Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

OKWENZEKA EHLABATHINI

Makhe Sithethe Ngamazwe AseMerika

Makhe Sithethe Ngamazwe AseMerika

Iindaba ezivela kuMazwe aseNtshona zithetha ngokubaluleka kobulumko beBhayibhile obungaphelelwa lixesha

Yehlisa Istres—Ngokungazijongi Qho Ii-imeyile

Uhlolisiso olwenziwe eVancouver, eKhanada, lubonisa ukuba abantu bangasehlisa istres xa bejonga ii-imeyile zabo kathathu kuphela ngosuku, kunokuba bajongane neefowuni umzuzu emva komnye. UKostadin Kushlev, owayengoyena uphambili kolu hlolisiso uphetha ngelithi: “Abantu abakwazi ukungazijongi ii-imeyile, kodwa xa benokukwazi ukuzibamba, singehla istres.”

KHAWUCINGE NGOKU: Siphila ‘kumaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.’ Ngaba loo nto ayimele isenze sifune iindlela esinokusehlisa ngazo istres?—2 Timoti 3:1.

Ukwehla Kwezinga Lokuloba

I-Wildlife Conservation Society (WCS) ithi eBelize nakwezinye iindawo zaseCaribbea “kuye kwaboniswa iingxelo zokuncipha kokulotywa koonokrwece, kohlobo oluthile lukanonkala waselwandle neentlanzi eziqhelekileyo kwiindawo ekungavumelekanga ukuba kulotywe kuzo.” Iphinda ithi: “Xa kuthelekiswa neendawo ekulotywa kuzo, ukwehla kwezinga lokulotywa kwezi zilwanyana zaselwandle kwiindawo ekungavumelekanga ukuba kulotywe kuzo kusenokuthabatha unyaka ukuya kwemithandathu. Kodwa ukungalotywa kwazo ngokupheleleyo . . . kusenokuthabatha amashumi eminyaka.” Ethetha ngeBelize, uJanet Gibson, ongumalathisi kwiWCS wathi: “Kucace mhlophe ukuba ziya kuhlala zincipha izilwanyana nezinye izinto eziphilayo zaselwandle kwiindawo ekungavumelekanga ukuba kulotywe kuzo.”

KHAWUCINGE NGOKU: Ngaba ukungapheli kwezi zinto zidaliweyo kubonisa indlela alumke ngayo uMdali?INdumiso 104:24, 25.

Ugonyamelo EBrazil

Isebe lenkcazelo laseBrazil, iAgência Brasil, lithi ugonyamelo lwanda okomlilo wedobo kwelo. Inani labantu ababulewe ngo-2012 libetha ngaphaya kwe-56 000. Elo lelona lakha lalikhulu xa lithelekiswa neleminye iminyaka ekwingxelo yeSebe Lezempilo. Ingcali ekulondolozeni ukhuseleko loluntu, uLuís Sapori, ikholelwa ukuba ukwanda kwabantu ababulawayo kubonisa ukuwohloka kokuziphatha. Xa abantu bengayithobeli imithetho, “basebenzisa izigalo ukuze kwenziwe intando yabo.”

NGABA UBUSAZI? IBhayibhile yaprofeta ngexesha laxa uthando ‘lusiya kuphola’ kuze kwande ukuchaswa komthetho.Mateyu 24:3, 12.