Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 INQAKU ELINGUMXHOLO

Oko Ufanele Ukwazi Ngokuphazamiseka Kwengqondo

Oko Ufanele Ukwazi Ngokuphazamiseka Kwengqondo

UClaudia, owayesandula ukuxelelwa ukuba unesifo sokuphazamiseka kwengqondo uthi: “Ndandingathi andikwazi ukuphefumla, ndidandathekiswa ziintloni zokuphazamiseka engqondweni.”

Umyeni kaClaudia uMark uthi: “Kwadlula ixesha elide ngaphambi kokuba ndiyamkele imeko yethu. Kodwa ndaqonda ukuba eyona nto ibalulekileyo kukuba ndixhase umfazi wam.”

UKUBA wena okanye omnye umntu omthandayo bekunokuthiwa uphazamisekile engqondweni, ubuza kuvakalelwa njani? Okuvuyisayo kukuba isigulo sengqondo sinokunyangwa. Makhe sihlole izinto ezimbalwa ofanele uzazi eziza kukunceda ukuqonde bhetele ukuphazamiseka kwengqondo. *

 Izinto Eziphambili Ngengqondo

“Amakhulu ezigidi abantu ehlabathini jikelele athwaxwa kukuphazamiseka kwengqondo kwaye nezalamane zawo ziyachaphazeleka. Umntu omnye kwabane uza kuphazamiseka ngengqondo ngaxa lithile. Ukudandatheka ngoyena nobangela wokuphazamiseka ehlabathini jikelele. Ukuphazamiseka kwengqondo okubangela ukutshintsha kweemvakalelo ngesiquphe kokona kuxhaphakileyo. . . . Nangona bebaninzi abantu abachaphazelekayo, ukuphazamiseka kwengqondo kuseyindaba yakwamkhozi, abahoywa kwaye bayabukulwa.”—World Health Organization (WHO).

Ngokutsho kweWHO, abantu abaninzi abaphazamisekileyo engqondweni abalufuni unyango ngenxa yokoyika ukuhlazeka.

Ingxelo yeNational Alliance on Mental Illness ithi: Nangona inkoliso yezifo zokuphazamiseka kwengqondo zinokunyangwa, eMerika bamalunga ne-60 pesenti abantu abadala baze babe malunga ne-50 pesenti abantwana abaphakathi kwiminyaka eyi-8 ukusa kweyi-15 abaphazamisekileyo engqondweni abangakhange banyangwe kulo nyaka uphelileyo.

 Ukuqonda Ukuphazamiseka Kwengqondo

Yintoni ukugula ngengqondo? Iingcali zithi ukugula ngengqondo kukuphazamiseka kwendlela yokucinga, ngokweemvakalelo nakwindlela yokuziphatha. Le meko idla ngokuphazamisa indlela umntu aqhubana ngayo nabanye nendlela yokuphila.

Ukuphazamiseka kwengqondo akubangelwa kukuba buthathaka okanye bubuntu obunesiphene

Ukugula kunokwahluka ngokwexesha nangokuba qatha, kuxhomekeka kuloo mntu okanye kwisigulo sakhe nakwiimeko zakhe. Kunokuchaphazela umntu waso nasiphi na isini, ubudala, inkcubeko, uhlanga, unqulo okanye imfundo nemali anayo umntu. Ukuphazamiseka kwengqondo akubangelwa kukuba buthathaka okanye bubuntu obunesiphene. Xa umntu efumana unyango olufanelekileyo, unokuphila ubomi obanelisayo.

Ukunyanga Ukuphazamiseka Kwengqondo

Iingcali ezinyanga ingqondo zinokubanyanga abantu abaninzi abaphazamisekileyo. Into yokuqala, kukuxilongwa ngugqirha onamava okunyanga abantu abagula ngengqondo.

Noko ke, abantu abagulayo banokuncedakala kuphela xa befumana unyango olufanelekileyo. Oku kunokuquka ukuba bayeke ukungafuni ukuthetha nabanye ngesigulo sabo. Unyango lunokuquka ukuthetha noogqirha bengqondo abanokubanceda baqonde isigulo sabo, balungise iingxaki zabo baze babancede bangaluyeki unyango. Xa kuyiwe kwagqirha, ilungu lentsapho okanye umhlobo banokudlala indima ebalulekileyo ngokubaxhasa.

Abantu abaninzi baye bafunda ukuphila nokuphazamiseka kwengqondo emva kokuba beye bayiqonda kakuhle imeko yabo, baze batya amayeza abawanikwe ngoogqirha. UMark, obecatshulwe ngaphambili uthi: “Ngaphambi kokuba axilongwe umfazi wam, sasingenalwazi lungako ngokuphazamiseka kwengqondo. Kodwa siye safunda ukuphila ngokuvumelana neemeko. Siye sancedwa ngoogqirha, yintsapho nangabahlobo.”

Into yokuqala, kukuxilongwa ngugqirha onamava okunyanga abantu abagula ngengqondo

 UClaudia uvuma athi, “ekuqaleni, emva kokuba ndixilongiwe ndandingathi ndigwetyelwe intambo. Nangona singakwazi ukwenza yonke into ngenxa yokugula kwam, ndiye ndafunda ukoyisa imiqobo ebibonakala ingenakoyiswa. Ukuze ndinyange ukuphazamiseka kwengqondo yam ndiye ndisebenzisane noogqirha bam, ndizame ukuba nobuhlobo, ndize ndijonge into ibe nye ngexesha.”

Kubalulekile Ukuba Nokholo KuThixo

IBhayibhile ayithi ukuba nokholo kuThixo kunyanga iingxaki zempilo. Sekunjalo, iintsapho ezininzi ehlabathini ziye zathuthuzelwa zaze zomelezwa ziimfundiso zeBhayibhile. Ngokomzekelo, iBhayibhile isiqinisekisa ukuba uMdali wethu othandekayo unomdla wokuthuthuzela abo “baphuke intliziyo” ‘nabanomoya otyumkileyo.’—INdumiso 34:18.

Ngoxa iBhayibhile ingeyoncwadi yempilo, inamacebiso amahle anokusinceda xa sidandathekile yaye sicinezelekile. IBhayibhile inokusinika ithemba ngekamva xa ubomi emhlabeni buza kube bungenazigulo nantlungu. ILizwi likaThixo lithembisa oku: “Ngelo xesha aya kuvulwa amehlo eemfama, zivulwe neendlebe zezithulu. Isiqhwala siya kutsiba njengexhama, nolwimi lwesimumu luya kumemelela ngochulumanco.”—Isaya 35:5, 6.

^ isiqe. 5 Ukuze kube lula, kweli nqaku siza kusebenzisa ibinzana elithi “ukuphazamiseka kwengqondo” xa sibhekisela kuzo zonke iingxaki zokuphamiseka engqondweni nangokweemvakalelo.

^ isiqe. 32 UVukani! akakhuthazi uhlobo oluthile lonyango. AmaKristu afanele aqiniseke ukuba naluphi na unyango alusebenzisayo alungqubani nemigaqo yeBhayibhile.

^ isiqe. 40 Funda inqaku likaVukani! kaMeyi 2014, elithi “Istres—Amacebiso Anokukunceda Kuso.”