Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba UThixo Unalo Uvelwano?

Ngaba UThixo Unalo Uvelwano?

ISIFUNDISA NTONI INDALO?

Uvelwano luchazwa njengokukwazi ukuzifaka ezihlangwini zomnye umntu. Ingcali yezigulo zengqondo, uGqr. Rick Hanson uthi “uvelwano lusegazini kuthi.”

KHAWUZIBUZE: Kutheni thina bantu sikwazi ukuba novelwano, uphawu ezingenalo ezinye izidalwa? IBhayibhile ithi uThixo ubadale abantu ngokomfanekiso wakhe. (Genesis 1:26) Sidalwe ngokomfanekiso kaThixo ngoko sinokuba nobuntu obufana nobakhe size sibonise neempawu ezintle ezifana nezakhe ngokomlinganiselo othile. Loo nto ithetha ukuba, xa abantu benceda abanye ngenxa yovelwano babonisa ukuba bafuze uMdali wabo onovelwano, uYehova uThixo.​—IMizekeliso 14:31.

ISIFUNDISA NTONI YONA IBHAYIBHILE?

UThixo uyavelana nathi ibe akathandi xa sisehlelwa zizinto ezibuhlungu. Xa ithetha ngamaSirayeli akudala awayenyamezele ukuphathwa kakubi njengamakhoboka eYiputa aza anyamezela neminyaka eyi-40 entlango, iBhayibhile ithi: “Ebudeni bokubandezeleka kwabo konke wabandezeleka.” (Isaya 63:9) Uqaphele ukuba uThixo zange aphelele nje ekuyazini intlungu yabo? Kaloku naye wayeyiva intlungu ababekuyo. Wathi: “Ndiyazi kakuhle intlungu yabo.” (Eksodus 3:7) UThixo uphinda athi: “Ochukumisa nina uchukumisa ukhozo lweliso lam.” (Zekariya 2:8) Xa abanye besiphatha kabuhlungu, neyakhe intliziyo iba buhlungu.

Nangona sisenokuziva sinetyala kwaye singafanelwa luvelwano lukaThixo, iBhayibhile isiqinisekisa ukuba “uThixo mkhulu kuneentliziyo zethu yaye uyazazi zonke izinto.” (1 Yohane 3:19, 20) UThixo usazi ngaphezu kokuba sizazi. Uziqonda kakuhle iimeko zethu, izinto esizicingayo nendlela esiziva ngayo. Uyavelana nathi.

Simele sifune kuThixo intuthuzelo, ubulumko nenkxaso kuba uyabanceda abo bahlelwa zizinto ezibuhlungu

IBhayibhile iyasiqinisekisa

  • “Uya kwandula ubize, asabele uYehova; uzibike, athi, Ndikho!”​—ISAYA 58:9. IBhayibhile YesiXhosa.

  • “‘Kuba mna ndizazi kakuhle iingcamango endizicingayo ngani,’ utsho uYehova, ‘iingcamango zoxolo, kungekhona ezentlekele, ukuba ndininike ikamva nethemba. Kwaye ngokuqinisekileyo niya kundibiza nize nifike ukuze nithandaze kum, yaye ndiya kuniphulaphula.’”​—YEREMIYA 29:11, 12.

  • “Iinyembezi zam zifake kwintsuba yakho. Ngaba azikho encwadini yakho?”​—INDUMISO 56:8.

UTHIXO UYASIBONA, UYASAZI, IBE UYAVELANA NATHI

Ngaba ukwazi ukuba uThixo uyavelana nathi kungasinceda sinyamezele? Ewe, masikhe sive ngoMaria:

“Xa ndandikwintlungu yokuswelekelwa ngunyana wam owayena-18, emva kokuba ebenyamezele umhlaza iminyaka emibini, ndandisithi ubomi bunzima nyhani. Ndandinomsindo ndisithi kutheni uYehova engamphilisanga!

“Emva kweminyaka emithandathu, umhlobo owayenovelwano endandikhonza naye wandimamela njengoko ndandimchazela intlungu yam ndisithi uYehova akandithandi. Emva kokuba endimamele kangangexesha elide, wathetha ngevesi endayithandayo. Yayiyeyoku-1 kaYohane 3:19, 20 ethi: ‘UThixo mkhulu kuneentliziyo zethu yaye uyazazi zonke izinto.’ Waye wandicacisela ukuba uYehova uziqonda kakuhle izinto ezisikhathazayo.

“Nasemva koko, kwakunzima ukuba uphele umsindo endandinawo! Ndaye ndafunda INdumiso 94:19, ethi: ‘Xa iingcamango zam eziphazamisayo zaba ninzi ngaphakathi kwam, intuthuzelo yakho yaqalisa ukuthuthuzela umphefumlo wam.’ Yayingathi ezi vesi zazibhalelwe mna! Ekugqibeleni ndaye ndabona ukuba kuyanceda ukuthetha noYehova ngezinto ezindikhathazayo kuba ndiyazi ukuba uyandimamela futhi undazi kakuhle.”

Kuthuthuzela nyhani ukwazi ukuba uThixo uyasazi ibe uyavelana nathi! Kodwa ke, kutheni kukho izinto ezimbi kangaka? Ngaba uThixo uyasohlwaya kuba senze into embi? Ngaba ikhona into uThixo aza kuyenza ukuze aphelise izinto ezimbi? Amaphepha alandelayo aza kuphendula le mibuzo.