bamphuza,* 38  kuba yabakhathaza into yokuba athi abazukuphinda bambone.+ Emva koko bamkhapha bamsa esikhepheni.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “elinengqondo ethobekileyo.”
Okanye “zobubele obungasifanelanga.”
Okanye “ngabaveleli.”
Okanye “ezicinezelayo.”
Okanye “zobubele bakhe obungasifanelanga.”
Ngokoqobo, “bamwela entanyeni.”
Ukuphuza umntu, mhlawumbi esidleleni, kwakuyindlela eqhelekileyo yokubulisa.