Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Izinto Ezibuhlungu​—⁠Ngaba Zisisohlwayo Esivela KuThixo?

Izinto Ezibuhlungu​—⁠Ngaba Zisisohlwayo Esivela KuThixo?

ULUZIA UNOMLENZE OMNYE. Esemncinci, waba nepoliyo, isifo esosulelayo esihlasela imithambo-luvo yomzimba. Xa wayeneminyaka eyi-16, umama owayemqeshile wathi kuye, “UThixo ukohlwaye ngokukhubazeka ngenxa yokuba ungamameli kwaye udelela umama wakho.” Loo mazwi ahlabayo asankenteza nangoku engqondweni kaLuzia, nangona sele kudlule iminyaka.

XA UDAMARIS WAFUMANISA UKUBA UNOMHLAZA WOBUCHOPHO, uyise wambuza: “Wenze ntoni? Nakanjani ikhona into embi oyenzileyo. Yiloo nto uThixo ekubetha.” Amhlaba kakhulu uDamaris loo mazwi.

Kudala abantu bathi uThixo uyabohlwaya xa begula. Incwadi ethi Manners and Customs of Bible Lands ithi baninzi abantu ngexesha likaKristu ababekholelwa ukuba “ukugula kubangelwa sisono saloo mntu ugulayo, okanye esesizalwana sakhe, ibe eso sigulo sasisisohlwayo.” Kanti incwadi ethi Medieval Medicine and the Plague ithi kumakhulu eminyaka emva koKristu, “abanye abantu babekholewa ukuba nguThixo obangela izifo ezibulala abantu abaninzi ngenxa yezono zabo.” Ngoko xa kwasweleka abantu abaninzi kakhulu ngenxa yesifo esibulalayo ngeminyaka yoo-1300 eYurophu, ngaba yayinguThixo, esohlwaya abantu abenza izinto ezimbi? Okanye ngaba eso sifo sasibangelwa yintsholongwane, njengokuba abaphandi bezonyango besitsho? Umbuzo ke nanku, ngaba nyhani nguThixo ogulisa abantu ukuze abohlwayele izono zabo? *

KHAWUZIBUZE: Ukuba ukugula nezinto ezibuhlungu bezisisohlwayo esifanelekileyo esivela kuThixo, kutheni ke uYesu waphilisa abantu abagulayo? Ngaba wayengayi kuba uphikisana nesigwebo esifanelekileyo nesinobulungisa sikaThixo xa ebaphilisa? (Mateyu 4:23, 24) Soze kaloku uYesu aphikisane nemisebenzi kaThixo. Wathi: “Ndisoloko ndisenza izinto ezikholekileyo kuye,” waphinda wathi “kwananjengoko uBawo endinike umyalelo wokwenza, ndenjenjalo.”​—Yohane 8:29; 14:31.

IBhayibhile iyibeka icace le nto. UYehova usoloko egweba ngendlela eyiyo. (Duteronomi 32:4) Ngokomzekelo, soze uThixo abangele ukuba kuwe inqwelo-moya, kuze kufe amakhulu abantu abangenzanga nto, kuba nje efuna ukohlwaya omnye wabantu abakhweleyo! UAbraham, umkhonzi kaThixo owayethembekile, wathi uThixo wayengasoze ‘atshayele ilungisa kunye nongendawo’ ngenxa yobulungisa bakhe. Wayengayicingi nokuyicinga into enjalo. (Genesis 18:23, 25) IBhayibhile iphinda ithi ‘uThixo oyinyaniso akabenzi ubungendawo’; akazenzi izinto eziphosakeleyo.​—Yobhi 34:10-12.

ISIFUNDISA NTONI YONA IBHAYIBHILE?

Izinto ezibuhlungu ezisihlelayo azisiso isohlwayo esivela kuThixo ngenxa yesono esisenzileyo. UYesu wayicacisa le nto xa yena nabafundi bakhe babona indoda eyayizelwe iyimfama. “Abafundi bakhe bambuza bathi: ‘Rabhi, ngubani na owonayo, ngulo mntu okanye ngabazali bakhe, khon’ ukuze azalwe eyimfama?’ UYesu waphendula wathi: ‘Akonanga lo mntu ingengabo nabazali bakhe, kodwa kwaba nje ukuze ibonakaliswe kuye imisebenzi kaThixo.’”​—Yohane 9:1-3.

Ngenxa yobuxoki obabusasazekile ngelo xesha, abafundi bakaYesu bamele ukuba bothuka xa wabaxelela ukuba elo lishwa lalingabangelwanga yiloo ndoda okanye ngabazali bayo. Akazange awavule nje kuphela amehlo ayo kodwa wayiphikisa inkolelo engachananga eyayisithi izinto ezibuhlungu ezenzekayo zisisohlwayo sikaThixo. (Yohane 9:6, 7) Abantu abagulayo kule mihla mabayazi into yokuba ayinguye uThixo obangela ukuba bagule.

Kwakutheni ukuze uYesu aphilise abantu ukuba babeguliswe nguThixo ngenjongo yokubohlwaya?

IBhayibhile iyasiqinisekisa

  • “UThixo akanakulingwa ngezinto ezimbi yaye naye akalingi namnye.” (YAKOBI 1:13) ‘Izinto ezimbi’ eziye zehlela abantu kangangeminyaka emininzi, eziquka ukugula, intlungu nokufa, ziza kupheliswa kungekudala.

  • UYesu Kristu “wabaphilisa bonke ababephatheke kakubi.” (MATEYU 8:16) Xa wayephilisa bonke abantu ababesiza kuye, wayebonisa into eyayiza kwenziwa buBukumkani BukaThixo emhlabeni wonke.

  • “[UThixo] uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.”​—ISITYHILELO 21:3-5.

NGUBANI UNOBANGELA?

Kutheni ke abantu besihlelwa zizinto ezibuhlungu kangaka? Kudala abantu bezibuza lo mbuzo. Ukuba ayingoThixo, ngubani ke? Le mibuzo iza kuphendulwa kwiphepha elilandelayo.

^ isiqe. 4 Nakuba ngamanye amaxesha uThixo ebekhe abohlwaye abantu ngezono abazenzileyo, iBhayibhile ayibonisi ukuba nangoku uYehova usasebenzisa izinto ezinjengokugula okanye iintlekele ukuze ohlwaye abantu ngezono zabo.