Kubalisa UMateyu 24:1-51

  • INDLELA OBUBONWA NGAYO UBUKHO BUKAKRISTU (1-51)

    • Iimfazwe, indlala, iinyikima (7)

    • Ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo (14)

    • Ixesha lentlungu engathethekiyo (21, 22)

    • Indlela aza kubonakala ngayo uNyana womntu (30)

    • Umthi wamafiya (32-34)

    • Njengemihla kaNowa (37-39)

    • Hlalani nithe qwa (42-44)

    • Ikhoboka elithembekileyo nekhoboka elenza ububi (45-51)

24  Wathi xa uYesu esimka etempileni, abafundi bakhe beza kuye, bambonisa izakhiwo zetempile.  Wathi kubo: “Niyazibona zonke na ezi zakhiwo? Ndiyaniqinisekisa ukuba, akukho nelinye ilitye eliza kushiyeka apha lingadilizwa.”+  Wathi esahleli kwiNtaba YemiNquma, abafundi bakhe beza kuthetha naye ecaleni, bathi: “Sixelele, ziza kwenzeka nini ezi zinto, ibe siza kubona ngantoni xa ukho*+ naxa sekuza kupheliswa ihlabathi?”*+  UYesu wabaphendula wathi: “Lumkani kungabikho mntu unilahlekisayo,+  kuba baninzi abaza kuza egameni lam, besithi, ‘NdinguKristu,’ balahlekise abaninzi.+  Niza kuva ngeemfazwe kwiindawo ngeendawo. Ize inganothusi loo nto, kuba ezi zinto zimele zenzeke, kodwa sibe singekafiki isiphelo.+  “Iintlanga ziza kulwa nezinye iintlanga namazwe alwe namanye amazwe,+ yaye kuza kubakho indlala+ neenyikima kwiindawo ngeendawo.+  Zonke ezi zinto zikukuqala kwexesha lobunzima.*  “Ngelo xesha abantu baza kunitshutshisa,+ banibulale,+ nize nicatshukelwe zizo zonke iintlanga ngenxa yegama lam.+ 10  Abaninzi baza kuphelelwa lukholo, bajikelane baze bacaphukelane. 11  Kuza kuvela abaprofeti bobuxoki abaninzi, balahlekise abantu abaninzi;+ 12  yaye ngenxa yokwanda kobubi, luza kuphola uthando lwabaninzi. 13  Kodwa lowo ­unyamezele ­kwada kwasekupheleni* uza kusindiswa.+ 14  Ibe ezi ndaba zilungileyo ezingoBukumkani ziza kushunyayelwa emhlabeni wonke, ziviwe zizo zonke iintlanga,*+ emva koko sifike isiphelo. 15  “Ngoko xa nibona into eyenyanyekayo netshabalalisayo, awathetha ngayo umprofeti uDaniyeli, imi kwindawo engcwele,+ (ofundayo makasebenzise ingqondo), 16  abantu abakwaYuda mababalekele ezintabeni.+ 17  Umntu ophezu kwendlu makangehli ayokuthatha izinto zakhe endlini, 18  nomntu osemasimini makangabi sayokuthatha isambatho sakhe sangaphezulu endlini. 19  Baza kuthi shu ngezo mini abafazi abakhulelweyo nabadlezana! 20  Hlalani nithandazela ukuba elo xesha lokubaleka lingafiki ebusika okanye ngomhla weSabatha; 21  kuba elo iza kube ilixesha lentlungu engathethekiyo*+ engazange ibonwe ukususela ekuqaleni kwehlabathi de kube ngoku, nengasoze iphinde ibekho.+ 22  Ukuba uThixo ebengazukuyinqumla loo mihla, bekungazukusinda mntu; kodwa uza kuyinqumla ngenxa yabo bakhethiweyo.+ 23  “Ukuba nabani na uthi kuni, ‘Jongani! Nanku uKristu,’+ okanye, ‘Nankuya!’ ze ningammameli.+ 24  Kuba kuza kuvela ooKristu nabaprofeti bobuxoki,+ benze imimangaliso nemilingo ukuze balahlekise+ nkqu nabakhethiweyo, ukuba kunokwenzeka. 25  Jongani! Ndinilumkisile. 26  Ngoko ke, ukuba abantu bathi kuni, ‘Jongani! Nanko entlango,’ sanukuya apho; okanye bathi, ‘Jongani! Nanko endlini,’* ningayikholelwa loo nto.+ 27  Kuba kanye njengokuba umbane uphuma empumalanga uze ulenyeze ukuya kutsho entshonalanga, buza kuba njalo nobukho* boNyana womntu.+ 28  Naphi na apho kukho isidumbu, ziya kudibana apho iinkozi.*+ 29  “Ngoko nangoko emva kwentlungu yaloo mihla, ilanga liza kuba mnyama,+ inyanga ingakhanyi, kuwe iinkwenkwezi, nesibhakabhaka sidlikidlwe.+ 30  Emva koko kuza kubonakala ummangaliso wobukho boNyana womntu esibhakabhakeni, ibe zonke izizwe zomhlaba ziza kwenza isijwili,+ yaye ziza kumbona uNyana womntu+ esiza esemafini,* enamandla nozuko olukhulu.+ 31  Uza kukhupha iingelosi zakhe ngesandi esikhulu sexilongo, ziqokelele abo abakhethe emhlabeni wonke,* ukusuka kwesinye isiphelo samazulu ukuya kwesinye.+ 32  “Fundani isifundo kumthi wamafiya:* Xa ethamba amasetyana alo mthi, kuphume namagqabi, niyazi ukuba ihlobo likufutshane.+ 33  Nani ke, xa nibona zonke ezi zinto, ze nazi ukuba uNyana womntu sele esemnyango.+ 34  Ndiyaniqinisekisa ukuba, soze sidlule esi sizukulwana zingenzekanga zonke ezi zinto. 35  Liza kudlula izulu nomhlaba, kodwa wona amazwi am soze adlule.+ 36  “Akukho mntu uyaziyo loo mini naloo yure,+ ayaziwa ziingelosi zamazulu, ingaziwa nanguNyana, yaziwa nguTata kuphela.+ 37  Ubukho* boNyana womntu+ buza kuba njengemihla kaNowa.+ 38  Njengokuba kwakunjalo ngemihla yangaphambi koMkhukula, abantu besitya, besela, amadoda etshata nabafazi betshatiswa, de kwaba yimini awangena ngayo uNowa emkhombeni,+ 39  bengahoyanga nto de kwafika uMkhukula wabatshayela bonke,+ buza kuba njalo ke nobukho boNyana womntu. 40  Ngelo xesha amadoda amabini aza kube esentsimini; enye ithathwe ize enye ishiywe. 41  Abafazi ababini baza kube beguba; omnye athathwe aze omnye ashiywe.+ 42  Ngoko ke, hlalani nithe qwa, kuba aniyazi imini eza ngayo iNkosi yenu.+ 43  “Kodwa yazini le nto: Ukuba umnikazi wendlu ebelazi ixesha eliza kufika ngalo isela,+ ebengazukulala ukuze aqinisekise ukuba indlu yakhe ayiqhekezwa.+ 44  Ngoko ke, nani hlalani nilindile,+ kuba uNyana womntu uza ngexesha eningalilindelanga. 45  “Ngubani kanye kanye olikhoboka elithembekileyo neliyingqondi,* elanikwa yinkosi yalo umsebenzi wokukhathalela abo basebenza endlini yayo, ukuze libanike ukutya kwabo ngexesha elifanelekileyo?+ 46  Liza konwaba elo khoboka ukuba inkosi yalo ifika liwenza loo msebenzi!+ 47  Ndiyaniqinisekisa ukuba, iza kuliphathisa zonke izinto zayo. 48  “Kodwa ukuba elo khoboka lenza ububi, lisithi entliziyweni yalo, ‘Inkosi yam ayide ifike,’+ 49  lize libethe amanye amakhoboka, litye, lisele namanxila aziwayo, 50  inkosi yalo iza kufika ngemini elingayilindelanga nangexesha elingalaziyo,+ 51  ilohlwaye kakhulu, ize iliphathe njengabo bangabahanahanisi.* Liza kukhala lingcungcutheke.*+

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “zikukuqala kwenimba.”
Okanye “unyamezela kude kube sekupheleni.”
Ngokoqobo, “zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga.”
Okanye “lembandezelo enkulu.”
Okanye “kumagumbi angaphakathi.”
Okanye kusenokwenzeka, “amaxhalanga.”
Ngokoqobo, “esemafini asesibhakabhakeni.”
Ngokoqobo, “koomoya abane.”
Okanye “wamakhiwane.”
Okanye “nelilumkileyo.”
Oko kukuthi, abantu abazenza amalungisa bengengawo.
Ngokoqobo, “litshixizise amazinyo.”