Eyokuqala KaYohane 1:1-10

  • Ilizwi lobomi (1-4)

  • Ukuhamba ekukhanyeni (5-7)

  • Kufuneka sizivume izono zethu (8-10)

1  Sinibhalela ngelizwi lobomi,+ elalikho kwasekuqaleni, esalivayo, salibona ngawethu amehlo, salibukela, saza salibamba ngezandla,  (sibazile saza sabuqonda ubomi obungunaphakade,+ obusuka kuTata, nesiye sabuboniswa, yaye ngoku sinixelela ngabo).+  Eli lizwi silibonileyo siyanixelela nani ngalo,+ ukuze nimanyane nathi, njengokuba nathi simanyene noTata kunye noNyana wakhe uYesu Kristu.+  Yaye ezi zinto sizibhala ukuze sivuye ngokupheleleyo.  Umyalezo esiwufumene kuye, nesiwugqithisela kuni, uthi: UThixo ­ukukukhanya,+ yaye akukho bumnyama kuye.  Ukuba sithi, “Simanyene naye,” kodwa siqhubeke sihamba ebumnyameni, siza kuba siyaxoka, ibe izenzo zethu azingqinelani nenyaniso.+  Kodwa ke, ukuba sihamba ekukhanyeni njengokuba naye esekukhanyeni, siza kuba simanyene, yaye igazi loNyana wakhe uYesu liza kuzihlamba zonke izono zethu.+  Ukuba sithi, “Asinasono,” siyaziqhatha,+ futhi asiyikholelwa inyaniso.  UThixo uthembekile yaye ulilungisa, ngoko ukuba siyazivuma izono zethu, uza kusixolela aze abuhlambe bonke ububi obukuthi.+ 10  Ukuba sithi, “Asonanga,” simenza ixoki, yaye asilikholelwa ilizwi lakhe.

Umbhalo osemazantsi