Eyokuqala KaYohane 1:1-10
1 Sinibhalela ngelizwi lobomi,+ elalikho kwasekuqaleni, esalivayo, salibona ngawethu amehlo, salibukela, saza salibamba ngezandla,
2 (sibazile saza sabuqonda ubomi obungunaphakade,+ obusuka kuTata, nesiye sabuboniswa, yaye ngoku sinixelela ngabo).+
3 Eli lizwi silibonileyo siyanixelela nani ngalo,+ ukuze nimanyane nathi, njengokuba nathi simanyene noTata kunye noNyana wakhe uYesu Kristu.+
4 Yaye ezi zinto sizibhala ukuze sivuye ngokupheleleyo.
5 Umyalezo esiwufumene kuye, nesiwugqithisela kuni, uthi: UThixo ukukukhanya,+ yaye akukho bumnyama kuye.
6 Ukuba sithi, “Simanyene naye,” kodwa siqhubeke sihamba ebumnyameni, siza kuba siyaxoka, ibe izenzo zethu azingqinelani nenyaniso.+
7 Kodwa ke, ukuba sihamba ekukhanyeni njengokuba naye esekukhanyeni, siza kuba simanyene, yaye igazi loNyana wakhe uYesu liza kuzihlamba zonke izono zethu.+
8 Ukuba sithi, “Asinasono,” siyaziqhatha,+ futhi asiyikholelwa inyaniso.
9 UThixo uthembekile yaye ulilungisa, ngoko ukuba siyazivuma izono zethu, uza kusixolela aze abuhlambe bonke ububi obukuthi.+
10 Ukuba sithi, “Asonanga,” simenza ixoki, yaye asilikholelwa ilizwi lakhe.