Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

NGABA YADALWA?

Imisonto Yeembaza Zaselwandle

Imisonto Yeembaza Zaselwandle

NJENGABO bonke oonokrwece, iimbaza zaselwandle zibambelela ematyeni, emithini nakwiinqanawa. Into ezahluke ngayo koonokrwece kukuba zona zibambelela ngemisonto ekuthiwa yibyssus threads. Nakuba le ndlela zibambelela ngayo izinceda zikwazi ukutya nokuhamba, le misonto ibonakala ithambe kakhulu ukuba ingakwazi ukumelana namaza. Iyinceda njani ke imbaza ingakhukuliseki?

Khawucinge ngoku: Iincam zemisonto yembaza zinecala eliqinileyo nelithambileyo. Abaphandi bafumanise ukuba le yeyona nto iyinceda ikwazi ukubambelela. Ngenxa yoko, le misonto iyakwazi ukumelana namaza ayisa ngapha nangapha.

UNjingalwazi uGuy Genin uthi iziphumo zolu phando “ziyamangalisa,” utsho esithi: “Loo mmangaliso ubangelwa yindlela ekrelekrele yokudibanisa incam eqinileyo nethambileyo.” Oososayensi bakholelwa ukuba nabantu bangakopa kwindlela esebenza ngayo le misonto xa besenza izakhiwo, bedibanisa imisipha namathambo naxa bengciba amanxeba emva kotyando. UNjingalwazi uJ HerbertWaite weYunivesithi yaseKhalifoniya uthi: “Ininzi gqitha into esinokuyifunda kwindalo ngokuncamathelisa izinto.”

Ucinga ntoni? Ngaba imisonto yeembaza zaselwandle yazivelela? Okanye yadalwa?