Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Kuthetha ntoni ukudityaniswa kweenduku ezimbini okuchazwe kuHezekile isahluko 37?

UYehova wathembisa uHezekile ukuba uza kusimanyanisa isizwe sakwaSirayeli emva kokubuyiselwa kwaso kwiLizwe Lesithembiso. Eso sithembiso sikwabhekisela nasekumanyanisweni kwabantu bakaThixo ebudeni bemihla yokugqibela.

UYehova wathi kumprofeti uHezekile makabhale kwiinduku ezimbini. Kwenye wayemele abhale athi, “EkaYuda neyoonyana bakaSirayeli amaqabane akhe,” aze kwenye abhale athi, “EkaYosefu, induku kaEfrayim, nayo yonke indlu kaSirayeli amaqabane akhe.” Ezi nduku zimbini zaziza kuba “yinduku enye” esandleni sikaHezekile.—Hez. 37:15-17.

Yintoni emelwa ‘nguEfrayim’? Ukumkani wokuqala wezizwe ezilishumi zasemntla, uYerobhoham, wayengowohlanga lwakwaEfrayim, olwalulawula. (Dut. 33:13, 17; 1 Kum. 11:26) Olu hlanga lwaphuma kuEfrayim unyana kaYosefu. (Num. 1:32, 33) UYosefu wafumana intsikelelo ekhethekileyo kuyise, uYakobi. Kwakufanelekile ke ngoko ukuba induku emela ubukumkani bezizwe ezilishumi ibizwe ngokuba ‘yinduku kaEfrayim.’ Ngexesha uHezekile ebhala esi siprofeto seenduku ezimbini, kwakusele kudlule ixesha elide ubukumkani basemntla bakwaSirayeli buthinjiwe ngama-Asiriya ngo-740 B.C.E. (2 Kum. 17:6) AmaSirayeli amaninzi ngelo xesha ayethe saa kuBukhosi baseBhabhiloni, obabhukuqa uBukhosi baseAsiriya.

Ngo-607 B.C.E. ubukumkani basemzantsi bezizwe ezibini, kunye nabantu abashiyekayo kubukumkani basemntla, bathinjwa basiwa eBhabhiloni. Ookumkani bomnombo kaYuda babelawula kwezi zizwe zibini, ibe ababingeleli ababekhonza etempileni eYerusalem babephuma kuzo. (2 Kron. 11:13, 14; 34:30) Ngenxa yoko, ubukumkani basemzantsi bezizwe ezibini babumelwa kakuhle yinduku ‘kaYuda.’

Ezi nduku zimbini zifuziselayo zadityaniswa nini? Zadityaniswa xa amaSirayeli abuyela eYerusalem ukuze akhe itempile kwakhona ngo-537 B.C.E. AmaSirayeli obukumkani bezizwe ezibini kunye nalawo ezizwe ezilishumi abuya onke ekuthinjweni. Awazange aphinde ahlukane kwakhona. (Hez. 37:21, 22) AmaSirayeli aphinda anqula uYehova emanyene. Oku kumanyaniswa kwachazwa nangabanye abaprofeti ababini, uIsaya noYeremiya.—Isa. 11:12, 13; Yer. 31:1, 6, 31.

Yiyiphi inyaniso ebalulekileyo ngonqulo olunyulu ebalaseliswa sesi siprofeto? Yile: UYehova uza kwenza abanquli bakhe “babe banye.” (Hez. 37:18, 19) Ngaba esi sithembiso sokumanyaniswa siye sazaliseka kwixesha lethu? Ewe. Esi siprofeto saqalisa ukuzaliseka ngo-1919, xa abantu bakaThixo balungelelaniswa baza bamanyaniswa ngokuthe ngcembe. Iinzame zikaSathana zokubohlukanisa ngokupheleleyo zawa phantsi.

Ngelo xesha, abaninzi kwabo bamanyaniswayo babenethemba lokuba ngookumkani nababingeleli ezulwini noYesu. (ISityhi. 20:6) Ngokufuziselayo, babefana nenduku kaYuda. Njengoko ixesha lihamba, abaninzi kwabo banethemba lokuphila emhlabeni baqalisa ukuzimanyanisa nala maYuda okomoya. (Zek. 8:23) Bona babefana nenduku kaYosefu, kwaye babengenalo ithemba lokulawula noKristu.

Omabini la maqela akhonza uYehova ngokumanyeneyo phantsi koKumkani wawo uYesu Kristu, lowo kuthethwa ngaye kwisiprofeto kusithiwa ‘ngumkhonzi wam uDavide.’ (Hez. 37:24, 25) UYesu wathandazela ukuba abalandeli bakhe ‘babe banye, kanye njengoko uBawo wakhe emanyene naye yaye naye emanyene noBawo wakhe.’ * (Yoh. 17:20, 21) UYesu wachaza kwangaphambili ukuba umhlambi wakhe omncinane wabathanjiswa wawuza kuba “mhlambi mnye” kunye “nezinye izimvu.” Zonke zaziza kuba phantsi ‘komalusi omnye.’ (Yoh. 10:16) Amazwi kaYesu akuchaza kakuhle nyhani ukumanyana kwabantu bakaYehova namhlanje, enoba banaliphi na ithemba ngekamva!

^ isiqe. 5 Ibangel’ umdla indlela uYesu awayichaza ngokulandelelana ngayo imizekeliso eyaba yinxalenye yomqondiso wobukho bakhe. Waqala wabhekisela ‘kwikhoboka elithembekileyo neliyingqondi,’ iqela labazalwana abathanjisiweyo elaliza kuthabatha ukhokelo. (Mat. 24:45-47) Emva koko, wenza imizekeliso ebhekisela kwabo banethemba lokuphila ezulwini. (Mat. 25:1-30) Wagqibelisa ngabo banethemba lokuphila emhlabeni, ababeza kuxhasa abazalwana bakaKristu. (Mat. 25:31-46) Ngokufanayo, ukuzaliseka kwesiprofeto sikaHezekile kule mihla yethu kuqala ngoko kuza kwenzeka kwabo banethemba lokuphila ezulwini. Nangona ubukumkani bezizwe ezilishumi bungasoloko bufanekisela abo banethemba lokuphila emhlabeni, ukumanyana okuchazwe kwesi siprofeto kusikhumbuza ngomanyano olukhoyo phakathi kwabo banethemba lokuphila emhlabeni nabo banethemba lokuphila ezulwini.