Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Xa uzazi kakuhle ukuba ungubani, soze uphaphatheke nakumoya omkhulu

KULUTSHA

9: Zazi Ukuba Ungubani

9: Zazi Ukuba Ungubani

KUTHETHA NTONI?

Ukuzazi akuphelelanga nje ekwazini igama lakho nendlela okhangeleka ngayo. Kuquka indlela oziphatha ngayo, izinto ozikholelwayo nobuntu bakho. Zizo zonke izinto ezikwenza ube nguwe, ngaphakathi nangaphandle.

KUTHENI KUBALULEKILE NJE?

Xa uzazi kakuhle ukuba ungubani, endaweni yokuvumela ukuba oontanga bakho bakulawule, uyazimela izinto ozikholelwayo.

“Abantu abaninzi bafana noonodoli abanxityiswa iimpahla ezivenkileni. Abazikhetheli ukuba banxibe ntoni; bakhethelwa ngabanye abantu.”—Adrian.

“Mna ndiye ndafunda indlela yokumela into elungileyo naxa kunzima. Abahlobo benyani ndibabona ngokuba ndikhululeke xa ndihleli nabo kuba behlonipha indlela endenza ngayo izinto.”—Courtney.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Musani ukumilisa okwale nkqubo yezinto, kodwa guqukani ngokutshintsha ingqondo yenu.”​—Roma 12:2.

YINTONI ONOKUYENZA?

Zazi ukuba ungumntu onjani ngoku nokuba ufuna ukuba ngumntu onjani. Ungakwenza oku ngokwazi izinto ozenza kakuhle, obuthathaka kuzo nezinto ozikholelwayo. Qalisa ngokuphendula le mibuzo ilandelayo.

Izinto ozenza kakuhle: Zeziphi iziphiwo nobuchule endinabo? Zeziphi ezona zinto ndizenza kakuhle? (Ngokomzekelo: Ngaba ndiyalibamba ixesha? ndiyakwazi ukuzibamba? ndikhuthele? ndingumntu ophayo?) Zeziphi izinto ezintle endizenzayo?

NALI ICEBISO: Ngaba kunzima ukubona izinto ezintle kuwe? Buza umzali okanye umhlobo omthembileyo ukuba ziintoni ozenza kakuhle nokuba kutheni esitsho.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Ngamnye makangqine oko ukuko umsebenzi wakhe, uya kwandula ke abe nesizathu sokugcoba ngaye siqu, kungekhona ngokuzithelekisa nomnye umntu.”​—Galati 6:4.

Izinto obuthathaka kuzo: Zeziphi izinto kubuntu bam ekufuneka ndizilungise? Kunini apho ndiye ndilingeke ekubeni ndenze izinto ezingalunganga? Zeziphi izinto ekusafuneka ndizibambe kuzo?

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Ukuba sithi: ‘Asinasono,’ siyazikhohlisa yaye inyaniso ayikho kuthi.”​—1 Yohane 1:8.

Izinto ozikholelwayo: Yeyiphi imithetho endizibekele yona, ibe ngoba? Ngaba ndiyakholelwa kuThixo? Ndazi njani ukuba ukho? Zeziphi izenzo endizibona zikukuphatha kakubi abantu, ibe ngoba? Ndikholelwa ukuba liza kuba njani ikamva?

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Amandla okucinga aya kukulinda, ukuqonda kuya kukulondoloza.”​—IMizekeliso 2:11.