Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

NGABA YADALWA?

Iigiyeri Ezikwintethe I-Issus

Iigiyeri Ezikwintethe I-Issus

BEKUKADE KUCINGWA ukuba iigiyeri zabakho ngenxa yobukrelekrele babantu. Kodwa ngoku, kuye kwafunyaniswa ukuba loo ngcamango ayichananga! Kuba kuye kwafunyanwa isinambuzane esineegiyeri—intshontsho lentethe i-Issus, efumaneka kwiigadi zaseYurophu. *

Intshontsho lale ntethe linokuxhuma lize lingabonakali ngokuqhwanyaza nje kweliso, ibe amandla omxhuzulane asebenza ngokuphindaphindiweyo kulo xa lixhuma! Ukuze likwazi ukwenza oku, kufuneka imilenze yalo yangasemva itsibe ngexesha elinye nangamandla alinganayo. Lincedwa yintoni ke ukuze likwazi ukwenza oku?

Khawucinge ngoku: Oososayensi baye bafumanisa ukuba kukho iigiyeri ezisebenzisanayo apho idibana khona imilenze yale ntethe. Xa le ntethe ixhuma, ezi giyeri ziqinisekisa ukuba imilenze yayo ixhuma ngexesha elinye. Ngaphandle kwezi giyeri, le ntethe ibinokujikeleza ngokungalawulekiyo!

Izilwanyana ezikhulu zincedwa yimithambo-luvo ukuze zixhume kakuhle. Kodwa akunjalo ngentshontsho lale ntethe. Lona lisebenzisa iigiyeri kuba izivamvo beziya kulilibazisa. Umbhali okwangumphandi uGregory Sutton wathi: “Besikade sicinga ukuba iigiyeri zikoomatshini abenziwe ngabantu.” Xa echaza isizathu soko uthi, “asizange sikhangele kakuhle [nakwezinye iindawo].”

Ucinga ntoni? Ngaba iigiyeri ezikwintethe i-Issus zazivelela? Okanye zadalwa?

^ isiqe. 3 Xa le ntethe isiba ndala, iigiyeri zayo ziyayeka ukusebenza emva kokuba yobuze okokugqibela.