Yiya kwinkcazelo

Ngaba Yadalwa?

Natural Systems

Ukukhanya Kwizinto Eziphilayo—Ngaba Yadalwa?

Ezinye izilwanyana azipheleli nje ekukwazini ukuvelisa ukukhanya, kodwa loo nto ziyenza ngendlela ebhetele kunendlela abantu abakwenza ngayo ukukhanya kombane. Yenzeka njani loo nto?

Umzimba Womntu

Inkqubo Yomzimba Yokupholisa Amanxeba

Ibancede njani le nkqubo oososayensi ukuze benze iiplastiki ezintsha?

Izilwanyana Eziphila Emhlabeni

Uboya Bentini Yaselwandle

Ezinye izilwanyana ezincancisayo ezihlala emanzini zixhomekeke kwinqatha lazo elityebileyo ukuze zihlale zifudumele. Yona intini yaselwandle ayifudunyezwa lilo.

Indlela Asebenza Ngayo Amabhovu Ekati

Kutheni oososayensi besenza oomatshini abanesixhobo esibizwa ngokuba yi-e-whiskers?

Umlenze Wehashe

Kutheni nje iinjineli zingekakwazi ukwenza into esebenza njengemilenze yehashe?

Izinto Eziphila Emanzini

Iphiko Lomnenga Onelunda

Funda ngendlela lo mnenga owenziwe ngayo noko sikufundayo kumzimba wawo ukuze siphucule obethu ubomi.

Indlela Ozicoca Ngayo Umzimba Womnenga—Ngaba Yadalwa?

Kutheni iinkampani ezisebenzisa iinqanawa zinomdla kwindlela owenza ngayo?

ISea Cucumber Yenziwe Ngendlela Emangalisayo

Sincedwa Yintoni esi silwanyana saselwandle ukuze sithambe kangaka?

Imisonto Yeembaza Zaselwandle

Iimbaza zaselwandle ziyakwazi ukunamathela kwezinye izinto ngemisonto yazo. Xa siqonda indlela esebenza ngayo le misonto siya kutsho sibe neendlela ezintsha nezibhetele zokunamathelisa izinto kwizakhiwo okanye imisipha emathanjeni.

Indlela Abamile Ngayo Oonokrwece

Indlela abamile ngayo oonokrwece izikhusela njani izinto ezingaphakathi kubo.

Ukukwazi Ukutshintshatshintsha Imibala KweCuttlefish

Iinjineli zizama ukulinganisa obu buchule ngokwenza iimpahla ngokuphanyaza kweliso.

Ukukhanyisa KweBobtail Squid YaseHawaii

Esi silwanyana asikhanyiseli ukuze sibone kodwa ukuze singabonwa.

Umzimba Wentlanzi Emile Ngathi Yinkwenkwezi

Funda ngesi silwanyana simangalisayo esihlala elunxwemeni.

Umsila Wehashe Laselwandle

Ihashe laselwandle yintlanzi enomsila odalwe ngokumangalisayo ide yenze abantu benze iirobhoti ezifana nendlela osebenza ngayo lo msila.

Ukunyakazela Ngocwangco Kweentlanzi

Yintoni esinokuyifundiswa ziintlanzi ngendlela yokunciphisa ukutshayisana kweemoto?

Iintaka

Ulwimi Lwengcungcu—Ngaba Lwadalwa?

Le ntaka incinci isebenzisa eyona ndlela ibalaseleyo yokufunxa incindi.

Imibala Yeentaka Engambatshiyo

Imibala engambatshiyo yeentaka iza kwenza njani ukuba kubekho iipeyinti neempahla ezibhetele?

Amaphiko Esikhova

Indlela enziwe ngayo amaphiko esikhova anokunceda xa kusenziwa amaphiko ombane namanzi angangxoliyo.

Ukupheqa kweencam zamaphiko eentaka xa zibhabha

Ukukopa le ndlela, iinjineli zeenqwelo-moya ziye zonga iilitha eziyi-7 600 zezigidi zamafutha eenqwelo-moya ehlabathini lonke.

Iintsiba Zikanombombiya Omkhulu

Yintoni efunyaniswe ziingcali zobomi baselwandle ngeentsiba zale ntaka?

Ialbatross—Intaka Ezulazulayo Neyonga Amandla Xa Indanda

Funda ngendlela ezi ntaka ezihlala ngayo emoyeni kangangeeyure ezininzi zingakhange ziphaphazelise amaphiko!

Ubuchule Bokufuduka Bukakhwalimanzi Ongwevu

Funda ngale ntaka ithatha uhambo lweentsuku ezisibhozo, olona hambo lumangalisayo lwaziwa ngumntu.

Izilwanyana Ezirhubuluzayo Neziphila Emhlabeni Nasemanzini

Untulo WaseOstreliya Onesikhumba Esifunxa Amanzi

Lo ntulo uwatsala njani amanzi ukusuka emilenzeni, atyhubele emzimbeni aye kufika emlonyeni?

Umsila Kantulo

Likwazi njani eli cikilishe ukusuka kwindawo ethe tyaba lize litsibele kudonga olume nkqo?

Umhlathi Wengwenya

Iwaphinda kathathu amandla okuluma engonyama okanye awengwe, kodwa izivamvo zomhlathi wayo zodlula nezeminwe yomntu. Kwenzeka njani oko?

Isikhumba Senyoka

Yintoni eyenza isikhumba senyoka somelele ngokwaneleyo ukuze ikwazi ukunyuka emthini orhabaxa okanye irhubuluze kwisanti enamatye?

Indlela Isele Elizala Ngayo

Kutheni usosayensi enokuthi, yinto engenakwenzeka ukuba likwazi ukutshintsha kwindlela elizala ngayo ukuba sithi alidalwanga?

Indlela Elungeleleneyo Elikhala Ngayo Isele—Ngaba Kwadalwa?

Yintoni enceda amasele angamadoda akwazi ukukhala ukuze abonwe ngangamabhinqa?

Izinambuzane

Indlela Ehlala Ngayo Inyosi Eyenza Ubusi

Yintoni ebangela ukuba indlela ehlala ngayo le nyosi ibe ngowona mzekelo wokwenza iirobhothi ezibhabhayo?

Icangca Leenyosi

Yintoni ebisaziwa ziinyosi ngokwakha ngendlela ephangaleleyo ebingaziwa zizazi ngezibalo de kwango-1999?

Iimbovane Zenza Njani Ukuze Zingagilani?

Iimbovane azigilani. Zenza njani?

Intamo Yembovane

Imbovane ikwazi njani ukuthwala izinto ezinzima nkqu nakumzimba wayo?

Iindlela Ezikhusela Ngazo Elangeni Imbovane YaseSahara

Le mbovane ingafani nezinye yenye yezilwanyana ezikwaziyo ukumelana nobushushu. Yintoni ebangela ukuba ikwazi kangaka ukumelana nelanga elitshisa kakhulu?

Ubomi Benyenzane Ephila Ngamaxesha Athile

Ezi zinambuzane ziphila ubomi obungaqhelekanga. Zibakho iiveki nje ezimbalwa kwiminyaka eyi-13 okanye eyi-17.

Iigiyeri Ezikwintethe I-Issus

Zinceda le ntethe ikwazi ukuxhuma kakuhle.

Ukumangalisa Kweliso Lentethe

Igquba leentethe likuphepha njani ukungqubana?

Indlebe Emangalisayo Yekatydid

Iindlebe zale ntethe zisebenza phantse ngokufanayo nezomntu. Uphando olufunyanisiweyo ngale ndlela imangalisayo yokuva lunokubanceda njani oososayensi noononjineli bale mihla?

Iphiko Lebhabhathane

Iphiko leBlue Morpho lisenokubonakala ligudile, kodwa linamaxolo anokubonwa kuphela ngemakroskopu. Yintoni injongo yawo?

Iphiko Lebhabhathane Elifunxa Imitha Yelanga

Kubandakanyeke okungakumbi kunombala nje omnyama wamaphiko ebhabhathane.

Ummangaliso Weendlebe Zenundu

Ngeendletyana zayo iyakwazi ukwenza izinto ezingenakwenziwa zezinye izilwanyana.

Izivamvo Zoqongqothwane Othanda Umlilo

Yintoni enokufundwa ngoononjineli nabaphengululi kulo qongqothwane ungafaniyo nabanye?

Ubuchule Bokubona Indlela Benkuba-bulongo

inkuba-bulongo isebenzisa eyiphi indlela yokufudusa? Yaye yintoni enokufundwa ngabantu kobo buchule?

Ukukhanyisa Kwenkanyezi

Esi sinambuzane sincinci sibancede njani oososayensi ukuba bakwazi ukwenza iiglowubhu ezikhanyisa kakhulu?

Igqudu Elingaphantsi Kwephiko Lempukane

Wakha wazibuza ukuba kutheni kunzima kangaka ukubamba impukane? Funda ukuba yintoni ebonwe ziisayentisti.

Ubuchule Bokubhabha Bempukane

Ezi mpukane ziyakwazi ukujika njengeenqwelo moya zokulwa imfazwe, ngomzuzwana nje.

Izigcawu

Amehlo Anorhatyazo Esigcawu Esitsiba-tsibayo

Sikwazi njani esi sigcawu ukubala umgama ochanileyo esifanele siwutsibe? Kutheni abaphandi befuna ukukopa ubuchule baso?

Ubuchule Bokuncamathelisa Besigcawu Sasendlwini

Isigcawu sasendlwini sivelisa iglu eyomeleleyo ize kwangaxeshanye iphinde ibe buthathaka xa kuyimfuneko. Funda ukuba kwenzeka njani oku.

Izityalo

Iqunube Elinombala Oluhlaza Okhazimlayo

Eli qunube alifakwa dayi, kodwa linombala oluhlaza okhazimlayo. Yintoni ebangela eli qunube lincinci libe nombala okhazimla olu hlobo?

Indlela Izityalo Ezibala Ngayo

Abaphandi bafumanise ukuba imostade yenze ummangaliso.

Microscopic World

IDNA Enokugcina Inkcazelo Eninzi Kakhulu

Abanye bathi iDNA “isesona sixhobo siphambili sokugcina inkcazelo.” Funda ngesizathu soko.

Iintsholongwane Ezitya Ioli

Zicoca kakuhle kangakanani xa zithelekiswa nobugcisa bale mihla?