Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Yintoni UBukumkani BukaThixo?

Yintoni UBukumkani BukaThixo?

Yintoni UBukumkani BukaThixo?

ABANYE ABANTU BATHI lulawulo lukaThixo olusentliziyweni yomntu; abanye bacinga ukuba yimiphumo yemigudu yabantu yokuzisa uxolo emhlabeni. Uthini wena?

OKO KUTHETHWA YIBHAYIBHILE

“UThixo wezulu uya kumisa ubukumkani obungenakuze bonakaliswe. . . . Buya kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani.” (Daniyeli 2:44) UBukumkani bukaThixo ngurhulumente wokwenyani.

ENYE INTO ESIYIFUNDA EBHAYIBHILENI

  • UBukumkani bukaThixo bulawula busezulwini.—Mateyu 10:7; Luka 10:9.

  • UThixo usebenzisa uBukumkani ukuze kwenzeke ukuthanda kwakhe ezulwini nasemhlabeni.—Mateyu 6:10.

Buza kufika nini obu Bukumkani?

UBUYA KUTHINI?

  • Akukho mntu waziyo

  • Kungekudala

  • Soze bufike

OKO KUTHETHWA YIBHAYIBHILE

“Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo, kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.” (Mateyu 24:14) Xa sele zishunyayelwe ngokupheleleyo, uBukumkani buya kuyiphelisa le nkqubo ingendawo.

ENYE INTO ESIYIFUNDA EBHAYIBHILENI

  • Akakho umntu emhlabeni owaziyo owona mhla buza kufika ngawo uBukumkani bukaThixo.—Mateyu 24:36.

  • Isiprofeto seBhayibhile sibonisa ukuba uBukumkani bukaThixo buza kufika kungekudala.—Mateyu 24:3, 7, 12.