Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Kubalulekile ukuthetha phandle kusengethuba

Xa Umntu Omthandayo Egulela Ukufa

Xa Umntu Omthandayo Egulela Ukufa

UDOREEN wothuka wangcangcazela xa umyeni wakhe uWesley, owayeneminyaka eyi-54, kwathiwa unethumba eselilikhulu engqondweni. * Oogqirha bathi ziinyanga nje zimbalwa aza kuziphila. UDoreen uthi: “Yayingathi ndiyaphupha. Zaphel’ iiveki ndindindisholo. Yayingathi le nto ayenzeki kuthi. Zange ndiyicinge kwaukuyicinga.”

Okubuhlungu kukuba indlela awothuka ngayo uDoreen iqhelekile. Nabani na unokuhlaselwa sisifo esibulalayo nangaliphi na ixesha. Siyabancoma abo bazinikela ekongeni umntu wabo abamthandayo okule meko. Sekunjalo, ukonga umntu ogulayo akukho lula. Banokwenza ntoni abanye entsatsheni ukuze bathuthuzele yaye bonge umntu wabo osekhukweni lokufa? Abo bamongayo banokwenza ntoni ukuze bamelane nendlela abaziva ngayo ngokugula kwakhe? Xa sele eza kusweleka, banokulindela ntoni? Makhe siqale sibone ukuba yintoni ebangela ukuba ukonga umntu ogulela ukufa kube yeyona nto inzima namhlanje.

INGXAKI EKHOYO

Ngoku abantu abasasweleki ngokukhawuleza ngenxa yezonyango. Kwiminyaka emalunga neyi-100 edlulileyo, abantu bebephila ixesha elincinane kakhulu, nkqu nakumazwe ami kakuhle kwezoqoqosho. Izifo ezosulelayo kunye neengozi bezikhawuleza ukubabulala abantu. Bekunzima ukuya ezibhedlele, nto leyo ebibangela ukuba abantu abaninzi bongiwe ziintsapho zabo baze baswelekele emakhaya.

Indlela eziphucule ngayo ezonyango, oogqirha bayakwazi ukuzilwa izifo ukuze abantu bangakhawulezi basweleke. Namhlanje umntu uyakwazi ukuhlala iminyaka enesifo ebesiza kumkhawulezela kwiminyaka edlulileyo. Sekunjalo, ukuphila kwakhe ixesha elide kusenokungathethi kuthi eso sifo asisekho. Amaxesha amaninzi abantu bagula zizinto ezibangela ukuba bangakwazi ukuzonga. Ukonga izigulane ezinjalo kuye kwanzima kakhulu futhi kwafuna ixesha namandla.

Ngoku, abantu abaninzi abasaswelekeli emakhaya, baswelekela esibhedlele kangangokuba abaninzi abazi ukuba kwenzeka ntoni xa umntu esweleka, yaye bambalwa abakhe babona umntu oswelekayo. Ukoyika into engekenzeki kunokuzithintela iinzame zomntu zokonga umntu wakowabo ogulayo. Yintoni enokunceda?

CEBA KUSENGETHUBA

Njengoko sibonile kuDoreen, abantu abaninzi baphelelwa ngamandla xa umntu abamthandayo egulela ukufa. Unelo xhala, uloyiko nentlungu, yintoni enokukunceda uyilungele into eza kwenzeka? Umkhonzi othembekileyo kaThixo wathandaza wathi: “Sibonise kanye indlela yokubala imihla yethu ngendlela yokuba sizuze intliziyo yobulumko.” (INdumiso 90:12) Thandaza ngokunyanisekileyo kuYehova uThixo umcele akubonise indlela ‘yokubala imihla yakho’ ngobulumko ukuze ulisebenzise ngokupheleleyo ixesha eliseleyo lokuphila kwakho naloo mntu ugulayo omthandayo.

Kufuneka ucebe kakuhle. Ukuba umntu ogulayo usakwazi ukuthetha kwaye ukulungele ukuthetha ngemeko yakhe, kunokuba bubulumko ukumbuza ukuba ufuna ukwenzelwa ngubani izigqibo xa yena engasakwazi. Thethani phandle ngokuba xa eza kusweleka angathanda na ukuncediswa ngezinto eziza kumenza aqhubeke ephefumla, ufuna ukuya kugulela esibhedlele okanye kukho uhlobo oluthile lonyango alufunayo. Ukwenza njalo kunokubangela ukuba abantu ekufuneka bamenzele izigqibo xa engasakwazi ukuthetha bangabekwa tyala okanye bazive benetyala. Ukuthetha kusengethuba futhi kungafihlwa nto kubangela ukuba intsapho ikwazi ukumonga kakuhle umntu wayo. IBhayibhile ithi: “Amacebo ayatshitsha apho kungekho gqugula.”​—IMizekeliso 15:22.

NINOKUNCEDA NJANI?

Owona msebenzi womntu owongayo idla ngokuba kukuthuthuzela. Umntu oza kusweleka ufuna ukuqinisekiswa ukuba uyathandwa futhi akakho yedwa. Inokwenziwa njani loo nto? Mfundele okanye umculele, ukhethe incwadi neengoma ezikhuthazayo nazithandayo. Abanye abantu bayathuthuzeleka xa umntu wentsapho ebamba isandla sakhe aze athethele phantsi naye.

Kuyamnceda nokubazi abantu abaze kumbona. Enye ingxelo ithi: “Kuthiwa into yokugqibela ukuphelelwa emntwini kukuva. Umntu usenokuqhubeka esiva kakuhle nangona ebonakala elele, ngoko kulumkele ukuthetha nantoni na obungenakuyithetha xa ebesahleli.”

Ukuba kunokwenzeka, thandaza kunye naye. IBhayibhile ithi, kwakhe kwakho ixesha apho kwakunzima kakhulu kumpostile uPawulos nabahlobo bakhe. Ngoko babengaqinisekanga kwanangobomi babo. Babeza kuncedwa yintoni? UPawulos wathi kubazalwana bakhe: “Nani ninokunceda ngokusenzela isikhungo.” (2 Korinte 1:8-11) Ubalulekile umthandazo osuka kumazantsi entliziyo xa usebunzimeni okanye ugula kakhulu.

YAMKELE IMEKO OKUYO

Ukwazi ukuba umntu omthandayo uyasweleka kukhathaza kakhulu. Ayimangalisi ke loo nto kuba ukusweleka zange kudalwe. Asikwazi ukude sikwamkele ukusweleka kuba akuzange kwenziwe inxalenye yobomi bethu. (Roma 5:12) NeLizwi likaThixo lithi ukusweleka ‘lutshaba.’ (1 Korinte 15:26) Ngoko kuyaqondakala ukungafuni ukucinga ngokusweleka komntu omthandayo, futhi yinto eqhelekileyo.

Noko ke, ukuyilungela into enokwenzeka kunokuyinceda intsapho ingoyiki kakhulu ize izimisele ukuzola. Ezinye izinto ezinokwenzeka zikwibhokisi ethi “ Iiveki Zokugqibela Zokuphila Kwakhe.” Kakade ke, ezi zinto azenzeki kuzo zonke izigulane, zingenzeki nangendlela ezilandelelaniswe ngayo. Sekunjalo, ezinye zazo ziyenzeka kwabanye abantu.

Akusweleka umntu wakho, kunokuba kuhle ukuba uxelele umhlobo wakho okulungeleyo ukukunceda. Abantu abebemonga kunye nentsapho basenokufuna ukuqinisekiswa ukuba umntu wabo abamthandayo uphumle, akaseva zintlungu. UMdali wabo bonke abantu usenza siqiniseke ngokuba “abafileyo, abazi nto konke konke.”—INtshumayeli 9:5.

OYENA MNTU USIKHATHALELEYO

Simele sifunde ukwamkela lonke uncedo esilufumanayo

Kubalulekile ukumthemba uThixo, ungamthembi xa umntu wakowenu egulela ukusweleka nje qha kodwa naxa usentlungwini yokuba eswelekile. Unokukunceda ngamazwi abanye abantu nezinto abakwenzela zona. UDoreen uthi: “Ndafunda ukwamkela zonke iindlela endincedwa ngazo ngabantu. Indlela ababesinceda ngayo yasimangalisa nyhani. Mna nomyeni wam sasingayithandabuzi nakancinci into yokuba le nto ibonisa ukuba uYehova uthi, ‘Ndikunye nani ukuze ndinincede kule ntlungu.’ Soze ndiyilibale loo nto.”

Yinyaniso ukuba uYehova uThixo ngoyena mntu usikhathaleleyo. Ekubeni sidalwe nguye, uyayazi intlungu yethu. Uyakwazi yaye unomdla wokusinceda nokusithuthuzela ukuze sinyamezele. Eyona nto ivuyisayo kukuba usithembisa ukuba kungekudala uza kukuphelisa kuthi tu ukufa aze avuse inyambalala yabantu abasengqondweni yakhe. (Yohane 5:28, 29; ISityhilelo 21:3, 4) Ngoko bonke abantu banokutsho into eyathethwa ngumpostile uPawulos esithi: “Kufa, luphi na uloyiso lwakho? Kufa, luphi na ulwamvila lwakho?”​—1 Korinte 15:55.

^ isiqe. 2 Amagama atshintshiwe.