KwabaseRoma 5:1-21

  • Ukuxolelaniswa noThixo ngoKristu (1-11)

  • Ukufa ngenxa ka-Adam, ubomi ngenxa kaKristu (12-21)

    • Isono nokufa kwasasazeka ebantwini bonke (12)

    • Isenzo esinye sobulungisa (18)

5  Ngoko ke, ekubeni kuye kwathiwa singamalungisa ngenxa yokholo,+ masihlale siseluxolweni noThixo ngeNkosi yethu uYesu Kristu,+  esithe ngenxa yokuba nokholo kuye sakwazi ukufumana obu bubele bukaThixo* sibufumeneyo ngoku;+ yaye masivuye* ngenxa yethemba lokuba uThixo uza kusinika uzuko.  Masingavuyeli loo nto kuphela, kodwa masivuye naxa sisebunzimeni,+ kuba sisazi ukuba ubunzima businceda sikwazi ukunyamezela;+  ukunyamezela kwenza sithandwe nguThixo;+ ibe loo nto isenza sibe nethemba,+  kwaye elo themba alidanisi;+ kuba uThixo usebenzisa umoya wakhe oyingcwele asinika wona ukuze asibonise ukuba uyasithanda.+  Nyhani ke, ngoxa sasingenamandla,+ uKristu wafela abantu abanesono ngexesha elibekiweyo.  Kuba kunganzima ukuba umntu afele ilungisa, kodwa mhlawumbi angakhona umntu onokuvuma ukufela umntu olungileyo.  Kodwa uThixo ubonise ukuba uyasithanda ngokuthi uKristu asifele+ ngoxa sasisengaboni.  Ngoko ekubeni kuthiwe singamalungisa ngenxa yegazi lakhe,+ siza kusindiswa ngenxa yakhe kumsindo kaThixo.+ 10  Ukuba sathi siziintshaba, saxolelaniswa noThixo ngokufa koNyana wakhe,+ simele ke ngoku siqiniseke kakhulu ukuba siza kusinda kuba ephila, ekubeni sele sixolelanisiwe noThixo. 11  Akuphelelanga apho, kodwa sivuyiswa nakukuba sinobuhlobo noThixo ngenxa yeNkosi yethu uYesu Kristu, osincede saxolelaniswa noThixo.+ 12  Isono sangena ngomntu omnye ehlabathini, nokufa kwangena ngenxa yesono,+ kwaza ukufa kwasasazeka kubo bonke abantu ngenxa yokuba bonke babenesono+⁠— 13  Kuba isono besikho ehlabathini ngaphambi kokuba kubekho uMthetho, kodwa akukho mntu umangalelwa ngesono xa ungekho umthetho.+ 14  Sekunjalo, ukufa kwalawula njengokumkani ukususela kuAdam ukuya kutsho kuMoses, nakubantu abangonanga ngendlela efana neka-Adam, onezinto afana ngazo nalowo wayeza kuza.+ 15  Kodwa sona isipho asilingani nesono. Kuba ukona komntu omnye kwabangela abaninzi bafa, ngoko ke ngendlela efanayo, ngenxa yobubele* bomntu omnye,+ uYesu Kristu, abantu abaninzi+ baye bafumana ububele* nesipho esivela kuThixo. 16  Kwakhona imiphumo yesipho nemiphumo yesono esenziwa ngulaa mntu mnye ayifani.+ Kuba umgwebo wesa sono sinye yaba kukubekwa ityala kwabantu,+ kodwa sona isipho esafunyanwa emva kokuba abantu abaninzi bonile, sabangela ukuba kuthiwe abantu ngamalungisa.+ 17  Ukona kwalaa mntu mnye kwabangela ukufa kwalawula njengokumkani,+ ngoko abantu abafumene ububele bukaThixo* ngokuphuphumayo nesipho sokuba babizwe ngokuba ngamalungisa,+ baza kuphila, babe ngookumkani+ ngenxa yomntu omnye, uYesu Kristu!+ 18  Ngoko ke, kanye njengokuba isono esinye sabangela ukuba abantu bazo zonke iintlobo babekwe ityala,+ ngendlela efanayo, ngesenzo nje esinye sobulungisa, abantu bazo zonke iintlobo+ bayakwazi ukubizwa ngokuba bangamalungisa baze bafumane ubomi.+ 19  Kanye njengokuba abantu abaninzi benziwa aboni ngenxa yokungathobeli komntu omnye,+ ngokufanayo, abantu abaninzi baza kwenziwa amalungisa ngenxa yokuthobela komntu omnye.+ 20  Ngoko uMthetho wafika ukuze sande isono.*+ Kodwa sithe sakwanda isono, ububele bukaThixo* baphuphuma kakhulu. 21  Ukuze kuthini? Ukuze njengokuba isono nokufa zalawula njengokumkani,+ nobubele bukaThixo* bulawule njengokumkani ngobulungisa obukhokelela kubomi obungunaphakade ngenxa kaYesu Kristu iNkosi yethu.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “bubele bungasifanelanga.”
Okanye kusenokwenzeka, “siyavuya.”
Okanye “baphuphunyelwa bububele obungasifanelanga.”
Okanye “ububele obungasifanelanga.”
Okanye “ububele obungasifanelanga.”
Oko kukuthi, abantu baqonde ukuba banezono ezininzi.
Okanye “ububele obungasifanelanga.”
Okanye “ububele obungasifanelanga.”